IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • kp iphe. 3-5
  • Liza Kuphelela Phi Eli Hlabathi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Liza Kuphelela Phi Eli Hlabathi?
  • Hlalani Nilindile!
  • Amanqaku Afanayo
  • Iya Kufika Nini Intshabalalo Yehlabathi Eyaxelwa Kwangaphambili?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Ngaba Abantu Banokuluzisa Uxolo Nonqabiseko Olusisigxina?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Isiprofeto SeBhayibhile Osibone Sizaliseka
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
  • ImiHla Yokugqibela
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
Hlalani Nilindile!
kp iphe. 3-5

Liza Kuphelela Phi Eli Hlabathi?

Mihla le kubakho iingxaki ezinkulu neziganeko ezixhomis’ amehlo ehlabathini lonke! Kuthetha ntoni oku?

UNQABISEKO: Kuqhushumba iibhombu kwiindawo zezorhwebo. Ootitshala nabafundi badutyulelwa esikolweni. Abantwana baxhwilwa phambi kwabazali babo. Amabhinqa nabantu abakhulileyo baphangwa ilanga lihlab’ umhlaba.

IMEKO YEZONQULO: Iicawa zixhasa amaqela alwayo. Iinkokeli zonqulo zibekw’ ityala ngokutshatyalaliswa kohlanga. Abefundisi baxhaphaza abantu abaselula ngokwesini; icawa iyaliquma elo hlazo. Inani lamarhamente liyancipha; izakhiwo zecawa ziyathengiswa.

UBUME BENDALO: Amahlathi ayagawulwa ngenxa yezorhwebo. Amahlwempu ageca imithi ukuze afumane iinkuni. Imithombo yamanzi iyangcoliswa, akukhuselekanga ukuwasela. Ukungcola okuvela kwimizi-mveliso nezinye iindlela zale mihla zokuloba zenza kube nzima ukuloba. Ukungcoliswa komoya kubangela abantu batsarhwe.

INDLELA YOKUPHILA: Iingxelo zithi kwimimandla yaseAfrika engezantsi kweSahara mntu ngamnye ufumana malunga nee-R3 500 ngonyaka. Ukunyoluka kwabaphathi bezorhwebo kukhokelela ekuvalweni kwamashishini, nto leyo eshiya amawaka abantu engenamisebenzi. Ubuqhetseba benza ukuba abatyali-mali balahlekelwe yimali yabo yonke eselugcinweni.

UKUNQONGOPHALA KOKUTYA: Ehlabathini lonke abantu abamalunga nama-800 000 000 balala bengatyanga mihla le.

IIMFAZWE: Bangaphezu kwe-100 000 000 abantu ababulewe ziimfazwe kwinkulungwane yama-20. Kukho izixhobo zenyukliya ezinokutshabalalisa bonke abantu abakhoyo emhlabeni. Kugquba iimfazwe zamakhaya. Abanqolobi bayagqugqisa ehlabathini lonke.

IINDYIKITYA ZOKUFA NEZINYE IZIGULO: Ukususela ngowe-1918, uMbathalala uye wabulala abantu abangama-21 000 000. Ngoku uGawulayo “ungoyena bhubhani ubulala abantu abaninzi embalini.” Umhlaza nesifo sentliziyo zibangela intlungu ehlabathini lonke.

Ungajongi umxholo omnye weendaba. Ngaba ezi ziganeko zenzeka manqaphanqapha? Okanye ngaba ziyinxalenye yeziganeko zehlabathi lonke ezinentsingiselo yokwenene?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]

Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?

Ngenxa yokukhathazwa ziziganeko ezothusayo okanye ukulahlekelwa yinto exabisekileyo, abantu abaninzi bazibuza isizathu sokuba uThixo engazithinteli izinto ezinjalo.

UThixo usikhathalele ngokwenene. Usinika ulwalathiso esinokuluthemba noncedo lokwenene. (Mateyu 11:28-30; 2 Timoti 3:16, 17) Wenze amalungiselelo okuphelisa ngokupheleleyo ugonyamelo, ukugula nokufa. La malungiselelo awenzileyo abonisa ukuba akakhathalelanga abantu bohlanga oluthile nje kuphela, kodwa ukhathalele abantu bazo zonke iintlanga, izizwe neelwimi.—IZenzo 10:34, 35.

Thina simkhathalele kangakanani? Ngaba uyazi ukuba ngubani uMdali wezulu nomhlaba? Ngubani igama lakhe? Iyintoni injongo yakhe? Yonke le mibuzo uyayiphendula eBhayibhileni. Kuyo usixelela indlela aza kuluphelisa ngayo ugonyamelo, ukugula nokufa. Ukuze nathi singenelwe koko, yintoni esifanele siyenze? Kufuneka sifunde ngaye nangenjongo yakhe. Sinokungenelwa njani kumalungiselelo akhe xa singakholelwa kuye? (Yohane 3:16; Hebhere 11:6) Kwakhona sifanele sithobele imiyalelo yakhe. (1 Yohane 5:3) Ngaba unomdla wokwenjenjalo?

Ukuze siqonde isizathu sokuba uThixo ezivumele iimeko zanamhlanje, simele sazi ngembambano ebalulekileyo. IBhayibhile iyayichaza. Ungafunda ngayo kwiphepha 15 lale mpapasho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share