IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jl iphe. 3
  • Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?
  • Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
jl iphe. 3

Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?

UThixo ufuna siphile ngoxolo nolonwabo kwiparadesi esemhlabeni ngonaphakade!

Noko ke usenokuzibuza, ‘Ingenzeka njani into enjalo?’ IBhayibhile ithi loo nto inokwenziwa buBukumkani bukaThixo. UThixo uthanda ukuba bonke abantu bafunde ngoBukumkani nangenjongo anayo ngathi.—INdumiso 37:11, 29; Isaya 9:7.

UThixo ufuna singenelwe.

Kanye njengokuba ubawo onothando ebanqwenelela okuhle abantwana bakhe, uBawo wethu osemazulwini unqwenela ukuba sonwabe ngonaphakade. (Isaya 48:17, 18) Uthembisa ukuba ‘lowo wenza ukuthanda kwakhe uhleli ngonaphakade.’—1 Yohane 2:17.

UThixo ufuna sihambe emendweni wakhe.

IBhayibhile ithi uMdali wethu ufuna ‘ukusiyalela ngeendlela zakhe’ ukuze “sihambe emendweni wakhe.” (Isaya 2:2, 3) Uzenzele “isizwana segama lakhe” ukuze ukuthanda kwakhe kwaziwe ehlabathini lonke.—IZenzo 15:14.

UThixo ufuna simnqule ngokumanyeneyo.

Endaweni yokwahlula abantu, unqulo olunyulu lukaYehova lubamanyanisa ngothando. (Yohane 13:35) Ngoobani namhlanje abafundisa amadoda nabafazi abakuzo zonke iindawo ngendlela yokukhonza uThixo ngokumanyeneyo? Siyakucela ukuba uzifundele impendulo yalo mbuzo kule ncwadana inemifanekiso.

FUNDA OKUNGAKUMBI

Fundisisa iBhayibhile kunye nathi. Ngaba sele ufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova? Ukuba akunjalo, akungethandi ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile? Asihlawulelwa mali. Uya kufumanisa ukuba le yeyona ndlela onokusondela ngayo kuThixo.

Ungaziodela iincwadi ngaphandle kwemali. Ungabhalela kwiadresi efanelekileyo kwezi zikwiphepha elingasemva lale ncwadana inemifanekiso uze ucele incwadi yolwimi lwakho eya kukunceda wazi iBhayibhile.

Funda ngathi kwi-Intanethi. Yiya kwiWebhsayithi esemthethweni yamaNgqina kaYehova ethi www.pr2711.com. Apho unokufunda iBhayibhile uze uhlolisise okanye uprinte iincwadi zethu ezifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-750.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share