Isifundo 4
Usuku olunethayo.
“Andikwazi kuya phandle.
Kutheni ingapheli nje le mvula?”
UEsona uyalila.
Kuthi kusenjalo, jonga!
Nalo ilanga liphuma.
Imvula iyayeka.
Uvuya kakhulu uEsona!
Ubaleka aye phandle, engalindelanga, uEsona ubona into emangalisayo.
UEsona uthi, “Bendingayazi ukuba imvula evela kuThixo yenza iintyatyambo zikhule!”
IZINTO ENINOKUZENZA KUNYE
Fundela umntwana wakho:
Cela umntwana akhombe:
Ifestile Intaka UEsona
Umthi Iintyatyambo
Khangela izinto ezifihliweyo.
Uqongqothwane Inqwelo-moya
Buza umntwana wakho:
Kwakutheni ukuze uYehova enze imvula?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
[Umfanekiso okwiphepha 10]
[Umfanekiso okwiphepha 11]