IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 93 iphe. 216-iphe. 217 isiqe.¶ 5
  • UYesu Ubuyela Ezulwini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Ubuyela Ezulwini
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubonakala Kubantu Abaninzi Ngaphambi KwePentekoste
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukubonakala Okokugqibela, NePentekoste Yowama-33 C.E.
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukubonakala Okokugqibela, NePentekoste Yowama-33 C.E.
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • ENtabeni YeMinquma
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 93 iphe. 216-iphe. 217 isiqe.¶ 5
Abapostile bakaYesu bambukele enyukela ezulwini

ISIFUNDO 93

UYesu Ubuyela Ezulwini

UYesu wadibana nabalandeli bakhe eGalili. Wabanika lo myalelo ubaluleke kakhulu: ‘Hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke. Bafundiseni izinto endanixelela zona, nize nibabhaptize.’ Wabathembisa wathi: ‘Ndiza kuhlala ndinani.’

Kwiintsuku eziyi-40 uYesu evusiwe, wabonakala kubafundi bakhe abaninzi eGalili naseYerusalem. Wabafundisa izinto ezibalulekileyo waza wenza imimangaliso emininzi. Emva koko wadibana nabapostile bakhe okokugqibela kwiNtaba Yeminquma. Wathi kubo: ‘Ningemki eYerusalem. Hlalani nilinde oko kuthenjiswe nguTata.’

Abapostile bakhe babengakuqondi oko wayekuthetha. Bambuza: ‘Uza kuba nguKumkani wakwaSirayeli ngoku?’ UYesu wathi: ‘Alikafiki ixesha lokuba uYehova andenze uKumkani. Kungekudala niza kufumana amandla omoya oyingcwele, nize nibe ngamangqina am. Hambani niye kushumayela eYerusalem, kwaYuda, eSamariya nakwiindawo ezikude zomhlaba.’

Emva koko uYesu wanyukela esibhakabhakeni waza wasithela emafini. Abafundi bahlala bejonge phezulu wade waphelel’ emehlweni.

Abafundi bemka kwiNtaba Yeminquma baya eYerusalem. Babesoloko bedibana kwigumbi eliphezulu baze bathandaze. Babelinde uYesu ukuba abaxelele ezinye izinto abamele bazenze.

“Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.”—Mateyu 24:14

Imibuzo: UYesu wabanika wuphi umyalelo abafundi bakhe? Kwenzeka ntoni kwiNtaba Yeminquma?

Mateyu 28:16-20; Luka 24:49-53; Yohane 20:30, 31; IZenzo 1:2-14; 1 Korinte 15:3-6

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share