Intshayelelo Yecandelo 14
AmaKristu okuqala asasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani nakwezona ndawo zikude zomhlaba. UYesu wawabonisa apho kufuneka ashumayele khona waza ngokungummangaliso wawanceda ashumayela ngeelwimi zabo bantu. UYehova wawenza anesibindi waza wawanika amandla okunyamezela intshutshiso.
UYesu wabonisa umpostile uYohane umbono wozuko lukaYehova. Komnye umbono, uYohane wabona uBukumkani bamazulu busoyisa uSathana yaye buphelisa ulawulo lwakhe ngonaphakade. Wabona uKumkani uYesu elawula nabayi-144 000. Waphinda wabona umhlaba wonke usiba yiparadesi enabantu abakhonza uYehova ngoxolo nomanyano.