Oktobha
NgoLwesithathu, Oktobha 1
Ubulumko obuvela emazulwini . . . bulungele ukuthobela.—Yak. 3:17.
Ngaba ngamanye amaxesha kukhe kube nzima ukuthobela? Kwakukhe kube nzima nakuKumkani uDavide. Yiloo nto wathandaza kuThixo esithi: “Ndenze ndikufune ukukuthobela.” (INdu. 51:12) Wayemthanda uYehova. Kodwa ngamanye amaxesha kwakukhe kube nzima ukumthobela. Kunjalo ke nakuthi. Kutheni? Okokuqala, ukungathobeli sakufumana kubazali bethu bokuqala. Okwesibini, uSathana usoloko ezama ukusenza singamthobeli uYehova njengaye. (2 Kor. 11:3) Okwesithathu, siphila phakathi kwabantu beli hlabathi abangathobeliyo nabalawulwa ‘ngumoya osebenza kwabo bangamthobeliyo uThixo.’ (Efe. 2:2) Ngoko simele silwe kakhulu nemizimba yethu enesono, uMtyholi neli hlabathi ukuze sithobele uYehova nabantu abanike igunya. w23.10 6 ¶1
NgoLwesine, Oktobha 2
Uye walinda de kwangoku ngaphambi kokuba ukhuphe eyodidi.—Yoh. 2:10.
Yintoni esinokuyifunda kummangaliso kaYesu wokujika amanzi abe yiwayini? Sifundiswa ukuthobeka. UYesu zange aqhayise ngokwenza lo mmamngaliso, phofu zange azingomb’ isifuba ngayo nantoni na awayeyenza. Kodwa wayesoloko ethobekile futhi esisa lonke uzuko kuTata wakhe. (Yoh. 5:19, 30; 8:28) Ukuba sithobeke njengoYesu asizukuqhayisa ngayo nantoni na esiyenzayo. Masingaqhayisi ngezinto esizenzayo, kodwa masiqhayise ngoThixo esinenyhweba yokumkhonza. (Yer. 9:23, 24) Masimnike lonke uzuko kuba lumfanele. Ekugqibeleni, akukho nto sinokukwazi ukuyenza ngaphandle kokuncedwa nguYehova. (1 Kor. 1:26-31) Xa sithobekile asifuni ukuzukiswa ngezinto esizenzayo. Sivuyiswa kukwazi ukuba uYehova uyazibona futhi uyazixabisa izinto esizenzayo. (Thelekisa uMateyu 6:2-4; Heb. 13:16) Ngokuqinisekileyo siyamvuyisa xasithobeke njengoYesu.—1 Pet. 5:6. w23.04 4 ¶9; 5 ¶11-12
NgoLwesihlanu, Oktobha 3
Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.—Fil. 2:4.
Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba akhuthaze amaKristu ukuba abacingele abanye. Singayenza njani le nto kwiintlanganiso? Ngokukhumbula ukuba nabanye bayafuna ukuphendula njengathi. Yicinge kanje le nto. Xa uncokola nabahlobo bakho, uye ufune ibe nguwe wedwa othethayo? Hayi. Nabo uyafuna bathethe. Ngendlela efanayo, kwiintlanganiso sifuna wonke umntu afumane ithuba lokuphendula. Enye yeendlela esinokubakhuthaza ngazo abazalwana noodade kukubanika ithuba lokuthetha ngokholo lwabo. (1 Kor. 10:24) Ngoko mazibe mfutshane iimpendulo zethu ukuze sinike nabanye ithuba lokuphendula. Nokuba impendulo yakho imfutshane, kulumkele ukuthetha ngezinto ezininzi. Ukuba uzithatha zonke iimpendulo ezikwisiqendu, abanye abazukwazi ukuphendula. w23.04 22-23 ¶11-13
NgoMgqibelo, Oktobha 4
Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndizishumayele kwabanye.—1 Kor. 9:23.
Masingayilibali indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala sinceda abantu. Eyona ndlela esinokubanceda ngayo kukubaxelela ngoThixo. Kufuneka sibe bhetyebhetye xa sishumayela. Abantu esishumayela kubo bakholelwa kwizinto ezingafaniyo ngoThixo, basuka kwiindawo ezingafaniyo kanti nezithethe zabo azifani. Ikhona into esinokuyifunda kumpostile uPawulos kuba wayebhetyebhetye. UYesu wamnika umsebenzi wokuba ‘ngumpostile othunywe ezintlangeni.’ (Roma 11:13) Ngoko uPawulos wayeshumayela kumaYuda, kumaGrike, kwizifundiswa, kubantu basezilalini, kumagosa karhulumente nakookumkani. Ukuze akwazi ukufikelela iintliziyo zabo bantu bangafaniyo, waba “zizinto zonke kuzo zonke iintlobo zabantu.” (1 Kor. 9:19-22) Eyona nto wayecinga kakhulu ngayo kukuba bavela phi abantu awayethetha nabo, iziintoni abazikholelwayo. Le nto yayimnceda akwazi ukushumayela kumntu ngamnye ngendlela eyayiza kumnceda athande uThixo. Nathi sinokufikelela iintliziyo zabantu abaninzi ukuba sibhetyebhetye futhi sizama ukucinga ngeyona ndlela esinokumnceda ngayo umntu esishumayela kuye. w23.07 23 ¶11-12
NgeCawa, Oktobha 5
Akufuneki ukuba ikhoboka leNkosi lilwe, kodwa kufuneka liphathe wonke umntu ngobubele.—2 Tim. 2:24.
Umntu olulamileyo akalogwala, womelele. Kuye kufuneke loo nto ukuze ahlale ezolile xa kunzima. Ukululama lolunye uphawu ‘lwesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukululama” belidla ngokusetyenziswa xa kuchazwa ihashe ebelindlongondlongo laza lenziwa lazola. Khawube nombono welo hashe, ngoxa lizolile lisenawo wona amandla. Thina singakwazi njani ukomelela ngoxa silulamile? Loo nto asinakukwazi ukuyenza ngamandla ethu. Kufuneka sicele uThixo asincede ngomoya wakhe sibe nolu phawu luthandekayo. Baninzi abantu abaye bafunda ukululama. Ngokomzekelo, abazalwana noodade abaninzi baye bakwazi ukuhlala bezolile xa abantu bezama ukuphikisa izinto abazithethayo. Loo nto yenze abanye abantu bathetha kakuhle ngamaNgqina.—2 Tim. 2:24, 25. w23.09 15 ¶3
NgoMvulo, Oktobha 6
Ndandithandaza, [ndicela] kuYehova ukuba andinike le nkwenkwana, waza wawuphendula umthandazo wam.—1 Sam. 1:27.
Embonweni, umpostile uYohane wabona abadala abayi-24 ezulwini bekhonza uYehova. Babedumisa uThixo besithi unamandla futhi ‘ufanele ukwamkela uzuko nembeko.’ (ISi 4:10, 11) Neengelosi ezithembekileyo zinezizathu ezininzi zokumdumisa uYehova. Zihlala naye ezulwini futhi zimazi kakuhle. Zibona iimpawu zakhe kwizinto azenzayo. Xa zibukele izinto azenzayo, zitsho zimdumise. (Yobhi 38:4-7) Nathi, xa sithandaza sifuna ukumdumisa uYehova, simxelele izinto esizithandayo ngaye nokuba kutheni simhlonipha. Xa ufunda iBhayibhile, zama ukujonga iimpawu zakhe ozithanda kakhulu. (Yobhi 37:23; Roma 11:33) Emva koko, mxelele ukuba zikwenza uzive njani. Sinokumdumisa kuba enceda thina nabazalwana noodade abasemhlabeni wonke.—1 Sam. 2:1, 2. w23.05 3-4 ¶6-7
NgoLwesibini, Oktobha 7
[Yenzani] izinto ngendlela uYehova afuna ngayo nize.—Kol. 1:10.
Ngo-1919 abantu bakaThixo bakhululeka kwiBhabhiloni Enkulu. Ngaloo nyaka ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ laqalisa ukusebenza ukuze lincede abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bahambe ‘kwiNdlela Yobungcwele.’ (Mat. 24:45-47; Isa. 35:8) Umsebenzi wokulungisa indlela owawenziwe kwixesha elidlulileyo wanceda abantu ababeqala ukuhamba kuyo bafunda izinto ezininzi ngoYehova nezinto aza kuzenza. (IMize. 4:18) Bakwazi nokuphila ngendlela uYehova ayilindeleyo kubo. UYehova ebengalindelanga ukuba abantu bakhe batshintshe yonke into ngexesha elinye, kodwa ebebalungisa ngokuya ixesha lihamba. Kuza kuba mnandi nyhani xa sesikwazi ukwenza yonke into ngendlela evuyisa uYehova.Yonke indlela ifuna ukuhlal’ ilungiswa. Ukususela ngo-1919 ‘iNdlela Yobungcwele’ iye yaqhubeka ilungiswa ukuze nabanye abantu bakwazi ukuyishiya iBhabhiloni Enkulu. w23.05 17 ¶15; 19 ¶16
NgoLwesithathu, Oktobha 8
Soze ndinishiye.—Heb. 13:5.
IQumrhu Elilawulayo liye laqeqesha abazalwana abancedisa kwiikomiti ezahlukahlukeneyo zalo. Sithetha nje mkhulu umsebenzi abawenzayo aba bazalwana entlanganweni. Bakulungele ngandlela zonke ukuqhubeka nomsebenzi wokuhoya izimvu zikaKristu. Xa iqela lokugqibela labathanjiswa lisiya ezulwini ngasekupheleni kwentlungu engathethekiyo, uYehova uza kuqhubeka ekhonzwa ngendlela ayifunayo apha emhlabeni, kuba abakhonzi bakhe baza kube bekhokelwa nguYesu Kristu. Ewe kona, ngelo xesha siza kube sihlaselwa liqela leentlanga elikhohlakeleyo elibizwa ngokuba nguGogi wakwamaGogi. (Hez. 38:18-20) Kodwa loo nto ayizukwenza abantu bakaYehova bayeke ukumkhonza. Siqinisekile ukuba uza kubakhusela. Kaloku embonweni umpostile uYohane wabona “isihlwele esikhulu” sezinye izimvu zikaKristu. Waxelelwa ukuba esi sihlwele sikhulu ‘siphuma kwixesha lentlungu engathethekiyo.’ (ISityhi. 7:9, 14) Ngoko asithandabuzi nakancinci ukuba uYehova uza kubasindisa abantu bakhe. w24.02 5-6 ¶13-14
NgoLwesine, Oktobha 9
Sanukuwucima umoya kaThixo osebenza njengomlilo kuni.—1 Tes. 5:19.
Yintoni esinokuyenza ukuze siwufumane? Sinokuwuthandazela, sifunde iLizwi likaThixo aliphefumlele ngawo size sihambisane nentlangano ayikhokela ngalo moya. Le nto iza kusinceda sisebenzele ukuba ‘nesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Xa uYehova esinike umoya wakhe oyingcwele, masilumkele ‘ukuwucima lo moya usebenza njengomlilo kuthi.’ Uwunika kuphela abantu abacinga izinto ezilungileyo nabaziphethe kakuhle. Uyayeka ukusinika umoya wakhe ukuba sihlala sicinga ngezinto ezimdaka size sizenze. (1 Tes. 4:7, 8) Enye into esimele singayenzi xa sifuna ukuhlala siwufumana ‘kukudelela iziprofeto.’ (1 Tes. 5:20) “Iziprofeto” ekuthethwa ngazo apha yimiyalezo esiyinikwa nguYehova esebenzisa umoya wakhe. Eminye yaloo miyalezo ithetha ngemini yakhe nangokungxamiseka kwala maxesha siphila kuwo. Asicingi ukuba loo mini okanye iArmagedon ayizukufika kweli xesha lethu, siyaqonda ukuba seyikufutshane. Loo nto siyibonisa ngokuba sixakeke zizinto ‘ezibonisa ukuba sizinikele kuThixo’ nangokuhlala siziphethe kakuhle.—2 Pet. 3:11, 12. w23.06 12 ¶13-14
NgoLwesihlanu, Oktobha 10
Ubulumko buqala ngokoyika uYehova.—IMize. 9:10.
Thina maKristu, yintoni esimele siyenze xa kusithi gqi umfanekiso wephonografi kwizixhobo zethu ze-elektroniki? Sifanele siwasuse ngoko nangoko amehlo ethu kuwo. Into eza kusinceda siyenze loo nto kukukhumbula ukuba eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba ngabahlobo bakaYehova. Nemifanekiso engeyophonografi inokuyivuselela iminqweno yokuziphatha kakubi ngesondo. Kutheni simele siyilumkele? Asifuni nento encinci enokusenza sirhalele ukuziphatha kakubi. (Mat. 5:28, 29) Omnye umdala waseThailand, uDavid, uthi: “Ndiye ndizibuze: ‘Nokuba lo mfanekiso awuyophonografi, ngaba uYehova uza kuvuya xa ndingayeki ukuwujonga?’ Loo nto indinceda ndenze ngobulumko.” Ukoyika ukukhathaza uYehova kuza kusinceda senze ngobulumko. Ubulumko “buqala” ngokoyika uThixo. w23.06 23 ¶12-13
NgoMgqibelo, Oktobha 11
Hambani, bantu bam, ningene kumagumbi enu afihlakeleyo.—Isa. 26:20.
‘Amagumbi afihlakeleyo’ asenokuba ngamabandla ethu. Ngentlungu engathethekiyo uYehova uza kusikhusela xa siqhubeka simkhonza namanye amaKristu. Ngoko masisebenze nzima ngoku ukuze singabanyamezeli njee abazalwana noodade, kodwa sibathande. Ukusinda kwethu kusenokuxhomekeka kuloo nto. ‘Ngemini enkulu kaYehova’ kuza kuba nzima kubo bonke abantu. (Zef. 1:14, 15) Kuza kuba nzima nakubantu bakhe. Kodwa ukuba siyilungiselela kwangoku siza kukwazi ukuzola nokunceda abanye. Siza kukwazi ukuzinyamezela zonke iingxaki esisenokuba nazo. Xa abazalwana noodade besehlelwa zizinto ezibuhlungu, siza kubavela size sibancede ngezinto abazidingayo. Ukuba siqala kwangoku ukubathanda abazalwana noodade, soze siyeke ukubathanda nangelo xesha. Ukuba siyayenza loo nto, uYehova uza kusisikelela ngobomi obungunaphakade kwihlabathi apho iintlekele neentlungu ziza kube ziphoswe kwelokulibala.—Isa. 65:17. w23.07 7 ¶16-17
NgeCawa, Oktobha 12
[UYehova] uza kuniqinisa, anomeleze, aze anenze nizinze.—1 Pet. 5:10.
Xa lithetha ngamadoda awayenokholo, iLizwi LikaThixo lidla ngokuthi ayomelele. Kodwa nawayomelele kakhulu kuwo ayekhe aphelelwe ngamandla. Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha uKumkani uDavide wayeziva ‘omelele okwentaba,’ kodwa ngamanye wayekhe ‘oyike.’ (INdu. 30:7) Nangona uSamson wayesiba namandla angaqhelekanga xa umoya kaThixo usebenza kuye, wayeqonda ukuba ngaphandle kwawo wayeza kuba “buthathaka njengabo bonke abanye abantu.” (ABagwe. 14:5, 6; 16:17) La madoda athembekileyo ayesomelezwa kukuba uYehova wayewanika amandla. Umpostile uPawulos wayeqonda ukuba naye wayewadinga amandla avela kuYehova. (2 Kor. 12:9, 10) Wayegula. (Gal. 4:13, 14) Kwakukhe kube nzima nokwenza into elungileyo. (Roma 7:18, 19) Kanti ngamanye amaxesha wayekhe oyike izinto ezinokwenzeka kuye. (2 Kor. 1:8, 9) Kodwa xa engenamandla kuxa kanye wayesiba namandla. Yayisenzeka njani loo nto? UYehova wayemnika amandla awayewadinga ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo. w23.10 12 ¶1-2
NgoMvulo, Oktobha 13
UYehova ubona okusentliziyweni.—1 Sam. 16:7.
Ukuba ngamanye amaxesha sikhe sibone ngathi akho yethu, simele sikhumbule ukuba uYehova usitsalele kuye. (Yoh. 6:44) Ubona iimpawu ezintle kuthi, ekusenokwenzeka ukuba thina asiziboni, futhi uyazazi iintliziyo zethu. (2 Kron. 6:30) Ngoko sinokumthemba xa esithi sixabisekile. (1 Yoh. 3:19, 20) Ngaphambi kokuba bafunde inyaniso, abanye bethu babesenza izinto ekusenokwenzeka ukuba zisabakhathaza nangoku. (1 Pet. 4:3) KwanamaKristu athembekileyo alwa nomnqweno wokufuna ukwenza izinto ezingalunganga. Wena, ngaba ukhe ubone ngathi uYehova akanakukuxolela? Ukuba uthi ewe, kunokukuthuthuzela ukwazi ukuba nabanye abakhonzi bakaYehova ababethembekile babekhe bazive njengawe. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayeziva elusizana xa ecinga ngeempazamo zakhe. (Roma 7:24) UPawulos wayeguqukile kwizono awayezenza waza wabhaptizwa. Sekunjalo wayesazibona ‘engoyena uphantsi kubapostile,’ noyena moni “ubodlula bonke.”—1 Kor. 15:9; 1 Tim. 1:15. w24.03 27 ¶5-6
NgoLwesibini, Oktobha 14
Abantu bayishiya indlu kaYehova.—2 Kron. 24:18.
Enye into esiyifundayo kwisigqibo esingafanelekanga awasenzayo uKumkani uYehowashe kukuba simele sibe nabahlobo abathanda uYehova, abafuna ukumvuyisa nabaza kusikhuthaza ukuba senze izinto ezilungileyo. Abahlobo bethu bafanele bangabi ngabantu abalingana nathi qha. Kaloku noYehowashe wayemncinci kakhulu kumhlobo wakhe uYehoyada. Nantsi imibuzo omele uzibuze yona ngabahlobo onabo: ‘Ngaba bandinceda ndibe nokholo olomeleleyo? Ngaba bandikhuthaza ukuba ndiphile ngendlela ethandwa nguYehova? Ngaba bayancokola ngoYehova neenyaniso zakhe ezibalulekileyo? Ngaba bayayihlonipha imithetho yakhe? Ngaba basoloko bendixelela le nto ndifuna ukuyiva, okanye baba nesibindi sokundilungisa xa ndiphuma endleleni?’ (IMize. 27:5, 6, 17) Xa sithetha inyani, awubadingi abahlobo abangamthandiyo uYehova. Kodwa ukuba bayamthanda, yithi nca kubo kuba baza kukunceda.—IMize. 13:20. w23.09 9-10 ¶6-7
NgoLwesithathu, Oktobha 15
NdinguAlfa no-Omega.—ISityhi. 1:8.
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngowokugqibela. Xa uYehova esithi unguAlfa no-Omega, uthetha ukuthi xa eyiqalile into, uyayigqiba. Emva kokuba uYehova edale uAdam noEva, wathi kubo: “Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.” (Gen. 1:28) Xa wayechaza into awayefuna yenzeke waba ngathi uthi “Alfa.” Kwakuza kufika ixesha apho abantwana baka-Adam noEva abathobelayo nabangenasono babeza kugcwalisa umhlaba, baze bawenze ube yiparadesi. Xa seyenzekile loo nto uza kuba ngathi uthi “Omega.” Akugqiba uYehova ukudala “amazulu nomhlaba nayo yonke into ekuwo,” wathetha amazwi asenza siqiniseke ukuba iza kwenzeka into awayefuna yenzeke. Wasenza saqiniseka ukuba ekupheleni kosuku lwe-7 iza kwenzeka yonke into afuna yenzeke ebantwini nasemhlabeni.—Gen. 2:1-3. w23.11 5 ¶13-14
NgoLwesine, Oktobha 16
Vulelani uYehova indlela! Yenzelani uThixo wethu uhola wendlela othe tye, onqumla entlango.—Isa. 40:3.
Uhambo olwalunzima olwalusuka eBhabhiloni lusiya kwaSirayeli lwalunokuwathatha iinyanga ezimalunga neziyi-4 amaYuda, kodwa uYehova wawathembisa ukuba wayeza kususa nantoni na endleleni eyayinokwenza kubonakale kunzima ukubuyela kwilizwe lawo. AmaYuda athembekileyo ayesazi ukuba ukubuyela kwaSirayeli kwakuza kuwanceda ngaphezu kwayo nantoni na ekwakuza kufuneka ayincame. Eyona nto awayeza kuncedakala kakhulu kuyo yayikukukhonza uYehova. Kaloku yayingekho itempile kaYehova eBhabhiloni. UMthetho owabhalwa nguMoses wawufuna benze imibingelelo, kodwa kwakungekho sibingelelo, bengekho nababingeleli. Enye into, abantu abaninzi ababehlala kweso sixeko babekhonza oothixo bobuxoki bengenaxesha likaYehova nemithetho yakhe. Ngoko amaYuda amaninzi awayesoyika uThixo ayefuna nyhani ukubuyela kwilizwe lawo ukuze aphinde akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. w23.05 14-15 ¶3-4
NgoLwesihlanu, Oktobha 17
Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya.—Efe. 5:8.
Ukuze siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya, siyawudinga umoya kaThixo. Kutheni sisitsho? Kaloku kunzima nyhani ukuhlala uziphethe kakuhle kweli hlabathi liziphethe kakubi kangaka. (1 Tes. 4:3-5, 7, 8) Umoya oyingcwele unokusinceda silwe nendlela elicinga ngayo eli hlabathi. Kaloku lona alijongi izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo. Enye into onokusinceda kuyo kukuba sibe ngabantu ‘abalungileyo kuyo yonke into, senze ubulungisa.’ (Efe. 5:9) Enye indlela esinokuwufumana ngayo umoya oyingcwele kukuthandaza, siwucele. UYesu wathi uYehova uza ‘kubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Naxa sikunye kwiintlanganiso, sidumisa uYehova, siyawufumana umoya oyingcwele. (Efe. 5:19, 20) Lo moya kaThixo unefuthe lokusinceda siphile ngendlela emvuyisayo. w24.03 23-24 ¶13-15
NgoMgqibelo, Oktobha 18
Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa.—Luka 11:9.
Uyafuna ukuya usiba nomonde? Ukuba uthi ewe, luthandazele olu phawu. Umonde luphawu lwesiqhamo somoya. (Gal. 5:22, 23) Ngoko sinokuwuthandazela, sicele uYehova asincede sibe nesiqhamo sawo. Ukuba kwenzeka into efuna sibonise ukuba sinawo na umonde, ‘sinokuqhubeka sicela’ uThixo asiphe umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sibe nawo. (Luka 11:13) Sinokumcela nokuba asincede sizibone ngendlela yakhe izinto. Emva kokuba sithandazile, yonke imihla simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sibe nomonde. Ukuba siqhubeka sithandazela ukuba nomonde, size sisoloko sizama ukuba nawo, uYehova uza kusinceda sibe nawo kakhulu nokuba besikade singenawo. Kuza kusinceda nokucingisisa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ithetha ngabantu abaninzi ababenomonde. Xa sicingisisa ngamabali abo, sinokufunda iindlela zokubonisa umonde. w23.08 22 ¶10-11
NgeCawa, Oktobha 19
[Hlisani] iminatha yenu ukuze nibambise iintlanzi.—Luka 5:4.
UYesu wamenza waqiniseka umpostile uPetros ukuba uYehova uza kumnika izinto azidingayo. Emva kokuba evusiwe, wenza uPetros nabanye abapostile baphinda babambisa iintlanzi ngendlela emangalisayo. (Yoh. 21:4-6) Ngokuqinisekileyo lo mmangaliso wenza uPetros waphinda waqiniseka ukuba uYehova soze axakwe kukumnika izinto azidingayo. Mhlawumbi wakhumbula into eyathethwa nguYesu, esithi uYehova uza kubanika izinto abazidingayo abo ‘bafuna kuqala uBukumkani.’ (Mat. 6:33) Ngenxa yaloo nto, ukushumayela kwaba yeyona nto ibalulekileyo kuPetros kuneshishini lokuloba. NgePentekoste ka-33 C.E. washumayela ngesibindi, enceda amawaka abantu bamkele iindaba ezilungileyo. (IZe. 2:14, 37-41) Emva koko wanceda amaSamariya nabantu abangengomaYuda bafunda ngoKristu baza bamlandela. (IZe. 8:14-17; 10:44-48) Ngokuqinisekileyo uYehova wamsebenzisa kakhulu ukuze ancede zonke iintlobo zabantu zibe kwibandla lamaKristu. w23.09 20 ¶1; 23 ¶11
NgoMvulo, Oktobha 20
Ukuba anindichazeli ngokwenu eli phupha nokuba lithetha ukuthini, niza kunqunqwa.—Dan. 2:5.
Emva kweminyaka emibini amaBhabhiloni etshabalalise iYerusalem. UKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni waphupha ngomfanekiso omkhulu yaza loo nto yamoyikisa. Wathi uza kubulala onke amadoda azizilumko, nkqu noDaniyeli, ukuba awamxeleli ukuba lithetha ukuthini elo phupha. (Dan. 2:3-5) Kwakuza kufuneka kubekho into akhawuleza ayenze uDaniyeli kuba kwakuza kufa abantu abaninzi. Ngoko “waya kukumkani, wamcela ukuba amphe ixesha lokuba amchazele ukuba lithetha ukuthini eli phupha.” (Dan. 2:16) Loo nto yayibonisa ukuba unesibindi nokholo. Kutheni sisitsho? Kaloku akukho nto iseBhayibhileni ebonisa ukuba uDaniyeli wayekhe watolika amaphupha ngaphambili. Wacela abahlobo bakhe, “ukuba bathandaze bacele inceba kuThixo wezulu ngale mfihlelo.” (Dan. 2:18) UYehova wayiphendula loo mithandazo. Wamnceda uDaniyeli wakwazi ukutolika iphupha likaNebhukadenetsare. Ngoko uDaniyeli nabahlobo bakhe zange babulawe. w23.08 3 ¶4
NgoLwesibini, Oktobha 21
Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.—Mat. 24:13.
Cinga ngendlela oza kuncedakala ngayo xa unomonde. Xa sinomonde, siyonwaba futhi siyazola. Ngoko ukuba nomonde kunokuyenza bhetele impilo yethu engqondweni nasemzimbeni. Xa sinomonde ebantwini siyavana nabo, nebandla esikulo limanyana kakhulu. Xa kukho umntu okucaphukisayo uze ungakhawulezi ukuba nomsindo, loo nto isenokungade ihambele phambili. (INdu. 37:8, umbhalo osemazantsi; IMize. 14:29) Kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba, xa sinomonde silinganisa uTata wethu osezulwini, futhi sisondela kakhulu kuye. Umonde luphawu oluthandeka nyhani nolusincedayo. Ngoxa kusenokungasoloko kulula ukuba nawo, uYehova unokusinceda ukuze siqhubeke sizama ukuba nalo olu phawu. Njengoko sililinde ngomonde ihlabathi elitsha, sinokuqiniseka ukuba “ilihlo likaYehova lihlala libagadile abo bamoyikayo, abo bathembele kuthando lwakhe olungagungqiyo.” (INdu. 33:18) Akwaba sonke singazimisela ukuqhubeka sinxibe umonde. w23.08 22 ¶7; 25 ¶16-17
NgoLwesithathu, Oktobha 22
[Ukholo]; ukuba alunamisebenzi, lufile.—Yak. 2:17.
UYakobi wathi umntu usenokuthi unokholo kodwa imisebenzi ibe ingabonisi loo nto. (Yak. 2:1-5, 9) Waphinda wathetha ngomntu owabona ‘umzalwana okanye udade odlakazelayo okanye olambileyo’ waza akamnceda. Nokuba lo mntu wayenokuthi unokholo, kuba lwalungenamisebenzi wayefana nongenalo. (Yak. 2:14-16) Xa uYakobi wayethetha ngomntu onokholo olubonakala ngemisebenzi, wathetha ngoRahabhi. (Yak. 2:25, 26) URahabhi wayevile ngoYehova waza waqonda ukuba amaSirayeli ayencedwa nguye. (Yosh. 2:9-11) Izinto awazenzayo zabonisa ukuba wayenokholo. Wasindisa ubomi beentlola ezimbini zakwaSirayeli. Ngenxa yaloo nto lo mfazi wayengengomSirayeli nowayenesono kwathiwa lilungisa, kanye njengokuba uThixo wayetshilo nakuAbraham. KuRahabhi sifunda indlela ekubaluleke ngayo ukuba umntu abonise ukholo ngemisebenzi. w23.12 5-6 ¶12-13
NgoLwesine, Oktobha 23
Kwanga ningangagungqi nize nibambelele nkqi kwisiseko sokholo.—Efe. 3:17.
Thina maKristu asifuni ukuqonda iimfundiso ezilula zeBhayibhile zodwa. Umoya oyingcwele usinceda sifune ukufunda “kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Kor. 2:9, 10) Unokuzenzela ucwangciso lokuphanda izinto ezinzulu eziseBhayibhileni, neziza kukwenza usondele kuYehova. Ngokomzekelo, unokuphanda ngendlela awalubonisa ngayo uthando kubakhonzi bakhe bakudala, nokuba loo nto ibonisa njani ukuba nawe uyakuthanda. Ungafunda ngendlela uYehova awayefuna amkhonze ngayo amaSirayeli uze uyithelekise nendlela afuna simkhonze ngayo ngoku. Usenokuphanda nzulu nangezinto ekwakuprofetwe ngazo, ezenzeka kuYesu xa wayelapha emhlabeni. Kungamnandi ukuphanda ngezi zinto kwincwadi ethi iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. Ukuphanda ngezinto ezinzulu eziseBhayibhileni kunokuluqinisa ukholo lwakho, kuze kukuncede “umazi uThixo.”—IMize. 2:4, 5. w23.10 18-19 ¶3-5
NgoLwesihlanu, Oktobha 24
Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Thandanani ngokusuka entliziyweni, kuba uthando logquma izono ezininzi.—1 Pet. 4:8.
Igama eliguqulelwe ngokuthi “ngokusuka entliziyweni,” awalisebenzisayo apha umpostile uPetros ngokoqobo lithetha “ukolula.” Xa iqhubeka le vesi ichaza into enokwenziwa lolu thando xa sinalo. Lunokuzogquma izono zabazalwana noodade. Khawube nombono wetafile enamabala amaninzi angasukiyo. Ungakwazi ukuthatha ilaphu ulolule ukuze uwogqume. Ngendlela efanayo ke, ukuba sibathanda kakhulu ngokusuk’ entliziyweni abazalwana noodade, sinokogquma okanye sixolele “izono ezininzi” abazenzayo. Simele sibathande kakhulu abazalwana noodade ukuze sikwazi ukubaxolela xa besenza iimpazamo, nokuba kukhe kungabi lula ngamanye amaxesha. (Kol. 3:13) Xa sibaxolela sibonisa indlela esibathanda kakhulu ngayo nokuba sifuna ukuvuyisa uYehova. w23.11 11-12 ¶13-15
NgoMgqibelo, Oktobha 25
UShafan wayifunda phambi kokumkani.—2 Kron. 34:18.
Xa uKumkani uYosiya wayena-26, wathi makulungiswe itempile. Xa yayilungiswa, kwabhaqwa “incwadi yoMthetho kaYehova eyayidluliselwe ngoMoses.” Akuyiva ifundwa, ukumkani wakhawuleza wazenza izinto ezazibhalwe kuyo. (2 Kron. 34:14, 19-21) Wena, uyafuna ukuyifunda qho iBhayibhile? Mhlawumbi sowuzama. Ngaba kumnandi ukuyifunda? Uyazigcina iivesi ezinokukunceda? Xa uYosiya wayeneminyaka emalunga neyi-39, wenza impazamo eyamenza wabulawa. Kunokuba abuze kuYehova, wazithemba. (2 Kron. 35:20-25) Ikhona into esiyifundayo kule nto. Nokuba sibadala kangakanani okanye sineminyaka emingaphi sifunda iBhayibhile, masingayeki ukumfuna uYehova. Loo nto ithetha ukuba masihlale sithandaza, simcele asibonise indlela, sifunde iLizwi lakhe size sivume nokucetyiswa ngamaKristu anokholo oluqinileyo. Xa sizenza ezi zinto, asinakufane sizenze iimpazamo ezinkulu futhi sinokonwaba.—Yak. 1:25. w23.09 12 ¶15-16
NgeCawa, Oktobha 26
UThixo akabathandi abantu abanekratshi, kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.—Yak. 4:6.
IBhayibhile ithetha ngamabhinqa amaninzi awayethanda uYehova futhi emkhonza. ‘Ayengabaxi xa esenza izinto’ futhi ‘ayethembeke kuyo yonke into,’ njengoko usitsho uMbhalo elisekelwe kuwo eli nqaku. (1 Tim. 3:11) Nasebandleni banokuba khona oodade abathanda uYehova, abanokufunda izinto ezininzi kubo oodade abasebatsha. Nina boodade abasebatsha, khanicinge ngoodade enibaziyo abaqhuba kakuhle eninokubalinganisa. Qwalaselani iimpawu zabo ezintle, nize nicinge ukuba ninokwenza ntoni ukuze nani nibe nazo. Uphawu olubalulekileyo amele abe nalo amaKristu kukuthobeka. Ukuba udade uthobekile, uza kuthandwa nguYehova nangabanye abantu. Ngokomzekelo, ibhinqa elimthandayo uYehova nelithobekileyo liza kulandela umyalelo wobuntloko obekwe nguTata wakhe osezulwini (1 Kor. 11:3) Lo myalelo uchaza ukuba ngubani omele akhokele ebandleni nasentsatsheni. w23.12 18-19 ¶3-5
NgoMvulo, Oktobha 27
Abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo.—Efe. 5:28.
UYehova ulindele ukuba umyeni ayithande inkosikazi yakhe, ahoye izinto ezidingayo, abe ngumhlobo wokwenene kuyo aze ayincede ihlale ingumhlobo Wakhe. Ukuba namandla okucinga, ukuhlonipha abantu ababhinqileyo nokuba ngumntu onokuthenjwa, ziza kumnceda umzalwana osemtsha xa etshatile. Emva kokuba nitshatile nisenokuba nabantwana. Yintoni eninokuyifunda kuYehova ngokuba ngutata? (Efe. 6:4) UYehova zange abe nantloni zokuxelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17) Ukuba niye nangootata, baqinisisekiseni abantwana benu ukuba niyabathanda. Hlalani nibancoma xa benze izinto ezintle. Ootata abalinganisa uYehova bayabanceda abantwana babo ukuba babe ngamadoda namabhinqa alinganisa uYesu. Ninokukulungiselela ngoku ukuba ngootata ngokukhathalela abantu bakowenu nabazalwana noodade, nangokubaxelela ukuba niyabathanda futhi babalulekile kuni.—Yoh. 15:9. w23.12 28-29 ¶17-18
NgoLwesibini, Oktobha 28
[UYehova] uyintsika yexesha lakho.—Isa. 33:6.
Ngoxa sithembekile kuYehova, siba nazo iingxaki futhi siyagula njengabanye abantu. Kusenokufuneka sinyamezele nokuphathwa kakubi ngabantu abangamfuniyo uThixo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi ezi zinto, kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda. (Isa. 41:10) Uza kusinceda sihlale sivuya, senze izigqibo ezifanelekileyo size sihlale sithembekile kuye nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Uthembisa ukuba uza kusinika into iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’ (Fil. 4:6, 7) Olu xolo yindlela esizola ngayo engqondweni nasentliziyweni, ngenxa yokuba singabahlobo bakhe. ‘Luyayodlula indlela yabantu yokucinga’; lumangalisa ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wazola ngendlela owawungayilindelanga emva kokuthulula isifuba sakho kuYehova? Loo ndlela wawuziva ngayo, ‘luxolo lukaThixo.’ w24.01 20 ¶2; 21 ¶4
NgoLwesithathu, Oktobha 29
Mandimdumise uYehova; mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.—INdu. 103:1.
Abantu abathanda uYehova badumisa igama lakhe ngeentliziyo zabo zonke. UKumkani uDavide wayesazi ukuba udumisa uYehova xa edumisa igama Lakhe. Xa sisiva igama likaYehova siye sicinge ngohlobo lomntu anguye, ngeempawu zakhe ezintle nangezinto ezimangalisayo azenzileyo. UDavide wayefuna ukulingcwalisa nokulidumisa igama likaTata wakhe. Loo nto wayefuna ukuyenza “ngentliziyo [yakhe] yonke.” NabaLevi babekhokela ekudumiseni igama likaYehova. Ngenxa yokuba babethobekile, bavuma ukuba babeswele amazwi afanelekileyo okulidumisa igama likaYehova elingcwele. (Neh. 9:5) Kodwa ngenxa yokuba babemdumisa ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba bamvuyisa uYehova. w24.02 9 ¶6
NgoLwesine, Oktobha 30
Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.—Fil. 3:16.
UYehova akasoze acinge ukuba akukho yakho xa ungakwazanga ukuyenza into obuzimisele ukumenzela yona, ebingaphezu kwamandla akho. (2 Kor. 8:12) Funda xa kusenzeka into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Sukuzilibala izinto okwazileyo ukuzenza. IBhayibhile ithi ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Heb. 6:10) Ungawulibali ke nawe. Cinga ngezinto osele ukwazile ukuzenza. Mhlawumbi uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova nokuxelela abanye ngaye okanye ukubhaptizwa. Ekubeni uye wakwazi ukuzenza izinto obuzimisele ukumenzela zona uYehova, unokukwazi ukusebenzela nakwezo uzimisele ukumenzela zona ngoku. UYehova uza kukunceda ude ukwazi ukwenza into ozimisele ukumenzela yona. Njengokuba usebenzela ukuyenza into ozimisele ukumenzela yona uYehova, yonwatyiswa kukubona indlela akunceda nakusikelela ngayo. (2 Kor. 4:7) Ukuba awuncami, uza kukusikelela kakhulu.—Gal. 6:9. w23.05 31 ¶16-18
NgoLwesihlanu, Oktobha 31
Kaloku uTata uyanithanda, kuba niye nandithanda, naza nakholelwa ukuba ndithunywe nguye.—Yoh. 16:27.
UYehova uyathanda ukubonisa abantu abathandayo indlela abamvuyisa ngayo. IZibhalo zisixelela ngamaxesha amabini, apho axelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17; 17:5) Wena, ungathanda ukuva uYehova esithi uyamvuyisa? UYehova akathethi nathi esezulwini, kodwa usebenzisa iLizwi Lakhe, iBhayibhile. Xa sifunda izinto uYesu awayezithetha kubafundi bakhe, iba ngathi siva uYehova esithi uyavuyiswa sithi. UYesu wayezibonakalisa zinjengokuba zinjalo iimpawu zikaTata wakhe. Abafundi bakaYesu babethembekile kodwa benesono. Ngoko xa sifunda ukuba wabaxelela ukuba uyavuyiswa ngabo, sinokuba nombono kaYehova ethetha loo nto nakuthi. (Yoh. 15:9, 15) Iingxaki esinazo azibonisi ukuba uYehova akasavuyiswa sithi. Kodwa kusinika ithuba lokumbonisa ukuba simthanda kangakanani, futhi sithembele kangakanani kuye.—Yak. 1:12. w24.03 28 ¶10-11