Kholosani NgoYa UYehova!
“Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.”—ISAYA 26:4.
1, 2. Yiyiphi ingoma yemihlali yokudumisa ebhalwe kuIsaya 26:1-6, ibe ngoba?
UKUSINGELWA phantsi ‘kwemizi yeentlanga ezingcangcazelisayo’ kubangela ukuba kuvunywe ingoma yoloyiso! (Isaya 25:3) Ngoko ke, ngokufanelekileyo isiprofeto esikuIsaya isahluko 26, indinyana 1 ukuya kweye-6, sibonisa ingoma yemihlali yokudumisa iNkosi enguMongami uYehova. Kwanangoku ivunywa ‘nakwilizwe lakwaYuda,’ Yuda lowo othetha “Ukubonga.” Kwanalapha, iKing James Version isebenzisa ibinzana elithi “INKOSI UYEHOVA” apho kuye kwaphindaphindwa khona igama likaThixo. Kodwa hayi indlela achwayitisa ngakumbi ngayo amazwi ale ngoma afumaneka kule ndinyana kwanakwezinye iindinyana njengoko eguqulelwa ngokuchanileyo kwiBhayibhile yesiXhosa!
2 Ngoku khawumamele olu ncuthu lwengoma: “Yinqaba umzi wethu thina; [uYehova] umisa iindonga nongqameko zibe lusindiso. Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka. Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe. Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade. Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini. Ziyawunyhasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.” Olunjani lona uvuyo oluphakathi kwabo bakholose ngaye benesabelo ekuvumeni le ngoma ngoku—amaNgqina kaYehova!
3. (a) Luluphi olu “hlanga lunobulungisa,” ibe ngoobani abaye bangena ‘kumasango’ alo avuliweyo? (b) Kwenzeka njani ukuba intlangano kaYehova iqhubele phambili imanyene phezu kwayo nje imigudu yotshaba yokuyitshabalalisa?
3 INkosi uYehova—uYa uYehova—ngenene uya kubathoba abanekratshi aze abahlangule abo basoloko bekholosa ngaye. Nangona wayekade ‘engomncinane,’ uSirayeli wokomoya uye waba “luhlanga olunamandla,” “uhlanga olunobulungisa.” ‘Kumasango’ avuliweyo entlangano kaYehova enjengesixeko, kuye kwangena isihlwele esinamandla samaqabane athanda ubulungisa esingaphezu kwezigidi ezithathu. Bebonke bakha ubuzalwana bezizwe ngezizwe, obunabemi ubuncinane abangaphezu kwabamazwe angama-57 abumba oko kubizwa ngokuba ziZizwe Ezimanyeneyo. Kodwa olu “hlanga” lukaThixo nabo banxulumana nalo bamanyene ngokwenene. Emhlabeni wonke, luzimisele ukuthobela imilinganiselo yakhe yobulungisa. “Iindonga” zentlangano ‘yohlanga’ lukaThixo zibangela ukuba lukhuseleke kwimigudu kaSathana yokuphazamisa ihambo yalo yokuthembeka ekuxhaseni inyaniso. Olu tshaba alunakukuphazamisa ukuhambela phambili ngokunyaniseka kwaba bantu bakaThixo! Ngalo lonke ixesha, sisoloko sikholosa ‘ngoYa uYehova, iLiwa elingunaphakade.’—Isaya 54:17; 60:22.
4, 5. (a) Uyintoni ‘umzi oyingxonde,’ ibe abantu bakaYehova bawunyhasha njani ngokomfuziselo? (b) Esi siprofeto sikaIsaya 26:10 sibe nayo nini inzaliseko yaso enkulu, ibe oku kwenzeka njani? (c) Yiyiphi enye indlela esisebenza ngayo esi siprofeto?
4 Njengoko sihlokomisa isilumkiso sokuba uYehova sele eza kuwudiliza “umzi oyingxonde,” “iBhabhiloni Enkulu,” kuchukumis’ intliziyo ukubona abaziintsizana nabazizisweli emhlabeni besamkela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (ISityhilelo 18:2, 4, 5) Ngendlela efuziselayo nabo, bayawunyhasha loo ‘mzi uyingxonde,’ kungekhona ngokuba nesabelo ekuwutshabalaliseni, kodwa ngokuba nenxaxheba ekuvakaliseni umhla wempindezelo kaYehova phezu kwale nkqubo yonakeleyo. (Isaya 61:1, 2) Kangangamashumi eminyaka ngoku, amaNgqina kaYehova ebebonakalisa ububele kwanakwabangendawo ngokubatyelela emakhayeni abo ephethe isigidimi soBukumkani esisindis’ ubomi. Kodwa imiphumo ibinjengokuba kuchazwe kuIsaya 26:10: “Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuOOni ubungangamsha buka Yehova.”
5 Esi siprofeto sokubuyiselwa sinenzaliseko yaso enkulu namhlanje. Nangona benikwa ithuba, bambalwa abantu abafuna ukuguqula ikhondo lobomi babo khon’ ukuze bafumane ubabalo lukaYehova ‘kwilizwe labathe gca.’ Abo bagculela uYehova namangqina akhe anyanisekileyo ‘abayi kububona ubungangamsha bukaYehova,’ kuba abayi kusinda ukuze banandiphe iintsikelelo ezimangalisayo eziya kuthululelwa uluntu emva kokuba igama likaYehova lingcwalisiwe. (Isaya 11:9) Kwakhona, esi siprofeto sikwanokusebenza kumhlaba oyiParadisi phakathi kwabo baya kube bevuswe emangcwabeni. Nabaphi na abala ukwenza izinto ezifunwa nguThixo njengoko ziya kucaciswa ‘kwiincwadi’ zikaThixo zelo xesha, amagama aOO awayi kubhalwa ‘kwincwadi yobomi.’—ISityhilelo 20:12, 15; thelekisa uHezekile 33:11.
UYehova Umisela Uxolo
6. Abantu bakaYehova abanyanisekileyo badanduluka benovuyo ngawaphi amazwi, ibe kutheni kunjalo nje?
6 Phofu ke, abantu bakaThixo abanyanisekileyo banomdla omkhulu ekuOOneni uYa uYehova ezukiswa aze athethelelwe. Bayambongoza ukuba ‘abamisele uxolo’ abantu bakhe, ibe ngovuyo badanduluka besithi: “Ulwandisile uhlanga, Yehova, ulwandisile uhlanga; uzizukisile; uzikhwelelisele kude iziphelo zelizwe.” (Isaya 26:12, 15) Emazweni angama-210 emhlabeni jikelele, uYehova uyaqhubeka esongeza abantu ababumvu kuhlanga lwakhe lokomoya. Amakhulu amawaka abantu abasebatsha ayabhaptizwa. Oovulindlela abakhethekileyo, abathe ngxi nabangabancedani abangaphezu kwesiqingatha sesigidi bakhonza ngeenyanga ezikhethekileyo. Kwakhiwa iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano ezingakumbi. Amasebe eWatch Tower andisa Amakhaya awo aseBheteli nemizi-mveliso yawo aze ongeze noomatshini bokushicilela. Ulwando luyaqhubeka!
7. Yintoni ebangela ukuba kubekho ulwando kwintlangano kaYehova enjengesixeko?
7 Olu lwando luyaqhubeka ngenxa yokuba ‘uMthetheli woxolo’ walathisa imicimbi yabantu bakaThixo emhlabeni. Kunjengokuba uIsaya esithi ngaphambilana kwisiprofeto sakhe: “Ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.” (Isaya 9:6, 7) Hayi indlela azalisekiswe kakuhle ngayo loo mazwi namhlanje! Abo bakholosa ngoYehova sele belufumana olo xolo, okusesikweni nobulungisa bolawulo lwaloo mthetheli. Oko kuye kwabahlanganisa kunye kumanyano lothando olunanditshwa kuphela ngabafundi bakaYesu bokwenyaniso. (Yohane 13:34, 35) Ngaphezu koko, bakhangele phambili belindele ngolangazelelo ixesha elisondela ngokukhawuleza xa ulawulo loBukumkani bukaYesu ‘nokwazi uYehova’ kuya kuzalisa umhlaba uphela.—Isaya 11:9; Daniyeli 2:35, 44, 45.
8. Yintoni eboniswa ngamazwi kaYehova kuIsaya 26:20, ibe ‘iingontsi’ zinxulunyaniswa nantoni?
8 Njengoko olu lwando loBukumkani lusondela kwincopho, uYehova uvakalisa la mazwi kuIsaya 26:20: “Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma.” Ngokungathandabuzekiyo ezi ‘ngontsi’ zichazwe kwesi siprofeto zinokunxulunyaniswa namabandla anjengemizi angaphezu kwama-54 000 anceda ekondleni amaNgqina kaYehova kuwo wonke umhlaba. Oko kucingwa nguYehova kuseza kubonwa. Kodwa sinokuqiniseka ukuba xa etshabalalisa abangendawo, uya kubakhusela abantu abakholosa ngaye, kanye njengokuba wabahlangulayo ngomhla kaIsaya ngokuthi atshabalalise iAsiriya ekhohlakeleyo.—Isaya 10:24-26.
Intlangulo Iqinisekisiwe!
9. (a) UKumkani uHezekiya wabonisa njani ukuba wayekholose ngoYehova? (b) Xa sitshutshiswa okanye sinyeliswa ngabantu abathiye uYehova, yiyiphi indlela efanelekileyo esifanele sisabele ngayo?
9 Abakhonzi bakaYehova namhlanje bakholose ngaye benesizathu esifanayo neso sikaKumkani uHezekiya. Wayama ngokupheleleyo ngoYehova njengeNkosi yakhe enguMongami. Ngenxa yoko, kwincopho yesisongelo seAsiriya, wathandaza ngala mazwi kuYehova: “Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wen a wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.” (Isaya 37:16, 17) Xa utshutshiswa, usenziwa intlekisa, okanye unyeliswa ngabantu abathiye uYehova, ngaba akuye kuthi qatha umthandazo onjengalowo entliziyweni yakho? Ukholose ngokupheleleyo ngoYehova, ngaba akumbongozi ukuba ashenxise ungcikivo egameni lakhe? Leyo yindlela uYesu awavakalelwa ngayo xa wayeza kufa emthini wentuthumbo. Wade wacela ukuba indebe awayeza kuyisela ‘idlule’ kuye ngenxa yongcikivo olukhulu kwigama likaYise.—Mateyu 26:39-44.
10. (a) Umthandazo kaHezekiya watyhila ntoni ngento awayeyixhalabele ngokuyintloko? (b) Sinokufana njani noHezekiya njengoko sijongene neemvavanyo ngaphambi nje kweArmagedon?
10 Umthandazo kaHezekiya wabonisa ukuba wayengenantshukumisa yokuzingca xa wathi wacela ukuhlangulwa esandleni samaAsiriya. Wayengazami nje ukusindisa ubomi bakhe. Kunoko, wayexhalabele ukuba igama likaYehova lingcwaliswe nokuba kuthethelelwe ukuba ngumongami Kwakhe. Ngaloo ndlela, umthandazo wakhe wawuqukumbela ngala mazwi: “Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.” (Isaya 37:20) Ngokufanayo, njengoko sijongene novavanyo olwandulela imfazwe yokugqibela yeArmagedon, masikhumbule ukuba ukusindisa ubomi bethu akubalulekanga ngaphezu kokungcwaliswa kwegama lika Yehova. Kunjengokuba iNkosi yethu enguMongami yathi kangangezihlandlo ezinokuba ngama-60 yavakalisa oku ngomprofeti wayo uHezekile: “Zazi ukuba ndinguYehova.”—Hezekile 38:23.
11. (a) Yiyiphi impazamo eyenziwa nguSaneribhe, ibe uYehova wathini ngokuphathelele oku? (b) Ngenxa yoko kwenzeka kuSaneribhe, ainokuba nayiphi intembelo?
11 Emva kokuba uHezekiya ethandazile, uIsaya waxelela loo kumkani amazwi awathethwa ngu Yehova okuchasa uSaneribhe. Enjani yona impazamo eyenziwa nguloo mnyelisi waseAsiriya ukunyelisa uThixo ophilileyo! Esebenzisa uIsaya, uYehova wathetha oku ngokuphathelele uSaneribhe: “Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.” !be yayingoyiNgcwele wakwaSirayeli owathabath’ inyathelo ngobo busuku! Yaba sisithunywa sezulu esinye nje kuphela sikaYehova esaxabela saza sabangela ‘izidumbu’ ezili-185 000 zamajoni aseAsiriya, awona madoda aphambili emkhosini kaSaneribhe. Loo kumkani uzidlayo wasabela eNineve ehlazekile yaye kwiminyaka ethile kamva wathi waxatyelwa wabulawa ngoonyana bakhe ngoxa wayesanqula izithixo. Sinokukholosa ngoYehova, sinentembelo yokuba uya kuphumeza isohlwayo esifanayo kuSathana nakubo bonke abangakwicala lakhe abathetha amazwi anyelisayo baze batshutshise amaNgqina kaYehova.—Isaya 37:23, 36-38.
Uphindezelela “Ababuleweyo”
12. (a) UIsaya 26:21 ukuchaza njani oko kuya kwenzeka eArmagedon? (b) Bangoobani “ababuleweyo” abaya kuphindezelelwa kwanangaphambi kweArmagedon, ibe oko kuya kwenzeka njani?
12 Emva phayaa oko kwakungumbono wedabi owoyikekayo, kodwa umgwebo owoyikeka ngakumbi uya kwenzeka ebudeni ‘bembandezelo enkulu.’ (Mateyu 24:21) UYehova usimema ukuba sibone indlela abaninzi ngayo abantu abaya kubulawa kuloo ndyikitya! “Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo.” (Isaya 26:21) Okokuqala, uYehova uza kwenza ukuba amagunya obupolitika aphumeze umgwebo kubaxhasi beemfundiso zonqulo lobuxoki. Oothixo babo bobuxoki abayi kubasindisa ngaloo mhla! Makaqhubeke upopu waseRoma ehlanganisa zonke iinkonzo ‘zeBhabhiloni Enkulu’ ukuze zenze imithandazo. Akukho namnye kwabo baxhasi bale nkqubo kazwelonke omzukisayo uThixo oyinyaniso nophilileyo, uYehova. Iimfundiso zabo ziphosakele, azisekelwanga eBhayibhileni, ibe neendlela zabo zinjalo. Baye babulalana kangangeenkulungwane ezininzi. Baye baphalaza igazi lamaKristu angenalugonyamelo. Kule nkulungwane yama-20, uninzi lwaba benzi bobubi luye lwaxhasa oozwilakhe abakhohlakeleyo abaye babulala amaNgqina kaYehova ezintolongweni nakwiikampu zoxinaniso ngokusebenzisa amaqela abantu abadubulayo nangokusebenzisa izembe. Njengoko uYehova evakalisa ngokuphandle ngabaprofeti bakhe, uya kuphindezela ngenxa ‘yababuleweyo.’—Duteronomi 32:41, 43; Isaya 1:24; 63:4; ISityhilelo 17:15-18; 18:21, 24.
13. Yintoni le uIsaya wayixela kwangaphambili ngokubhekisele ‘kwimini ka Yehova,’ ibe loo mazwi asebenza koobani?
13 Emva kokuba unqulo lobuxoki lutshatyalalisiwe, uYehova uya kubahlasela ngokukhawuleza bonke abachasi abasaseleyo boBukumkani bukaKristu. Amazwi kaThixo akuIsaya 13:6, 9 abhekisela kubo bonke abachasi abanjalo ‘nakwiBhabhiloni Enkulu’: “Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla. Yabona, imihla kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.” Kuya kwenzeka kanye njengokuba umdumisi uDavide waxela kwangaphambili wathi: “UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, abatshabalalise bonke abangendawo.”—INdumiso 145:20; ISityhilelo 19:11-21.
14. Ngawaphi amazwi abhekele phaya kaIsaya iintlanga ezenza kakuhle ukuwathobela, ibe ngoba?
14 Iintlanga zomhlaba beziya kuba zenza kakuhle ukuthobela amazwi kaIsaya abhekele phaya akwisahluko 34, indinyana 1 ukuya kweyesi-8: “Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; . . . Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni. Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo. . . . Kuba uYehova unomhla wempindezelo.” Namhlanje ukonakala nokuziphatha okubi zizinto ezixhaphakileyo kwezobupolitika, kwezorhwebo nakunqulo lobuxoki. Kodwa uYehova unenjongo yokuba kubekho umhlaba ococekileyo. Ngenxa yoko, kuzo zonke iintlanga—uhlanganisa abo bantu bakuvumayo ukuguqula ubomi babo ukuze bamkhonze ngobulungisa baze—basindiswe. Bonke abanye bamele batshabalale ngomhla wakhe wempindezelo.—Yeremiya 25:31-33.
IParadisi Yoxolo
15. Uchaza ntoni uIsaya kwisahluko 35 ngokuphathelele (a) namhlanje? (b) nakwixesha elizayo?
15 KuIsaya isahluko 35, umprofeti kaThixo uyaqhubeka eehaza ngokueaeileyo imeko abaya kuphila phantsi kwayo abantu bakaYehova ababuyiselweyo, aOO namhlanje basoloko bekholose ngaye. Ekubeni behlanganiselwe kwiparadisi yokomoya, ‘bayabubona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu.’ Bakwakhangele phambili kwiparadisi yokoqobo nasekuzalisekisweni kwedinga elithi: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini.” (Isaya 35:1, 2, 5, 6) Ngaba liyakuvuyisa elo themba? Ngaba ukholose ngoYehova, unentembelo yokuba uya kuwazalisekisa loo madinga?
16, 17. (a) Sisiphi isibongozo esingxamisekileyo esenziwa nguIsaya ngoxa echaza iParadisi? (b) Abantu bakaYehova bafanele basabele njani kwesi sibongozo?
16 Ukholose ngoYehova, unokuba nesabelo ekukhuthazeni abatsha, kwanabanye abanokholo olunokufuna ukomelezwa. Kwingeaciso yakhe engeParadisi, umprofeti uIsaya uhlomela esi sibongozo singxamisekileyo: “Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo. Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.” (Isaya 35:3, 4) Ewe, sifuna ukubona bonke abo bantliziyo zityekele ebulungiseni besakha ukukholosa kwabo ngoYehova, ukuze bangene kumhlaba owenziwe iParadisi.
17 Ngoko masixhase nabaphi na abanezandla eziwayo ukuze bakwazi ‘ukubambelela elizwini lobomi.’ Masiqinise nabaphi na abanamadolo agexayo, sibanika uneedo kwiindawo abalufuna kuzo ‘ukuze bahambe ngokuyifaneleyo iNkosi base kuko konke ukuyikholisa.’ (Filipi 2:16; Kolose 1:10) Ewe, masithuthuzele nabani na oziva edakumbile entliziyweni, yaye masikhuthazane, xa sijongene nezilingo okanye intshutshiso, ukuze sibonise ‘ubuganga bokulithetha ilizwi likaThixo, singenakoyika.’ (Filipi 1:14; 1 Tesalonika 5:14; Efese 5:15, 16) Ngoko ke, sinokuqiniseka ukuba, xa imini kaYehova yempindezelo ihlasela, uya kusisikelela ‘njengoko esiza ukuze ahlangule abantu bakhe.’ Ngaloo mini, ngaba uya kuba phakathi kwabo bakholose ngoYehova ukuze basindiswe?
18. Liliphi ithemba elizukileyo elingaphambili abanalo abo bakholosa ngoYehova, yaye bazimisele ukwenza ntoni?
18 Abo basoloko bekholosa ngoYehova, banethemba elizukileyo eliya kuzaliseka emva kwaloo mhla! Aboni abazisa ingeinezelo baya kube bengekho! Kwihlabathi elitsha, abantu abathanda uYa uYehova baya kubuyiselwa nguNyana wakhe kwimfezeko yokungabi nasono! Akulilangazeleli na ixesha elinjalo? Ukukholosa kwakho ngoYehova kuya kukubangela ukuba ubekho ngaloo mhla umangalisayo. Ewe, nina nonke, ngalo lonke ixesha kholosani ngo Y ehova, kuba oku kuthetha usindiso!
Imibuzo Vempinda
◻ Ingoma yoloyiso ekuIsaya 26 isikhuthaza ukuba senze ntoni?
◻ Nguwuphi “umzi oyingxonde” aya kuthi uYehova awusingele phantsi, ibe siwunyhasha njani?
◻ Sifunda ntoni kumthandazo kaHezekiya xa wayejongene nokusongelwa nguSaneribhe?
◻ Abo “babuleweyo” ngokutsho kukaIsaya 26:21 baphindezelelwa njani?
◻ Uya kuba yintoni umphumo ukuba sikholosa ngoYa uYehova?
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
Bagwetywe Na Aba Basebenza Ngokusondeleyo NoPopu?
Ishwankathela inqaku likaUmberto Siniscalchi kwiII Giornale yaseMilan, iWorld Press Review ithi: “Eyona nkundla iphakamileyo yamatyala eItali igxekwa ngokuqatha kuba ngoJulayi [1987], yawafumanisa engenatyala amagosa amathathu ebhanki yeVatican awayebandakanyeke kwihlazo elingundaba-mlonyeni lobuqhophololo obenziwa kwibhanki eyaziwa ngokuba yiBanco Ambrosiano,” Isigqibo, esasisekelwe kwisivumelwano sakudala phakathi kweVatican norhulumente waseltali, sathi makakhululwe usihlalo wale bhanki, ongubhishophu omkhulu, nokwangumalathisi nomphathi wezimali kule bhanki. Eli phephancwadi longezelela ngelithi: “Bambi abahlab’ amadlala, nangona bengababeki tyala abagwebi ngeso sigqibo, bemi ngelithi siye asahambisana nomgaqosiseko waseItali ngokukhulula abo baphula umthetho kumhlaba waseltali, Bambi abaqingqimthetho balwela isivumelwano esikhulula isebe lezobulungisa eItali ukuba libagwebe abo Basebenza Ngokusondeleyo NoPopu ngenxa yolwaphulomthetho abaye balwenza eItali.”