“Bonke Abasemangcwabeni Enkumbulo”
NGABA unokuqiniseka ukuba inkoliso yabantu abafileyo iya kuphinda iphile? Ewe, ekubeni uYesu wathi: “Musani ukumangaliswa kuko oku, kuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni enkumbulo balive ilizwi lakhe, baphume.” (Yohane 5:28, 29, NW) Phawula ibinzana elithi ‘amangcwaba enkumbulo,’ elikho kuphela kwiNew World Translation. Lisikhumbuza ngokubaluleka kwenkumbulo kaThixo eluvukweni.
Kutheni inguqulelo eqhelekileyo ethi, “amangcwaba,” ingasetyenziswanga? Kungenxa yokuba uYesu akazange asebenzise isininzi segama lesiGrike elithi taʹphos, elithetha “ingcwaba” okanye “idlaka.” Eneneni, asingabo bonke abathi bafa abangcwatywa kumangcwaba okoqobo, okanye kwiitaʹphoi. Sekunjalo, abo uThixo aya kubabuyisela eluvukweni bakwinkumbulo yakhe. Oku kuboniswa kukusebenzisa kukaYesu uhlobo lwesininzi segama elithi mne·meiʹon, elinxulunyaniswa ngokusondeleyo namagama esiGrike ngokusisiseko athetha “ukukhumbula.” (Mateyu 16:9; Marko 8:18) IGreek-English Lexicon kaH. G. Liddell noR. Scott iguqulela igama elithi mne·meiʹon ngokuthi “isikhumbuzo, inkumbulo, ingxelo yomntu okanye into, . . . ingcwaba, . . . ngokuqhelekileyo, ilitye lesikhumbuzo.”
Ngaloo ndlela, iNew World Translation yenza umahluko phakathi kwegama elithi taʹphos nelithi mne·meiʹon. Kwakhona kufanele kukhunjulwe ukuba iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile ngokufanayo zisebenzisa amabinzana amabini awahlukeneyo kuMateyu 23:29 apho omabini amagama esiGrike abonakala khona. IRevised Standard Version iwaguqulela ngale ndlela ilandelayo: “Nakha amangcwaba [uhlobo lukataʹphos] abaprofeti nize nihombise amatye ezikhumbuzo [uhlobo lukamne·meiʹon] amalungisa.”
UMdali womntu akazilibali iindlela ababephila ngazo abantu abangamawaka ezigidi ababekhe baphila. (INdumiso 139:16; 147:4; Mateyu 10:30) Ngexesha lakhe elifanelekileyo, uya kubakhumbula abo ‘bakumangcwaba enkumbulo’ aze ababuyisele ebomini kumhlaba ocociweyo. Enjani yona indlela esikhuthazeka nesithuthuzeleka ngayo kukwazi ukuba inkumbulo kaThixo egqibeleleyo ayinakusilela!—ISityhilelo 20:11-13.