Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba kufanelekile ngomKristu ukuzingela okanye ukuloba?
Iindlela ezahlukahlukeneyo ekujongwa ngazo ukuzingela ngokufuthi zibandakanya iimvakalelo ezinzulu. Ngoko kukokona kulungileyo ngomKristu ukuzabalazela ukuqonda nokusebenzisa indlela uYehova uThixo acinga ngayo ngalo mbandela njengoko ifunyanwa eBhayibhileni.
UThixo wabanika abantu igunya phezu kwezilwanyana ‘zasendle’ nezilwanyana ‘zasekhaya.’ Ekuqaleni, abantu babengavunyelwanga nguMdali, okanye bengenayo nayiphi na imfuno engokwenyama, yokubulala izilwanyana ukwenzela ukutya. (Genesis 1:24, 29, 30, NW) Kuphela kusemva koNogumbe awathi uThixo wabanika abantu ilungelo lokutya inyama yesilwanyana eyayikhutshwe ngokufanelekileyo ‘umphefumlo wayo—igazi layo.’ (Genesis 9:3, 4) Leyo yayisenokuba yinyama yesilwanyana sasekhaya okanye esasendle.
AmaSirayeli ayefuye izilwanyana, ezinjengeegusha neenkomo, awayenokuzixhela zibe kukutya xa ayenqwenela inyama. Kwakhona ayezingela yaye ayeloba ukuze afumane ukutya. (Duteromoni 12:20-24; 14:4-20) Oku kuvisisana namazwi angokomfuziselo kaThixo okokuba ‘wayeya kuthumela ababambisi beentlanzi abaninzi, ukuba bababambise, nabazingeli abaninzi ukuba babazingele.’ (Yeremiya 16:16) Kamva, uYesu waquka abalobi beentlanzi phakathi kwabapostile bakhe ibe wanikela ulwalathiso kwimisebenzi yokuloba okungokoqobo.—Mateyu 4:18-22; 17:27; Luka 5:2-6; Yohane 21:4-7.
Xa usolusapho owalupheleyo uIsake wacela inyama enencasa, unyana wakhe uYakobi wayekulungele ukuxhela amatakane amabini eebhokhwe emlungiselela isidlo. Noko ke, uEsawu waya kuzingela inyamakazi ukuze afumane inyama ukwenzela uyise. Phawula ukuba nangona inyama yezilwanyana zasekhaya yayifumaneka, uIsake wacela inyama yenyamakazi. Kwakhona, phawula ukuba, bobabini oonyana bakhe babulala izilwanyana ezazinokuba kukutya, bengenzeli bona, kodwa besenzela omnye umntu.—Genesis 27:1-19.
Izilwanyana zisenokubulawa ngenxa yezinye izizathu ngaphandle kokutya. Kusenokwenziwa impahla ngezikhumba zazo. (2 Kumkani 1:8; Marko 1:6; Hebhere 11:37) Kwakhona izinto zokuzikhusela neempahla ezithile zazisenziwa ngezikhumba zezilwanyana, kwanangezilwanyana ezizinqambi amaSirayeli awayengazityi.—Eksodus 39:33, 34; Numeri 24:7; ABagwebi 4:19; INdumiso 56:8.
Umthetho kaThixo wokuba igazi lesilwanyana esibuleweyo maliphalazelwe phantsi ufanele ukhumbuze abazingeli ukuba ubomi besilwanyana buvela kuye yaye ngenxa yoko bufanele buphathwe ngentlonelo, kungekhona ngokungakhathali. (Levitikus 17:13) UNimrodi ngokucacileyo wabulala izilwanyana ibe kunokwenzeka ukuba wayeqhayisa ngobuchule bakhe bokuzingela, ubungakanani bezinto awazibulalayo, okanye iimbasa awazifumanayo ngenxa yoko. Yena waba “ligorha lezingela phambi [ngokuchasene, NW] koYehova.”—Genesis 10:9.
Ukuziyolisa okunjalo ngokuzingela okanye ukubulala izilwanyana okanye ngokuloba iintlanzi, kusenokukhula kumKristu. Uninzi lwabazingeli okanye abalobi abaye bazihlolisisa iintliziyo zabo baye bafumanisa ukuba baye bashukunyiswa ‘luyolo oluziswa kukubulala.’ Ukuziyolisa okunjalo kuhambisana nokungabuxabisi ngokungenankathalo ubomi bezilwanyana. Ngoko ngoxa kungaphosakalanga ukuzingela okanye ukuloba (xa ukubulala okanye ukubambisa kuya kusetyenziswa ngomnye umntu ukwenzela ukutya okanye enye injongo efanelekileyo), bekuya kuba kokungafanelekanga ngomKristu ukwenza oko ukuba ebenomoya ofana nokaNimrodi. Kodwa kukho iingozi ezingaphandle kokuyoliswa nje kukuzingela, ukubulala, okanye imbasa.
IMboniselo kaJanuwari 1, 1984, yaxubusha ngesizathu sokuba amaKristu okwenyaniso engaphathi okanye agcine imipu ngenjongo yokuyisebenzisa ebantwini okanye ukuzikhusela kubo. (Iphepha 26-9) Ukucamngca ngeso siluleko kuye kwakhokelela amaNgqina athile ekubeni akucingisise nzulu kwanokuba abe nemipu yokuzingela. Amaninzi aye akhetha ukungabi nayo kwaphela imipu okanye akuphepha ukuyibeka ekuhleni okanye kwindawo enokufumaneka ngokulula kuyo. Ngaloo ndlela la maKristu ebengenakunikela ingcamango yokuba negugu ngezixhobo okanye ukuthembela kuzo. Ngaphezu koko, ukungabi nayo kwaukuba nayo imipu yokuzingela okanye ukungabikho kwayo ekuhleni, kusenokuyithintela intlekele. Izixhobo ezibulalayo bezingenakuthi ke zibe sezandleni zabantwana abebenokuthi ngengozi bazenzakalise okanye babulale omnye umntu, okanye imipu ibingayi kufunyanwa ngumntu owothuke gqitha okanye odandathekileyo.—Thelekisa IMizekeliso 22:3.
Wambi amaKristu asenokuyithanda incasa yenyama yenyamakazi ethile okanye intlanzi, yaye eyona ndlela esebenzisekayo yokufumana ukutya okulolo hlobo kungokuzingela okanye ukuloba. Bambi bayawunandipha umoya nomthambo onxulumene nokuzingela emahlathini, okanye bafumanisa ukuba iiyure ezizolileyo zokuloba ziyahlaziya. IBhayibhile ayichasananga noku, ngoko akukho mfuneko yokugweba abanye enoba bayazinandipha izinto ezinjalo okanye akunjalo. Ibe umzekelo kaIsake noonyana bakhe ubonisa ukuba akukho mfuneko yakwenza imbambano yokuthi ngubani oya kutya inyama yenyamakazi okanye intlanzi.—Mateyu 7:1-5; Roma 14:4.
Ngokucacileyo umpostile uPetros wayekuthanda ukuloba. Ngeentlanzi ezazisecaleni kwakhe, uYesu ovusiweyo wamnceda ukuba ahlolisise iimvakalelo zakhe ezingentlanzi okanye ishishini lokuloba. UYesu wambuza esithi: “Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba [kwezi, NW]?”—Yohane 21:1-3, 9-15; Bona IMboniselo, kaNovemba 1, 1988 iphepha 31.
Ngokufanayo, umKristu onesazela esilungileyo okhetha ukuya kuzingela okanye ukuloba ufanele azazi izinto eziza kuqala. Ngokomzekelo, ukuba ixesha lokuzingela okanye lokuloba beliya kuvuleka ngexesha elicwangciselwe iintlanganiso zebandla, yintoni ebeya kuyenza? Okanye ngaba iincoko zakhe zibonisa ukuba unegugu ngobuchule anabo ekuzingeleni okanye ekulobeni? Hayi indlela ekulunge ngayo ukuba umKristu okhulileyo othi, ngamaxesha athile, akhethe ukuya kuzingela okanye ukuloba athethe oku ngolweyiseko: “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda [ngaphezu kwezi zinto zilusukelo lwam].”—Yohane 21:16.