IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 12/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Ukubambisa Abantu Kumanzi Omhlaba Wonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Ukuloba Kulwandle LwaseGalili
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 12/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

AmaKristu afanele akujonge njani ukuzingela nokuloba?

IBhayibhile ayikwaleli ukuzingela okanye ukuloba. (Duteronomi 14:4, 5, 9, 20; Mateyu 17:27; Yohane 21:6) Sekunjalo, amaKristu azingelayo okanye alobayo afanele aqwalasele imigaqo ethile engokweZibhalo.

UThixo wavumela uNowa nenzala yakhe ukuba babulale izilwanyana baze bazitye, kodwa babefanele bazophise izilwanyana ngaphambi kokuba bazitye. (Genesis 9:3, 4) Lo myalelo wawubethelela ukuba ubomi besilwanyana bufanele buhlonelwe kuba buvela kuThixo. Ngoko ke amaKristu akabulali izilwanyana kuba nje ekwezemidlalo okanye engabukhathaleli ubomi bazo.—IMizekeliso 12:10.

Kwakhona sifanele siqwalasele enye inkalo ngokuphathelele isimo sethu sengqondo. Kumele ukuba abapostile ababengabalobi babevuya xa kukho iintlanzi abazibambileyo. Sekunjalo, akukho ndawo ibonisa ukuba babeqhayisa ngobugcisa babo bokuloba okanye ukuzingela okanye babesiya kuloba okanye bazingele kuba bekhuphisana nabanye, ukuze babonise indlela abomelele ngayo, okanye kuba nje bethanda ukubulala.—INdumiso 11:5; Galati 5:26.

Ngoko ke, sisenokuzibuza: ‘Ngaba ndingumzekelo ekubonakaliseni ukuba ndiyayihlonela imbono kaYehova ngobomi? Ngaba ukuzingela okanye ukuloba yeyona nto ihlala isengqondweni kwanaxa ndincokola nabanye? Ngaba ubomi bam bubonisa ukuba ndikuthanda kakhulu ukuzingela, okanye bubonisa ukuba ndingumlungiseleli kaThixo? Ngaba ukuzingela okanye ukuloba kundenza ndinxulumane ngokusondeleyo nabangakholwayo okanye kundenza ndiyityeshele intsapho yam?’—Luka 6:45.

Abanye abazingela okanye abaloba kuba befuna ukutya bayazithethelela xa betyeshela izinto zokomoya xa ilixesha lokuzingela nelokuloba. Kodwa ke, sibonisa ukholo nokuthembela kuThixo xa singavumeli nantoni na ukuba ize kuqala kunezinto zokomoya. (Mateyu 6:33) Ngaphezu koko, amaKristu athobela yonke imithetho “kaKesare” ephathelele ukuzingela nokuloba, enoba abasemagunyeni bayayinyanzelisa okanye akunjalo.—Mateyu 22:21; Roma 13:1.

Ukuze babe nembono kaYehova ngokuzingela nokuloba, abanye kusenokufuneka balungise indlela abacinga ngayo ngokuphathelele imilinganiselo yakhe. (Efese 4:22-24) Kwelinye icala, sifanele sizihlonele izazela zabanye. Umpostile uPawulos wanikela isiluleko esifanelekileyo ngalo mbandela xa wathi: “Masingabi sagwebana, kodwa kunoko zenzeleni esi sigqibo, sokuba ningamkhubekisi umzalwana.” (Roma 14:13) Ukubonakalisa uthando nentlonelo enjalo kudala uxolo ebandleni yaye kuyamkholisa uMenzi wethu, uMthombo wabo bonke ubomi.—1 Korinte 8:13.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaMeyi 15, 1990.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share