Uthando Lokwenyaniso Lunomvuzo
“Akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe.”—HEBHERE 6:10.
1, 2. Kutheni uthando lokwenyaniso lunomvuzo kuthi ngokobuqu?
UTHANDO lokungazingci lolona phawu lukhulu, lubalaseleyo noluxabisekileyo esinokulubonakalisa. Olu thando (a·gaʹpe, ngesiGrike) lusoloko lufuna senze okungakumbi. Kodwa ngenxa yokuba sadalwa nguThixo osesikweni nowothando, sifumanisa ukuba uthando lokungazingci lunomvuzo ngokwenene. Kutheni kunjalo nje oku?
2 Esinye isizathu sokuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo sibandakanya umgaqo wokunxibelelana kwengqondo nomzimba, indlela iingcinga neemvakalelo eziyichaphazela ngayo imizimba yethu. Ingcali ngokuxinezeleka iye yathi: “Elinye lawona macebiso aluncedo kwasoloko enikelwa lelithi, ‘Thanda ummelwane.’” Ewe, “uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umntu onenceba.” (IMizekeliso 11:17) Amazwi abaluleke ngokufanayo ngala: “Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.”—IMizekeliso 11:25; thelekisa uLuka 6:38.
3. Wenza njani uThixo ukuze uthando lokwenyaniso lube nomvuzo?
3 Uthando lukwanomvuzo ngenxa yokuba uThixo uyabavuza abo bangazingciyo. Sifunda oku: “Uboleka uYehova obabala isisweli; [uThixo] umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.” (IMizekeliso 19:17) AmaNgqina kaYehova enza ngokuvisisana nala mazwi xa evakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ayazi ukuba ‘akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wawo, nomzamo wothando awubonakalalisayo kulo igama lakhe.’—Hebhere 6:10.
Owona Mzekelo Wethu Mhle
4. Ngubani onikela owona mzekelo mhle wokuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo, yaye ukwenze njani oko?
4 Ngubani onikela owona mzekelo mhle wokuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo? Kaloku, akukho namnye ongomnye obenokunikela lo mzekelo ngaphandle koThixo ngokwakhe! ‘Walithanda ihlabathi [loluntu] kangangokuba wade wancama unyana wakhe okuphela kwamzeleyo.’ (Yohane 3:16) Ukunikela ngoNyana wakhe ukuze abo bamkela elo dini lentlawulelo babe nobomi obungunaphakade, ngokuqinisekileyo kwakungeyonto incinane kuYehova, yaye kwabonisa ngokucacileyo ukuba unothando novelwano. Oku kuboniswa ngokubhekele phaya sisibakala sokuba ‘ekubandezelekeni kwamaSirayeli eYiputa, wabandezeleka.’ (Isaya 63:9) Hayi indlela amele ukuba wabandezeleka ngakumbi ngayo uYehova xa wayebona uNyana wakhe ebandezeleka kumthi wentuthumbo aze amve ekhala kuye esithi: “Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?”—Mateyu 27:46.
5. Kwenzeke ntoni ngenxa yokuba uThixo waluthanda uluntu kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe njengedini?
5 Ngaba uYehova wakufumanisa ukubonakalisa kwakhe uthando lokwenyaniso kunomvuzo? Ngokuqinisekileyo wakufumanisa kunjalo. Ngendlela ebalaseleyo, elinjani lona ilizwi uThixo awaba nalo lokuphendula uSathana ngenxa yokuba uYesu wangqineka ethembekile phezu kwako nje konke oko uSathana wayenokukwenza kuye! (IMizekeliso 27:11) Enyanisweni, konke oko kuya kufezwa buBukumkani bukaThixo ekususeni ungcikivo kwigama likaYehova, ukubuyisela iParadisi kulo mhlaba, nokunika izigidi ubomi obungenasiphelo kuya kwenzeka ngenxa yokuba uThixo waluthanda uluntu kangangokuba wanikela eyona nto ixabisekileyo entliziyweni yakhe ukuba ibe lidini.
Umzekelo Omhle KaYesu
6. Uthando lwamshukumisela ukuba enze ntoni uYesu?
6 Omnye umzekelo omhle ongqina ukuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo ngulowo woNyana kaThixo, uYesu Kristu. Uyamthanda uYise osezulwini, yaye olo thando luye lwashukumisela uYesu ukwenza ukuthanda kukaYehova kungakhathaliseki ukuba yintoni na ebandakanyekileyo. (Yohane 14:31; Filipi 2:5-8) UYesu waqhubeka ebonakalisa uthando lwakhe ngoThixo nakubeni oko maxa wambi kwathetha ukuba kwakufuneka abongoze uYise ‘ngodanduluko olunamandla, neenyembezi.’—Hebhere 5:7.
7. Kungaziphi iindlela athe uYesu wafumanisa ukuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo?
7 Ngaba uYesu wavuzwa ngothando lokuzincama olunjalo? Eneneni wavuzwa! Cinga ngovuyo awalufumanayo kuzo zonke izinto ezilungileyo awazenzayo ebudeni bobulungiseleli bakhe beminyaka emithathu enesiqingatha. Hayi indlela awabanceda ngayo abantu ngokomoya nangokwenyama! Ngaphezu kwako konke, ngokubonisa ukuba umntu ofezekileyo wayenokuyigcina ngokufezekileyo ingqibelelo kuThixo phezu kwako nje konke oko uSathana wayenokumenza kona, uYesu waba nolwaneliseko lokungqina uMtyholi elixoki. Ngaphezu koko, njengomkhonzi othembekileyo kaThixo, uYesu wafumana umvuzo omkhulu wokungafi ekuvuselweni kwakhe kubomi basezulwini. (Roma 6:9; Filipi 2:9-11; 1 Timoti 6:15, 16; Hebhere 1:3, 4) Yaye anjani wona ukumangalisa amalungelo amlindeleyo eArmagedon nasebudeni boLawulo lwakhe lweWaka Leminyaka, xa iParadisi iya kube ibuyiselwa emhlabeni yaye amawaka ezigidi eya kuvuswa kwabafileyo! (Luka 23:43) Alithandabuzeki elokuba uYesu uye walufumanisa uthando lokwenyaniso lunomvuzo.
Umzekelo KaPawulos
8. Waba nawaphi amava uPawulos ngenxa yothando lwakhe lokwenyaniso ngoThixo nabantu abangoowabo?
8 Umpostile uPetros wakha wabuza uYesu oku: “Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?” Ngokuyinxenye, uYesu wamphendula wathi: “Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.” (Mateyu 19:27-29) Sinomzekelo obalaseleyo woku, umpostile uPawulos, owanandipha iintsikelelo ezininzi, njengoko zibhalwe ngokukhethekileyo nguLuka kwincwadi yeZenzo. Uthando lokwenyaniso ngoThixo nangabantu abangoowabo lwabangela uPawulos ukuba ashiye umsebenzi wakhe njengomFarisi obekekileyo. Kwakhona, cinga ngoko uPawulos wakunyamezelayo ngendlela yokubethwa, ukuphantsa afe, iingozi, ukuswela—konke ngenxa yothando lokwenyaniso ngoThixo nenkonzo Yakhe engcwele.—2 Korinte 11:23-27.
9. UPawulos wavuzwa njani ngenxa yokubonakalisa uthando lokwenyaniso?
9 Ngaba uYehova wamvuza uPawulos ngokuba ngumzekelo omhle ngolo hlobo ekubonakaliseni uthando lokwenyaniso? Kaloku, cinga ngendlela obabuneziqhamo ngayo ubulungiseleli bukaPawulos. Waba nako ukumisa amabandla amaninzi amaKristu. Yaye enjani yona imimangaliso uThixo awamnika amandla okuyenza! (IZenzo 19:11, 12) Kwakhona uPawulos waba nelungelo lokwamkela imibono eyayivela kumthombo ongaphezu kowamandla omntu nelokubhala iincwadi ezili-14 ngoku eziyinxalenye yeZibhalo zamaKristu zesiGrike. Ngaphezu kwako konke oku, wanikwa umvuzo wobomi bokungafi emazulwini. (1 Korinte 15:53, 54; 2 Korinte 12:1-7; 2 Timoti 4:7, 8) Ngokuqinisekileyo uPawulos wafumanisa ukuba uThixo uyaluvuza uthando lokwenyaniso.
Uthando Lokwenyaniso Lunomvuzo Kumhla Wethu
10. Kusenokubandakanyeka ntoni ekubeni ngumfundi kaYesu nasekubonakaliseni uthando lwethu ngoYehova?
10 Nanamhlanje amaNgqina kaYehova aye afumanisa ukuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo. Ukubonakalisa uthando lwethu ngoYehova ngokuma ngakwicala lakhe nokuba ngabafundi bakaYesu kusenokusiphulukanisa nobomi bethu njengabagcini bengqibelelo. (Thelekisa ISityhilelo 2:10.) Kungenxa yoko uYesu wathi sifanele sizibale iindleko. Kodwa asikwenzi oko ukuze sifumanise enoba ukuba ngumfundi kunomvuzo na okanye akunjalo. Kunoko, sikwenza ukuze sizilungiselele ukwenza nantoni na esenokuba ibandakanyekile ekubeni ngumfundi.—Luka 14:28.
11. Kutheni bambi berhoxobisa ukuzahlulela kuYehova?
11 Namhlanje, abaninzi—ngokungathandabuzekiyo izigidi—bayasikholelwa isigidimi esiseLizwini likaThixo abasiphathelwa ngamaNgqina kaYehova. Kodwa bayarhoxobisa ekuzahluleleni kuThixo baze babhaptizwe. Ngaba oku kusenokuba kungenxa yokuba bengenalo uthando lokwenyaniso ngoThixo abanye abanalo? Abaninzi bayasilela ukuthabatha amanyathelo ozahlulelo nobhaptizo ngenxa yokuba bafuna ukuhlala besamkeleka kwiqabane elingakholwayo. Abanye abasondeli kuThixo ngenxa yokuba banesimo sengqondo sosomashishini owaxelela iNgqina oku: “Ndiyasithanda isono.” Ngokucacileyo, abantu abanjalo abakuxabisi konke oko uThixo noKristu babenzele kona.
12. Yintoni eye yathethwa ngulo lindixesha ebalaselisa imivuzo yolwazi olusisondeza kuThixo ngothando lokwenyaniso?
12 Ukuba sinoxabiso lokwenyaniso ngako konke oko uYehova uThixo noYesu Kristu basenzele kona, siya kukubonakalisa oku ngokuthi ngokuvumayo senze nantoni na efunekayo ekukhonzeni uBawo wethu wasezulwini nangokuthi sibe ngabanye babafundi bakaYesu. Ngenxa yothando lokwenyaniso ngoThixo, amadoda nabafazi beentlobo ngeentlobo—oosomashishini abaphumelelayo, abantu ababalaseleyo kwezemidlalo, njalo njalo—baye bashiya imisebenzi yokuzingca ukuze bathabathe ubulungiseleli bobuKristu, njengoko wenzayo uPawulos. Yaye abafuni nantoni na endaweni yemivuzo yokwazi nokukhonza uThixo. Ithetha ngoku, IMboniselo (yesiNgesi) yakha yathi: “Maxa wambi siye sabuza ukuba, Bangaphi na abazalwana abebeya kuvuma ukwamkela ii-[R2 600] endaweni yoko bakwaziyo ngeNyaniso? Akuzange kuphakame nokuba sibe sinye isandla! Ngubani obeya kuthabatha ii-[R26 000]! Akukho namnye! Ngubani obeya kuthabatha ii-[R2 600 000]? Ngubani oya kuthabatha ihlabathi liphela endaweni yoko akwaziyo ngoThixo nangeNjongo kaThixo? Akuzange kubekho namnye! Saza sathi, Anisosihlwele singanelisekanga, zihlobo ezithandekayo. Ukuba nivakalelwa kukuba nizizityebi kangangokuba beningayi kuthabatha nantoni na endaweni yolwazi lwenu ngoThixo, ngoko ninoluvo lokuba nizizityebi kanye ngendlela esivakalelwa ngayo nathi.” (Disemba 15, 1914, iphepha 377) Ewe, ulwazi oluchanileyo ngoThixo nangeenjongo zakhe lusisondeza kuye ngothando lokwenyaniso olunomvuzo ngokwenene.
13. Sifanele silujonge njani ufundisiso lobuqu?
13 Ukuba siyamthanda uThixo, siya kuzabalazela ukwazi nokwenza ukuthanda kwakhe. (1 Yohane 5:3) Siya kuluxabisa ngokunzulu ufundisiso lobuqu, umthandazo nokubakho kwiintlanganiso zamaKristu. Konke oku kufuna ukuzincama, kuba le misebenzi ibandakanya ukuchitha ixesha, amandla, nobunye ubuncwane esinabo. Kusengafuneka sikhethe phakathi kokubukela inkqubo kamabonwakude nokubandakanyeka kufundisiso lobuqu lweBhayibhile. Kodwa hayi indlela esiya komelela ngakumbi ngayo ngokomoya, hayi indlela esiya kunikela ubungqina kakuhle ngakumbi ngayo kwabanye, kwaye hayi indlela esingenelwa ngakumbi ngayo kwiintlanganiso zamaKristu xa ufundisiso olunjalo siluthabatha nzulu size sibekele bucala ixesha elaneleyo lokulwenza!—INdumiso 1:1-3.
14. Ubaluleke kangakanani umthandazo nolwalamano oluhle noThixo?
14 Ngaba sikunandipha ngokuthe rhoqo ukuthetha noBawo wethu osemazulwini ‘ngokuzingisa emthandazweni’? (Roma 12:12) Okanye ngaba ngokufuthi sixakeke gqitha ukuba sibonakalise uxabiso olufanelekileyo ngeli lungelo lixabisekileyo? ‘Ukuthandaza singayeki’ kuyindlela ebalulekileyo yokomeleza ulwalamano lwethu noYehova uThixo. (1 Tesalonika 5:17) Yaye akukho nto inokusinceda xa sijamelene nezilingo kunokuba ulwalamano oluhle noYehova lunokwenjenjalo. Yintoni eyanceda uYosefu ukuba axhathise xa wayehendwa ngumkaPotifare? Yaye kwakutheni ukuze uDaniyeli angayeki ukuthandaza xa umthetho wamaMedi namaPersi wawumalela ukuthandaza kuYehova? (Genesis 39:7-16; Daniyeli 6:4-11) Kaloku, ulwalamano oluhle noThixo lwawanceda loo madoda ukuba aphume oyisile, kanye njengokuba luya kusinceda nathi ukuba senjenjalo!
15. Sifanele sizijonge njani iintlanganiso zamaKristu yaye ngoba?
15 Ngoko, sikujonga njengento enzulu kangakanani ukubakho kwiintlanganiso zethu ezintlanu zeveki? Ngaba sivumela ukudinwa, ukungaziva mnandi okungephi ngokwasemzimbeni, okanye imozulu engentle iphazamisane nembopheleleko yethu yokungakuhilizeli ukuhlanganisana namakholwa angoowethu? (Hebhere 10:24, 25) Elinye igcisa lokusebenza ngoomatshini elalihlawulwa kakuhle laseMerika laphawula ukuba umsebenzi walo ngokufuthi wawuphazamisana nokubakho kwalo kwiintlanganiso zamaKristu. Ngoko lawutshintsha umsebenzi walo, likwamkela ukuphila ngomvuzo omncinane ukuze libe nako ukubakho rhoqo kuzo zonke iintlanganiso zebandla. Iintlanganiso zethu zisenza sikwazi ukunandipha ukukhuthazana nokomelezana elukholweni. (Roma 1:11, 12) Kuzo zonke ezi nkalo, ngaba asifumanisi ukuba “lowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa”? (2 Korinte 9:6) Ewe, ukubonakalisa uthando lokwenyaniso ngeendlela ezinjalo kunomvuzo kakhulu.
Uthando Lokwenyaniso Nobulungiseleli Bethu
16. Usenokuba yintoni umphumo xa uthando lusishukumisela ukuba sinikele ubungqina ngokungacwangciswanga?
16 Uthando lusishukumisela ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo njengabantu bakaYehova. Ngokomzekelo, lusishukumisela ukuba sinikele ubungqina obungacwangciswanga. Sisenokuba mathidala ukunikela ubungqina ngokungacwangciswanga, kodwa uthando luya kusishukumisela ukuba sithethe. Eneneni, uthando luya kusibangela ukuba sicinge ngeendlela ezichuliweyo zokuqalisa incoko size ke siyalathisele kuBukumkani. Ngokomzekelo: Kwinqwelo-moya, umdala ongumKristu wayehleli ecaleni komfundisi womRoma Katolika. Ekuqaleni, lo mdala wampheka emophula lo mfundisi ngemibuzo engacaphukisiyo. Noko ke, ngexesha lokuhla kwalo mfundisi kwinqwelo-moya, umdla wakhe wawumbangele ukuba athabathe ezimbini zeencwadi zethu. Onjani wona ukuba mhle umphumo wokunikela ubungqina ngokungacwangciswanga!
17, 18. Uthando luya kusishukumisela ukuba senze ntoni mayela nobulungiseleli bamaKristu?
17 Uthando lokwenyaniso lukwasishukumisela ukuba sibe nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu nezinye iindlela zobulungiseleli bobuKristu. Ngokomlinganiselo esinokukwazi ngawo ukuba neengxubusho zeBhayibhile, siya kunikela uzuko kuYehova uThixo yaye siya kunceda ababumvu ukuba babe sendleleni esingise kubomi obungunaphakade. (Thelekisa uMateyu 7:13, 14.) Kwanokuba asikwazi ukuba neengxubusho zeBhayibhile, imigudu yethu ayisayi kuba lilize. Kwaubukho bethu kumakhaya abantu bunikela ubungqina, yaye thina ngokwethu siyangenelwa kubulungiseleli, kuba asinako ukuzivakalisa iinyaniso zeBhayibhile ngaphandle kokomeleza ukholo lwethu. Kuyinyaniso ukuba, ukuya kwindlu ngendlu kufuna ukuthobeka, ‘sisenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze sibe ngamadlelane ngazo nabanye.’ (1 Korinte 9:19-23) Kodwa ngenxa yothando lwethu ngoThixo nabantu abangoowethu, ngokuzithoba senza umgudu yaye sivuzwa ngeentsikelelo ezityebileyo.—IMizekeliso 10:22.
18 Kukwafuneka uthando lokwenyaniso ukuze abakhonzi bakaYehova bakuphaphele ukubuyela kubantu abanomdla kwinyaniso yeBhayibhile. Ukuqhuba izifundo zeBhayibhile iiveki ngeeveki neenyanga ngeenyanga kuyimbonakaliso yothando ngoThixo nommelwane, kuba lo msebenzi ufuna ixesha elininzi, umgudu omkhulu, kwanendleko yezinto eziphathekayo. (Marko 12:28-31) Kanti, xa sibona esinye sezi zifundo zeBhayibhile sibhaptizwa size mhlawumbi singenele ubulungiseleli bexesha elizeleyo, ngaba aseyiseki kukuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo?—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 3:1-3.
19. Luluphi ulwalamano olukhoyo phakathi kothando nenkonzo yexesha elizeleyo?
19 Uthando lokungazingci lusishukumisela ukuba sincame ubunewunewu bezinto eziphathekayo ngenxa yenkonzo yexesha elizeleyo ukuba kunokwenzeka ngathi ukuba nenxaxheba kulo msebenzi. Amawaka ngamawaka amaNgqina anokunikela ubungqina bokuba ukubonakalisa uthando ukusa kuloo mkhamo kuye kwanomvuzo kakhulu. Ukuba iimeko ziyakuvumela ukuba ube nesabelo kubulungiseleli bexesha elizeleyo kodwa akulixhakamfuli elo thuba, awuzazi iintsikelelo ezikuphosayo.—Thelekisa uMarko 10:29, 30.
Lunomvuzo Nangezinye Iindlela
20. Uthando lusinceda njani sibe ngabaxolelayo?
20 Enye indlela uthando lokwenyaniso olunomvuzo ngayo ikukuba lusinceda sibe ngabaxolelayo. Ewe, uthando “alunanzondo.” Enyanisweni, “uthando luya kugubungela inkitha yezono.” (1 Korinte 13:5; 1 Petros 4:8) “Inkitha” ithetha izono ezininzi, akunjalo na? Yaye hayi indlela okunomvuzo ngayo ukuba ngoxolelayo! Xa uxolela, oku kukwenza wena nalowo ukonileyo nizive nixolile. Kodwa okubaluleke ngakumbi sisibakala sokuba ngaphandle kokuba sele sibaxolele abo basonayo thina, asinakulindela ukuba uYehova asixolele.—Mateyu 6:12; 18:23-35.
21. Uthando lokwenyaniso lusinceda njani sibe ngabazithobayo?
21 Ngokubhekele phaya, uthando lokwenyaniso lunomvuzo ngokuba lusinceda sibe ngabazithobayo. Ukuba siyamthanda uYehova, siya kuzithoba ngaphantsi kwesandla sakhe esinamandla. (1 Petros 5:6) Uthando ngaye luya kusishukumisela ukuba sizithobe kwisixhobo sakhe esikhethiweyo, “umkhonzi othembekileyo noqondayo.” Oku kuquka ukuzithoba kwabo bathabatha ukhokelo ebandleni. Oku kunomvuzo kuba ngokusilela ukwenjenjalo “asisizakali.” (Mateyu 24:45-47; Hebhere 13:17) Kambe ke, lo mgaqo wokuzithoba uyasebenza nakwisangqa sentsapho. Ikhondo elinjalo linomvuzo kuba likhuthaza uvuyo, uxolo nemvisiswano entsatsheni ngoxa linikela ulwaneliseko oluhambisana nokwazi ukuba siyamkholisa uThixo.—Efese 5:22; 6:1-3.
22. Sinokuba ngabonwabe ngokwenyaniso njani?
22 Ngoko, ngokucacileyo olona phawu lukhulu esinokuluhlakulela ngua·gaʹpe, uhlobo lothando lokungazingci nolulawulwa yimigaqo. Yaye akukho mathandabuzo ngelokuba uthando lokwenyaniso lunomvuzo. Ngenxa yoko, siya kuvuya ngokwenene ukuba sihlakulela size sibonakalise olu phawu ngomlinganiselo omkhulu ngakumbi kuse kuzuko loThixo wethu onothando, uYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Kungaziphi iindlela athe uYehova uThixo wabonakalisa uthando lokwenyaniso?
◻ Uthando luye lwaboniswa njani nguYesu Kristu?
◻ Nguwuphi umzekelo umpostile uPawulos awawumiselayo ekubonakaliseni uthando lokwenyaniso?
◻ AmaNgqina kaYehova ebelubonakalisa njani uthando?
◻ Kutheni unokuthi uthando lokwenyaniso lunomvuzo?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Uthando lukaYehova ngoluntu lwamshukumisela ukuba anikele ngoNyana wakhe ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. Ngaba uyaluxabisa uthando lokwenyaniso olunjalo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Uthando lokwenyaniso ngoYehova luya kusishukumisela ukuba ‘sizingise emthandazweni’