Yima Uqinile Kwinkululeko YamaKristu!
Iimbalasane ZeyabaseGalati
UYEHOVA unguThixo wenkululeko. (2 Korinte 3:17) UNyana Wakhe, uYesu Kristu, wathi: “Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Yaye exelisa uKristu, umpostile uPawulos washumayela iindaba ezilungileyo zenkululeko.—Roma 6:18; 8:21.
Ngokuvakalisa eso sigidimi sinikela inkululeko, uPawulos wamisela amabandla kwelaseGalati (iphondo leRoma eliseAsiya Mayina) ebudeni bokhenketho lwakhe lokuqala lobuvangeli basemazweni (47-48 C.E.). AbaseGalati babesazi isigqibo sequmrhu elilawulayo sokuba ulwaluko aluyomfuneko kumaKristu. (IZenzo 15:22-29) Kodwa abantu ababamkele iimfundiso zamaYuda babefuna ukubafaka ebukhobokeni ngokunyanzelisa ukuba boluke. Ngoko uPawulos wabethelela inkululeko yobuKristu kwincwadi awayibhalela abaseGalati eseKorinte okanye ekwa-Antiyokwe eSiriya malunga nowama-50-52 C.E. Ngokomzekelo, wathi: “Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo, nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.”—Galati 5:1.
UPawulos Umela Ukuba Ngumpostile Kwakhe
UPawulos waqala ngokubonisa ukuba ukuba ngumpostile kwakhe ‘kwakuvela kuYesu Kristu, nakuThixo.’ (1:1–2:14) Ngenxa yesityhilelo, uPawulos (enoBharnabhas noTito) waya eYerusalem mayela nembambano yolwaluko. Apho uYakobi, uKefas (uPetros) noYohane baqonda ukuba wayenikwe amandla okuba ngumpostile weentlanga. Yaye xa kamva uPetros wazahlulayo kumakholwa eeNtlanga kwa-Antiyokwe ngenxa yokoyika amaKristu angamaYuda awayesuka eYerusalem, uPawulos wamkhalimela.
Umntu Uvakaliswa Njani Elilungisa?
Lo mpostile wakwakhankanya ingongoma enamandla yokuba kuphela kungokukholwa kuKristu Yesu anokuthi nabani na avakaliswe elilungisa. (2:15–3:29) AbaseGalati bafumana umoya kaThixo, kungekhona ngemisebenzi yomthetho, kodwa ngenxa yokwamkela iindaba ezilungileyo ngokholo. Oonyana bokwenyaniso baka-Abraham banokholo, kodwa abantu abazama ukuzingqina bengamalungisa ‘ngokwasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso.’ Ngoba? Kuba abanakuwugcina ngokugqibeleleyo uMthetho. Enyanisweni, uMthetho wazenza zacaca izigqitho ibe ‘wawukhaphela kuKristu.’
Yima Uqinile!
Ngokufa kwakhe, uKristu ‘wabakhulula abaphantsi komthetho.’ Kodwa abalandeli bakhe bamele bame beqinile kwinkululeko yamaKristu. (4:1–6:18) Ngoko abaseGalati kwakufuneka bamchase nabani na owayezama ukubanyanzelela ukuba bamkele idyokhwe yobukhoboka. Ngaphezu koko, babengamele bayisebenzise kakubi inkululeko yabo kodwa babemele bayiphephe “imisebenzi yenyama” baze babonakalise isiqhamo somoya kaThixo. Abo babefuna ukubafaka ebukhobokeni boMthetho babefuna ukuba “babe nesimilo esihle ngokwangaphandle,” baphephe intshutshiso, baze babe nesizathu sokuqhayisa. Noko ke, uPawulos wabonisa ukuba ukwaluka nokungaluki akunamandla anto. Kunoko, “into enamandla sisidalwa esitsha.” Wathandazela ukuba amaSirayeli okomoya, lawo eso sidalwa sitsha, abe noxolo nenceba.
Incwadi kaPawulos eya kwabaseGalati yabanceda ukuba baxhathise abo babefuna ukubenza amakhoboka ngokomoya. Kwanga ingasinceda nathi ukuba sibonakalise isiqhamo somoya size sime siqinile kwinkululeko yobuKristu.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 23]
Iimpawu: UPawulos wabhala oku, “Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.” (Galati 6:17) Phakathi kwabahedeni abathile bamandulo, amakhoboka ayefakwa uphawu lokuchaza abanini bawo. Iimpawu ezahlukahlukeneyo zazitshiselwa okanye zibhalwe enyameni yawo. Ngokungathandabuzekiyo, ukuphathwa kakubi ngokwasenyameni okwenziwa emzimbeni kaPawulos ngenxa yenkonzo yakhe yobuKristu kwashiya iziva ezibonakalayo, ezazinikela ubungqina kwibango lakhe lokuba ungumkhonzi othembekileyo kaKristu, owatshutshiswa ngenxa Yakhe. (2 Korinte 11:23-27) Ezi kusenokuba ‘yayiziimpawu’ uPawulos awabhekisela kuzo, okanye usenokuba wayecinga ngobomi awabuphilayo njengomKristu, ebonakalisa isiqhamo somoya kaThixo kwaye ezalisekisa ubulungiseleli bakhe.
[Umfanekiso]
Amakhoboka aseRoma ayenyanzelwa ukuba akhonze iinkosi zawo, kodwa uPawulos wayezithandela ibe ekuvuyela ukuba likhoboka likaYesu Kristu