Ukunyamezela Ngovuyo KuMbindi Mpuma
Le ngxelo ichukumisayo ivela kumaNgqina kaYehova aseLebhanon
UNYAKA wethu wenkonzo we-1990 waqalisa ngohlaselo-dubulo logonyamelo eBeirut. Kwandula ke kwabakho inzolo eyathi yakho ukususela ekupheleni kukaSeptemba 1989 de kwangoJanuwari 1990.
Ebudeni bezo nyanga kwanikelwa ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abangama-2 659 (ngoNovemba), xa ithelekiswa nama-2 467 kunyaka wenkonzo we-1989. Kwabhaptizwa abantu abangamashumi amane anesine, ibe nyanga nganye ngokomlinganiselo abantu abangama-65 baba nesabelo kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani. Okwesihlandlo sokuqala, kwanikelwa ingxelo yezifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-2 000, yaye saqalisa ukukhangela phambili koko kwakunokuphunyezwa kwithuba elizayo.
Kodwa kwaqhambuka imfazwe kwakhona eMpuma Beirut, apho kukho amabandla amaninzi, ibe kwanyanzeleka ukuba uninzi lwabazalwana bethu lusabele kwezinye iindawo kweli lizwe. Kangangeentsuku ezininzi asizange sikwazi ukunxibelelana namabandla awayekwimimandla eyayichaphazelekile, kwaye iingxelo zenkonzo yasentsimini zazingaphelelanga. Sekunjalo, abazalwana ababeziintsali bathelela amabandla akwimimandla ababesabele kuyo, yaye umsebenzi wendlu ngendlu waqhubeka unemiphumo emihle kulo lonke elo lizwe. Ngeli thuba, amakhaya amaninzi abazalwana bethu ayetshiswa okanye ayesonakaliswa ziibhombu. Omnye udade waphulukana nobomi bakhe.
Sinentembelo sakhangela kuYehova ngoncedo nangokhokelo. Oovulindlela abakhaliphileyo bathi ngokuzithandela bazinikela ukuba baphathele abazalwana bethu ababekwimimandla eyayingqingiwe amalungiselelo okomoya, ndawonye nokutya namanzi. Beshukunyiswa luthando abanalo ngoYehova nangabazalwana, bakwazichanaba engozini ngokunqumla iindlela ezazinezigcayiseli. Kwanikelwa ubungqina obuhle njengoko abantu babebona uncedo olwalunikelwa kwiintsapho zabazalwana bethu. Bakubona oko kunokwenziwa luthando lokwenene xa bonke abantu bemanyene kunqulo loThixo omnye oyinyaniso, uYehova.—Yohane 13:34, 35; 15:13.
Ebudeni bonyaka wenkonzo, abazalwana abazange baphoswe nayinkupho enye yamaphephancwadi ethu. Njengoko IMboniselo yayisele ipapashwa, kwaqalisa ukupapashwa kwephephancwadi uVukani! ngesiArabhu ngaxeshanye nesiNgesi, ukususela kwinkupho kaJanuwari 8, 1990. AmaNgqina nabantu abanomdla bavuya ngokugqithiseleyo. Kwakukwayinto echwayitisayo ukubona ukukhutshwa koncwadi olutsha ngesiArabhu, njengencwadana ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? nencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? nethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.
Ezi zipho zokomoya zanikelwa phezu kwako nje ukuvalwa kwemizi-mveliso emininzi namanye amaziko aseBeirut. Imeko yezoqoqosho imbi kulo lonke eli lizwe. Iindawo ezininzi azinambane, azinamanzi, azisebenzisi mfonomfono. Ngoku, makhe siyekele kwabanye babazalwana bethu basixelele indlela abaye bafumana ngayo uvuyo kwanaxa bazamazamana nemiphumo etshabalalisayo yemfazwe ebiqhubeka kangangeminyaka eli-15.
“Inkalo Ekhuthazayo”
Umzalwana oseBeirut ubhala oku: “Okokuqala, ndimbulela ngokusuk’ entliziyweni uYehova kuba eye wasigcina sikhuselekile kwintlangano yakhe yonqulo olunyulu phezu kwazo nje zonke iimeko ezinzima esiye sajamelana nazo. Ebudeni beziganeko zakutshanje, ndiye ndanamava athe andizisela uvuyo, ibe ndiwagqala njengenkalo ekhuthazayo yemfazwe.
“Ebudeni bodubulo olunamandla, sasihleli nabamelwane kwizinyuko ezithile, ekubeni leyo iyeyona ndawo ikhuselekileyo ebudeni bodubulo. Ngamaxesha onke sasithetha nabo ngoBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwesicombululo kwiingxaki zoluntu, yaye sasisoloko sithandaza kuThixo wethu, uYehova. Oku kwazeka kubo bonke.
“Ngamathuba athile udubulo lwaluqhubeka kangangeentsuku, ibe sasingenakuya kwiintlanganiso. Ngoko ndeza nephephancwadi IMboniselo ndaza ndalifunda ngoxa ndandihleli kwezi zinyuko. Oku kwavusa umdla wabamelwane bethu. Bambi kubo babengathethi nathi kuba singamaNgqina kaYehova. Kodwa xa indlu yethu yachanwa yimbumbulu, bothuswa luthando olwaboniswa ngabazalwana bethu. Ngoku babefuna ukuthetha nathi. Oku kwasenza sakwazi ukuhambisa imirhumo ethile kaVukani! kubo.
“La mava andenza ndazimisela ukuhlala ndithetha ngenyaniso. Sifanele simnqule uYehova size simnike yonke imbeko nalo lonke uzuko.”
“Igama LikaYehova Labusindisa Ubomi Bam”
Umzalwana ophuma kwiBandla laseRas Beirut ubalisa oku: “Mna, umkam namakhwenkwana ethu amabini, saqalisa usuku lwethu ngobulungiseleli bendlu ngendlu kwicandelo elingasentshona leBeirut. Ngemva kwemini, saba nentlanganiso ekwakuthethwa kuyo isiNgesi kwikhaya lam. Nge–6:30 emva kwemini kwakumnyama. Ekuphela kwabantu ababesezitratweni yayingamadoda axhobileyo. Iibhombu zazisihla ziyimvula. Inkoliso yabantu ababehlala kwesi sakhiwo sethu yayisabile. Kwakungekho manzi kungekho mbane. Sandula ke seva kunkqonkqozwa emnyango.
“Ecinga ukuba kusenokuba ngomnye wabamelwane bethu ofuna amanzi okanye isonka, umfazi wam wavula emnyango. Kwakumi apho amadoda amane exhobe ef’ amacala. Ajolisa imipu yawo kumfazi wam aza andibuza endibiza ngegama. Ngaloo veki kwakuthatyathwe amadoda asithoba emakhayeni awo ngale ndlela aza abulawa ngokukhawuleza. Xa la madoda axhobileyo andibonayo, ajolisa imipu yawo ezisebenzelayo kum entloko aza andiyalela ukuba ndihambe nawo. Ndawaxelela oku: ‘Ndiza kuhamba nani. Kodwa okokuqala ndivumeleni ndinxibe.’ Ndathandaza kuYehova ngentliziyo yam yonke, ndicela uncedo lwakhe. Ndakuba ndigqibile ukuthandaza, ndaziva ndizolile ndaza ndaqalisa ukuwagqala la madoda axhobileyo nawoyikekayo njengabantu abaqhelekileyo. Ndandinokuthetha nawo ndingoyiki.
“Ndawabuza oku: ‘Nifuna ntoni kum? Makhe sithethe ngokufutshane endlwini ngaphambi kokuba sinduluke.’ Sakuba sisegumbini lokuhlala, inkokeli yawo yandibuza oku: ‘Ulithabatha phi ilungelo lokungena ezindlwini uze ushumayele ebantwini?’ Ndaphendula ndathi: ‘Uphethe loo mpu ukuze unyanzelise ukuthanda kwakho, ibe akukho mntu umi phambi kwakho. Ndithwele iindaba ezilungileyo zoxolo uYesu awasiyalela ukuba sizishumayele.’ Ndandula ke ndawacacisela ngeenkolelo nomsebenzi wamaNgqina kaYehova. Ndathi nje ndakukhankanya igama elithi Yehova, bathi: ‘Siya kwaneliseka kukukugocagoca apha. Akukho mfuneko yokuba sihambe nawe.’ Kubonakala ukuba, omnye phakathi kwabo wayeqhelene nomzalwana othile. Wathi: ‘Lo yena ufana noJarjoura.’
“Sanikela ubungqina kuloo madoda ayexhobe ngemipu saza saphendula imibuzo yawo ithuba elingangeyure enesiqingatha. Andula ke, kunokundithabathela kwinqwelo-mafutha yawo njengoko ayenzile kwabanye, acela uxolo, andanga, athi angandinika uncedo ukuba ndingaze ndilufune, aza ahamba. Ngalo lonke eli thuba, ndandiyiva inkuselo kaYehova. Ukuba nesabelo kumsebenzi wendlu ngendlu ngaloo ntsasa nokuya kwintlanganiso emva kwemini kwakundomelezile ukuba ndime ndiqinile. Kuyinyaniso ukuba, igama likaYehova labusindisa ubomi bam.”—IMizekeliso 18:10.
“Inyameko KaYehova Yasikhusela”
Omnye umzalwana waseBeirut ubhala oku: “KwakungoLwesithathu, umhla wama-31 kuJanuwari, 1990. Ngoxa ndandisebenza nomntakwethu kwikhaya lodade othile, umlo waqalisa kwakhona. Kwakuqhushumba iibhombu kuzo zonke iindawo. Ngenxa yeli dabi loyikekayo, sasingenakukwazi ukubuyela ekhaya. Lo dade wayenobubele kakhulu nakubeni wayenamaqhekeza ambalwa kuphela esonka.
“Ndandikhathazeke gqitha ngomkam kuba ezalelwe kwiiPhilippines yaye engaqhelananga nogonyamelo lwemfazwe. Noko ke, ngosuku lwesibini, ndakwazi ukubuyela endlwini yam. Imfumba yefanitshala yayivale izitrato, kodwa ngoncedo lukaYehova, intsapho yam yayikhuselekile. Emva kwenzolo engephi, udubulo olunamandla lwaqalisa kwakhona. Sazimela kwikhaya lomntakwethu elikufutshane nelethu. Sasibahlanu—indim, umfazi wam, unyana wam oneminyaka emibini ubudala, umntakwethu nomkakhe. Kwakusiwa iibhombu, iimbumbulu, neziphekepheke kuyo yonke indawo, kodwa inyameko kaYehova yasikhusela. Iintsuku ezimbini ekwakudutyulwa ngazo ngamandla zadlula, ngoxa sasisalele phantsi, siphefumla ivumba lomsi weebhombu.
“Ngoxa sasiphulaphule ukuqhushumba, sakhumbula amazwi kaDavide akwiNdumiso 18:1-9, 16-22, 29, 30. Kwezo zihlandlo zobunzima, naphezu kwako konke okwakusenzeka, sasonwabile yaye sasisakwazi ukuncuma. Sathandaza kuYehova sisithi ukuba sasifanele sife, masife ngokulula, ngaphandle kokuva iintlungu. Sasinethemba elomeleleyo lovuko.
“Okwakusenzeka ngosuku olulandelayo kwakungakholeleki. Iibhombu ezimalunga nama-25 zawela kufutshane nendlu esasizimele kuyo, kodwa akukho namnye kuthi owenzakalayo. Ngaba unokuzithelekelela iimvakalelo esasinazo njengoko sasisiva inkuselo kaYehova? Ngentsasa elandelayo, ngokukhawuleza sagqiba ekubeni sisabe. Yayiyinqwelo-mafutha yam kuphela esitratweni eyayingazange itshiswe. Ndandiqhuba phakathi kwezigcayiseli neebhombu, ibe ngoncedo lukaYehova sakwazi ukubalekela kummandla owawuzolile noko kunowethu. Apho, ngothando abazalwana bethu basinika impahla, ukutya nemali.
“Phezu kwabo bonke obu bunzima, saziva sonwabile kuba uYehova wayenathi. Phantse kwaba ngathi wayethumele izithunywa zakhe zezulu ukuba zizihambisele qelele nathi ezo bhombu. (INdumiso 34:7) Ewe, uvuyo lwethu lwalulukhulu. Kodwa uvuyo lwethu luya kuba lukhulu ngakumbi emva kokusinda eArmagedon.”
Kunikelwa Uncedo Olungxamisekileyo!
Yimbi imimandla yaseBeirut yayikhangeleka ngathi yayithwaxwe yinyikima. Uninzi lwezindlu zabazalwana bethu lwalonakalisiwe okanye lutshatyalalisiwe. Xa kwavela amanqam akutshanje, iKomiti yeSebe yalungiselela ikomiti yoncedo olungxamisekileyo ukuze inyamekele iintswelo zabazalwana. Yaqalisa ukusebenza ngoFebruwari 16, 1990, kanye malunga nethuba laxa ekugqibeleni sasinokungena kwimimandla eyayibandezelekile. Injongo yale komiti yayintlu-ntathu: ukunikela ukhuthazo lokomoya kubazalwana; ukunyamekela iintswelo zabo zemali, ukutya namanzi; nokubanceda balungise okanye babuye bakhe izindlu zabo.
Kwakungekho mfuneko yokuba kubizwe amatshantliziyo. Suku ngalunye abaninzi babesiza ekuseni ukuza kunceda. Nanga amagqabaza abanye babo bathi bancedwa:
Omnye udade, njengoko indlu yakhe yayicocwa yaye ibuyiselwa kwimekobume entle, wathi: “Ndeva ngoncedo olunikelwa ngabazalwana xa kuhle intlekele. Ngoku ndiyalubona kwaye ndiyaluva.” Kwanommelwane wakhe, ibhinqa elingumSilamsi, laxelela lo dade oku: “Ngokwenene niyathandana. Unqulo lwakho luloluchanileyo. Ngoku ndiza kubalekela kula lali ndihlala kuyo ndize ndixelele wonke umntu oko nikwenzayo apha.” Lo mmelwane wabazisela ukutya abasebenzi abangamatshantliziyo.
Udade oselekhulile wagqabaza wathi: “Bendilindele ukuba niza kundityelela, kodwa bendingalindelanga ukuba uMbutho uthumele uthile ukuba andiphathele amanzi.” Wayelila njengoko wayesanga lo mzalwana wayeze kumnceda.
Intsapho enabantu abathathu—indoda nomfazi ababengabavakalisi abangabhaptizwanga nenkwenkwe yabo encinane—batyelelwa baza banikwa ibhokisi enkulu yobisi, isonka amanzi okusela nemali. Xa yaxelelwayo ukuba eli lungiselelo lalenziwe ngamaNgqina kaYehova, indoda yathi: “Bendihamba iCawa yeVangeli kangangeminyaka eli-11 yaye bendingumhambi cawa okhutheleyo. Kodwa kule minyaka ili-15 yemfazwe eLebhanon, abazange bacinge ukwenza okuthile okufana noku besenzela amalungu abo.” Wahlabela mgama esenjenje: “Ngokwenene le yekuphela kwentlangano kaThixo.” Le ndoda nomfazi wayo babhaptizwa kwindibano ebingoMeyi 1990.
Omnye umdala wagqabaza wathi: “Siswele amazwi okuvakalisa imibulelo yethu ngemisebenzi yothando enithe nayenzela abazalwana ababebandezelekile. Ndandichukumiseke kangangokuba ndade ndacela kule nto yabantwana xa ndabona iqela labazalwana abaselula, amatshantliziyo, esakha kwakhona indlu yabazali bam. Kwanabamelwane bethu abangengomaNgqina bavakalisa uxabiso lwabo. Ngokwenyaniso siyambulela uYehova nentlangano yakhe ngenkxaso esebenzisekayo ethe yanikelwa. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi omdumisi akwiNdumiso 144:15 athi: ‘Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova.’”
“Niluhlobo Olunjani Lwabantu?”
Omnye udade onentsapho wabhala oku: “Ndinqwenela ukuvakalisa uxabiso lwam olunzulu ngothando lukaYehova nolwentlangano yakhe. Indlu yam yachanwa ziimbumbulu ezininzi yaza yatsha. Abaninzi basixelela ukuba yayingenakulungiswa. Noko ke, ngoku nantsi imile ilungiswe ngokupheleleyo ngokungathi akuzange kwenzeke nto kuyo, ingqongwe ngamakhulu amabhodlo ezindlu ezitshileyo nezidilikileyo ezikwisitrato sethu.
“Kwanabamelwane bethu, abangengomaNgqina kaYehova, bayabuza: ‘Luvela phi olu thando? Niluhlobo olunjani lwabantu? Ngoobani aba bantu basebenza ngenzondelelo enje nabasebenza ngenzolo nabaziphethe kakuhle kangaka? Makabulelwe uThixo oninike olu thando nalo moya wokuzincama.’ Hayi indlela afaneleke ngayo amazwi akwiNdumiso 84:11, 12 athi: “Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, uYehova uyababala azukise; abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo. Yehova wemikhosi, hayi, uyolo lomntu okholose ngawe!’”
Indoda enomfazi nabantwana abangamaNgqina kaYehova yabhala yathi: “Ndithanda ukunibulela ngoncedo lwenu ekulungiseni indlu yethu. Umsebenzi wenu ubonakalise uthando olunyanisekileyo lobuKristu olunqabe gqitha kule mihla. Ngamana uThixo angayisikelela imigudu yenu.”
Emva kokuba kuhlaziywe indlu yomnye umdala, wathi: “Siswele imilomo eliwaka yokuvakalisa oko kusezintliziyweni zethu. Asinawo amazwi okunixelela ngoxabiso esinalo ngoYehova nangentlangano yakhe. Sakuva ukusondelelana noYehova ngethuba lentlekele eyasehlelayo. Uthando lwenu luye lwawakhuthaza onke amalungu entsapho yam ekubeni nesabelo ekuncedeni abanye abasweleyo.”
Ebudeni buka-Aprili, abantu baseLebhanon abali-194 banandipha umsebenzi wobuvulindlela babancedani. Ubusuku beSikhumbuzo babuzolile kunobezinye iintsuku, ibe kwaqhutywa iSikhumbuzo ekwakuze kuso isimbuku sabantu abangama-5 034. Zonke iindibano ezazicetyiwe zaqhutywa, yaye isimbuku senani labantu ababhaptizwayo ngaloo nyaka sasili-121, phezu kwazo nje izidubedube kwelo lizwe. Iintsapho ezininzi ezazikula mabandla zalishiya ngokupheleleyo eli lizwe. Kodwa abantu abatsha abanomdla baqhubela phambili bejonge kubhaptizo, ibe abavakalisi boBukumkani abangama-2 726 bayaqhubeka besanda. Ebudeni bonyaka wenkonzo we-1990, bonke abantu bakaYehova eLebhanon baba namava okuthembeka kukaYehova njengoko esinyamekela yaye esikhokela ukutyhubela amathuba eziphithiphithi.—INdumiso 33:4, 5; 34:1-5.