Ukuhlolisisa Iinkalo Ezithile Zobutyebi Obuxabisekileyo BukaThixo—IBhayibhile!
NGOWE-1867 umfama waseMzantsi Afrika ogama linguSchalk van Niekerk wayebukele abantwana bedlala ngamatye athile. Iliso lakhe latsaleleka kwelinye ilitye elaliqaqambe ngokukhethekileyo yaye lilihle. Unina waba bantwana wathi, “Ungalifumana, ukuba uyalithanda.” Noko ke, lo ka-van Niekerk walithumela eli litye kwisazinzulu ngezimbiwa ukuba silihlole. Bengazi nje bona aba bantwana, babedlala ngengqekembe enkulu yedayimani eyayixabisa ama-R2 400!
Ngaba kunokwenzeka ukuba nawe unelitye elinqabileyo nelixabiseke kakhulu kodwa ungakuqondi oko? Ngokomzekelo, abaninzi banayo iBhayibhile, njengoko iyeyona ncwadi igqwesileyo kwezentengiso, yaye ifumaneka ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 900. Sekunjalo, inkoliso yabantu ayikhange iyifunde iBhayibhile ibe ngenxa yoko ayikwazi kakuhle oko ikuquletheyo.
IBhayibhile ithi “iphefumlelwe nguThixo” ibe ngoko ke iliLizwi likaThixo. (2 Timoti 3:16; thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:13.) Iyeyona nto ixabisekileyo uluntu olunayo. Ngayo, sifunda indlela yokufumana okona kulungileyo ebomini ngoku yaye, okubaluleke ngakumbi, indlela yokuzuza ubomi obungunaphakade! (Yohane 17:3, 17) Ngaba ingakho enye into exabiseke ngakumbi kunoko?
Noko ke, ukuze ubani abuxabise obu butyebi nako konke obukuquletheyo, ufanele aqhelane nabo. Ekuqaleni, oku kusenokubonakala kunzima kakhulu. Ngapha koko, iBhayibhile iyingqokelela yeencwadi ezahlukahlukeneyo ezingama-66. Yintoni equlethwe zezo ncwadi? Ngaba sikho isizathu sokulandelelaniswa kwazo ngendlela ezibonakala zilandelelaniswe ngayo? Ukuba sikho isizathu, umntu angakwazi njani ukufumana izicatshulwa ezikhethekileyo eBhayibhileni?
Ukuqhelana neBhayibhile kulucelomngeni. Kodwa njengelitye elinqabileyo, iBhayibhile iyavisisana yaye ilungelelene. Oko sinokukubona ukuba ngokufutshane singakhe siqwalasele oko ikuquletheyo.
IZibhalo ZesiHebhere—Ezalatha KuKristu
Ngokuqhelekileyo iBhayibhile yahlulahlulwe yaba yi-“Testamente Endala” ne-“Testamente Entsha.” Noko ke, la ngamagama angafanelekanga, anikela ingcamango yokuba i-“Testamente Endala” ishiywe lixesha yaye inexabiso elincinane. Igama elifaneleke kakuhle lelo candelo leSibhalo lelithi iZibhalo ZesiHebhere, ekubeni eli candelo ekuqaleni lalibhalwe ngokuyintloko ngolwimi lwesiHebhere. “ITestamente Entsha” yabhalwa ngesiGrike ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo; kungoko, ibizwa kakuhle ngokuthi iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.
Incwadi yokuqala yeBhayibhile iGenesis, iqalela kwizigidi zezigidi zeminyaka eyadlulayo xa uThixo edala izulu nomhlaba aze kamva aqalise ukulungisa umhlaba ukuze kuhlale abantu kuwo. Isibini sokuqala esingabantu sidalwe sifezekile; noko ke, sikhetha ikhondo lesono, elithi libe nemiphumo elusizi kwinzala yaso. Sekunjalo, iBhayibhile, njengelitye elinqabileyo elibonakala ekukhanyeni okuluzizi, inikela ithemba eliqaqambileyo kubantu abanesono: “Imbewu” eya kuthi ekugqibeleni iphelise imiphumo yesono nokufa. (Genesis 3:15) Iya kuba ngubani le Mbewu? IGenesis inikela inkcazelo ngomlibo wale Mbewu ukususela apho uqale khona, ithetha ngobomi babanye bookhokho abathembekileyo bale Mbewu, abanjengoAbraham, uIsake noYakobi.
Ngokulandelayo iEksodus ichaza ukuzalwa kukaMoses. Ngeendlela ezininzi ubomi bukaMoses bufanekisela obo beMbewu ezayo. Emva kwezibetho ezilishumi, amaSirayeli ayafuduka eshiya iYiputa yaye eNtabeni yeSinayi amiselwa njengohlanga olunyuliweyo lukaThixo. ILevitikus njengoko negama layo libonisa, yandlala imigaqo kaThixo mayela nababingeleli abangabaLevi kwaSirayeli: INumeri ibalisa ngezihlandlo zokubalwa kwamaSirayeli (ngokubalwa komntu ngamnye endlwini) kwanangeziganeko ezabakho ebudeni bohambo lwamaSirayeli entlango. Ibe ngoku, njengoko uSirayeli elungele ukungena kwiLizwe Ledinga, uMoses umnika izibongozo zokugqibela. Oku koko IDuteronomi ithetha ngako. Esalatha kwiMbewu ezayo, uMoses ubongoza uhlanga ukuba lumbekel’ indlebe ‘umprofeti uThixo awayeya kumvelisa.’—Duteronomi 18:15.
Iincwadi ezingembali ziyalandela. Ezi ubukhulu becala zibhalwe ngokolandelelwano lwamaxesha eziganeko. UYoshuwa uchaza ukoyiswa nokwahlulahlulwa kweLizwe Ledinga. Incwadi yaBagwebi ibalisa ngeziganeko eziphawulekayo zeminyaka eyalandelayo xa uSirayeli elawulwa luthotho lwabagwebi. Incwadi kaRute isixelela ngomfazi owoyik’ uThixo, ophila ngexesha laBagwebi nonelungelo lokuba ngukhokhokazi kaYesu Kristu.
Noko ke, ithuba lokulawula kwabagwebi lifikelela esiphelweni. EyokuQala kaSamuweli isixelela ngolawulo olubi lokumkani wokuqala wakwaSirayeli, uSawule, njengoko luphawulwa ngumprofeti uSamuweli. EyesiBini kaSamuweli ichaza ngolawulo olunempumelelo lukaDavide, owangena ezihlangwini zikaSawule. EyokuQala neyesiBini yooKumkani zisithatha ukususela kulawulo lukaSolomon oluzukileyo ziye kusibeka ekuthinjelweni okulusizi eBhabhiloni kohlanga lakwaSirayeli ngowama-607 B.C.E. EyokuQala neyesiBini yeziKronike zishwankathela le mbali njengoko ibaliswa ngovuyo lokuba uhlanga lubuyile ekuthinjweni. Ekugqibeleni, incwadi kaEzra, kaNehemiya nekaEstere zichaza indlela amaSirayeli abuyiselwa ngayo ezweni lawo nenxalenye ethile yembali yawo yasemva koko.
Iincwadi zemibongo ziyalandela, ziqulethe eminye yeyona mibongo iluncuthu kweyakha yabhalwa. Incwadi kaYobhi inikela umbono ochukumisayo wengqibelelo phantsi kweentlungu nomvuzo wayo. Incwadi yeeNdumiso iqulethe iingo-ma zokudumisa uYehova nemithandazo yokucela inceba noncedo. Ezi ziye zathuthuzela ingingiya yabakhonzi bakaThixo. Ukongezelela, iiNdumiso zinentaphane yeziprofeto ezisikhanyisela ngokungakumbi ngoMesiya ozayo. IMizekeliso neNtshumayeli zityhila iinkalo zobulumko bukaThixo ngezaci ezihlab’ emxholweni, ngoxa Ingoma yazo iiNgoma ingumbongo wothando olubalaseleyo nonentsingiselo enzulu yesiprofeto.
Iincwadi ezilandelayo ezili-17—ukususela kuIsaya ukusa kuMalaki—ngokuyintloko ziziprofeto. Zizonke zithiywe ngamagama ababhali. Ezininzi zezi ziprofeto sele zinenzaliseko ephawulekayo. Zikwalatha kwiziganeko ezifikelela incopho yazo kumhla wethu nekamva elingekude.
Ngoko iZibhalo ZesiHebhere zibhalwe ngeendlela nezimbo ezahlukahlukene ngokumangalisayo. Ukanti, zonke zinomxholo ofanayo. Iziprofeto zazo, iingxelo ezingomlibo wokuzalwa neziganeko ezibangel’ umdla zikhazimliswa bubulumko obusebenzisekayo nentsingiselo ebuprofeti.
IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike—IMbewu Iyabonakala
Sele kudlule iminyaka engamawaka amane ukususela oko umntu wonayo. Ngequbuliso emhlabeni kubonakala iMbewu ebe kukudala ilindelwe, uMesiya, uYesu! IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zinikela ingxelo yobulungiseleli balo mntu ubalulekileyo embalini yoluntu kwiincwadi ezine ezahlukahlukeneyo kodwa ezivisisanayo, ezibizwa ngokuba ziincwadi zeVangeli. Ezi yivangeli ngokubhalwa nguMateyu, uMarko, uLuka noYohane.
Asikuko nokuba zixabisekile kumaKristu iingxelo zezi Vangeli zine! Zichaza imimangaliso kaYesu eshiy’ amehlo, imizekeliso yakhe enentsingiselo, iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, umzekelo wakhe wokuthobeka, imfesane nokumthobela kwakhe uYise kuyo yonke into, uthando lwakhe ‘ngezimvu’ zakhe, yaye okokugqibela nokufa kwakhe okulidini novuko oluzukileyo. Ukufunda iincwadi zeVangeli kusishukumisela ukuba simthande ngokunzulu uNyana kaThixo. Ngaphezu koko, siyasondela kulowo wathuma uKristu—uYehova uThixo. Ezi ngxelo zeVangeli zifanele ukufundwa rhoqo.
Incwadi yeZenzo ZabaPostile ithathela ukusuka apho iiVangeli ziyeka khona. Ibalisa ngeminyaka yokusungulwa kwebandla lamaKristu ukususela ngemihla yePentekoste ukuya kuthi xhaxhe ekuvalelweni kukaPawulos entolongweni eRoma ngowama-61 C.E. Kule ncwadi sifunda ngoStefano, umfeli-nkolo wokuqala ongumKristu, ukuguquka kukaSawule, othi kamva abe ngumpostile uPawulos, ukwamkelwa kwamaguquka okuqala aziiNtlanga nohambo oluchwayitisayo lobuvangeli lukaPawulos. Ezi ngxelo ziyavuyisa yaye zakha ukholo.
Ngoku kulandela iincwadi ezingamashumi amabini ananye. Ezokuqala ezili-14, ezabhalwa nguPawulos, zithiywe ngamaKristu okanye amabandla ezazibhalelwe wona; zonke ezinye zibizwe ngababhali bazo—uYakobi, uPetros, uYohane noYuda. Onjani yena uvimba wesiluleko nokhuthazo olufumaneka kwezi ncwadi! Zichaza imfundiso nenzaliseko yeziprofeto. Zinceda amaKristu ukuhlala ahlukile kwihlabathi elingendawo elo amele ahlale kulo. Zibethelela imfuneko yokuhlakulela uthando lobuzalwana nezinye iimpawu zokuhlonel’ uThixo. Zimisela umgaqo ongokulungelelaniswa okufanelekileyo kwebandla phantsi kokhokelo lwamadoda amakhulu aqolileyo ngokomoya.
Njengoko iZibhalo zesiHebhere ziqukumbela ngengxelo yesiprofeto, zenjenjalo neZibhalo zesiGrike. ISityhilelo, esibhalwe ngumpostile uYohane malunga nowama-96 C.E., sihlanganisa uludwe lweziprofeto nomxholo oyintloko weBhayibhile—ukungcwaliswa kwegama likaYehova ngoBukumkani bakhe obungoMesiya. Ungcelele lwemibono luzoba ngokucacileyo ukutshatyalaliswa kwemikhosi yonqulo, yemfazwe neyobupolitika yenkqubo eyonakeleyo kaSathana. Le mikhosi ithatyathelw’ indawo ngumzi kaKristu obuburhulumente, obuphethulela ingqalelo yabo ekulawulweni komhlaba. Phantsi kolu lawulo loBukumkani, uThixo uthembisa ‘ukosula zonke iinyembezi kungabi sabakho kufa.’—ISityhilelo 21:4.
Ngoko, ngaba kukho ukuthandabuza mayela nokuba iBhayibhile ililitye elinqabileyo elicikizekileyo, elibonakalisa ukukhanya kukaThixo? Ukuba akukayifundi yonke, kutheni ungaqalisi ukwenjenjalo ngoku? Uya kutsalwa kukuvisisana kwayo, uya kukhanyiselwa kukukhanya ekunikelayo, uya kuchukunyiswa kukusulungeka kwayo, yaye uya kuvuyiswa sisigidimi sayo. Ngokwenene ‘isisipho esifezekileyo esihla sivela kuye uYise wezikhanyiso.’—Yakobi 1:17.
[CHART on page 28, 29]
ULUDWE LWEENCWADI ZEBHAYIBHILE
Kuboniswe igama lombhali, indawo eyabhalelwa kuyo, ixesha lokugqitywa kokubhalwa kwayo, nexesha eligutyungelweyo ngeziganeko zencwadi.
Amagama ababhali bezinye iincwadi naweendawo ekwabhalelwa kuzo akuqinisekwanga ngawo. Imihla emininzi isekelwe kuqikelelo kuphela, uphawu u-e. lumela “emva”; u-n. umela “ngaphambi,” yaye u-m. umela “malunga.”
Iincwadi ZeZibhalo ZesiHebhere (B.C.E.)
Indawo Ukugqitywa Ixesha
Umbhali Eyabhalelwa Kokubhalwa Eligutyu-
Incwadi (ababhali) Kuyo Kwayo ngelweyo
Genesis Moses Entlango 1513 “Ekuqalekeni”
kuse ngowe-1657
Eksodus Moses Entlango 1512 1657-1512
Levitikus Moses Entlango 1512 Inyanga enye
(1512)
Numeri Moses Entlango/ 1473 1512-1473
Kumathafa
akwaMowabhi
Duteronomi Moses Kumathafa 1473 Iinyanga ezi-2
akwaMowabhi (1473)
Yoshuwa Yoshuwa Kanan m. 1450 1473-m. 1450
ABagwebi Samuweli Sirayeli m. 1100 m. 1450-m. 1120
Rute Samuweli Sirayeli m. 1090 Iminyaka eli-11
yolawulo
lwabagwebi
1 Samuweli Samuweli; Sirayeli m. 1078 m. 1180-1078
Gadi;
Natan
2 Samuweli Gadi; Sirayeli m. 1040 1077-m. 1040
Natan
1 Kumkani Yeremiya Yerusalem/ 580 m. 1040-911
Yuda
2 Kumkani Yeremiya Yerusalem/ 580 m. 920-580
Yiputa
2 Kronike Ezra Yerusalem m. 460 1037-537
(?)
Ezra Ezra Yerusalem m. 460 537-m. 467
Nehemiya Nehemiya Yerusalem e. 443 456-e. 443
Estere Mordekayi Shushan, m. 475 493-m. 475
kwaElam
Yobhi Moses Entlango m. 1473 Ngaphezu
kweminyaka
eli-140
phakathi
kowe-1657
nowe-1473
IiNdumiso Davide m. 460
nabanye
IMizekeliso Solomon; Yerusalem m. 717
uAgure;
Lemuweli
INtshumayeli Solomon Yerusalem n. 1000
INgoma yazo Solomon Yerusalem m. 1020
iiNgoma
Isaya Isaya Yerusalem e. 732 m. 778-e. 732
Yeremiya Yeremiya Yuda/ 580 647-580
Yiputa
IZililo Yeremiya Ngase- 607
ZikaYeremiya Yerusalem
Hezekile Hezekile Bhabhiloni m. 591 613-m. 591
Daniyeli Daniyeli Bhabhiloni m. 536 618-m. 536
Hoseya Hoseya (Kwisithili) e. 745 n. 804-e. 745
sakwaSamari
Yoweli Yoweli Yuda m. 820 (?)
Amosi Amosi Yuda m. 804
Obhadiya Obhadiya m. 607
Yona Yona m. 844
Mika Mika Yuda n. 717 m. 777-717
Nahum Nahum Yuda n. 632
Habhakuki Habhakuki Yuda m. 628 (?)
Zefaniya Zefaniya Yuda n. 648
Hagayi Hagayi Yerusalem 520 Iintsuku
ezili-112
(kowama-520)
Zekariya Zekariya Yerusalem 518 520-518
Malaki Malaki Yerusalem e. 443
Iincwadi ZeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (C.E.) Scanned Text
Incwadi Umbhali Indawo Ukugqitywa Ixesha
Eyabhalelwa Kokubhalwa Eligutyu-
Kuyo Kwayo ngelweyo
Mateyu Mateyu Palestina m.41 2B.C.E.—33C.E.
Marko Marko Roma m.60-65 29-33CE
Luka Luka Kesareya m.56-58 3B.C.E.—33C.E.
Yohane Umpostile
uYohane Efese, okanye m.98 Emva
kufuphi kwesandulela,
nalapho 29-33 C.E.
IZenzo Luka Roma m.61 33-m.61 C.E.
Roma Pawulos Korinte m.56
1 Korinte Pawulos Efese m.55
2 Korinte Pawulos Makedoni m.55
Galati Pawulos Korinteokanye m.50-52
kwa-Antiyokwe
yaseSiriya
Efese Pawulos Roma m.60-61
Filipi Pawulos Roma m.60-61
Kolose Pawulos Roma m.60-61
1 Tesalonika Pawulos Korinte m.50
2 Tesalonika Pawulos Korinte m.51
1 Timoti Pawulos Makedoni m. 61-64
2 Timoti Pawulos Roma m.65
Tito Pawulos Makedoni (?) m.61-64
Filemon Pawulos Roma m.60-61
Hebhere Pawulos Roma m.61
Yakobi Yakobi Yerusalem n.62
(Umntakwabo
Yesu)
1 Petros Petros Bhabhiloni m.62-64
2 Petros Petros Bhabhiloni (?) m.64
1 Yohane Umpostile
uYohane Efese, okanye m.98
kufuphi
nalapho
2 Yohane Umpostile
uYohane Efese, okanye m. 98
kufuphi
nalapho
3 Yohane Umpostile
uYohane Efese, okanye m.98
kufuphi
nalapho
Yuda Yuda Palestina (?) m.65
(Umntakwabo
Yesu)
ISityhilelo Umpostile
uYohane Patmos m.96