‘egameni Lomoya Oyingcwele’
“Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni . . . loMoya oyiNgcwele.”—MATEYU 28:19.
1. Yintoni entsha uYohane uMbhaptizi awayithethayo ngomoya oyingcwele?
NGONYAKA wama-29 weXesha lethu Eliqhelekileyo, kwaSirayeli uYohane uMbhaptizi wayeququzela elungiselela uMesiya indlela, yaye ebudeni bobulungiseleli bakhe, wavakalisa into entsha ngomoya oyingcwele. Kakade ke, amaYuda ayesele ekwazi oko iZibhalo zesiHebhere zakuthethayo ngomoya. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba amangaliswa kukuva uYohane esithi: “Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni yamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam . . . uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele.” (Mateyu 3:11) Ibinzana elithi ‘ukubhaptizwa ngomoya oyingcwele’ laliyinto entsha.
2. Yintoni entsha uYesu awayithethayo ebandakanya umoya oyingcwele?
2 Lowo wayesiza yayinguYesu. Xa wayephila emhlabeni, enyanisweni uYesu akazange abhaptize mntu ngomoya oyingcwele, nangona izihlandlo ezininzi wayethetha ngomoya. Ngaphezu koko, emva kokuvuswa kwakhe, waphinda wabhekisela kumoya oyingcwele ngenye indlela entsha. Wabaxelela oku abafundi bakhe: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele.” (Mateyu 28:19) Ibinzana elithi “egameni lo-” lithetha “ukwamkela u-.” Ukubhaptizwa ngamanzi ngenxa yokwamkela uYise, uNyana nomoya oyingcwele kwakuza kwahluka ekubhaptizweni ngomoya oyingcwele. Nako kwakuyinto entsha ebandakanya umoya.
Ukubhaptizwa Ngomoya Oyingcwele
3, 4. (a) Kwaqala nini ukubhaptizwa kwabantu ngomoya oyingcwele? (b) Ngaphandle kokubabhaptiza, umoya oyingcwele wasebenza njani kubafundi bakaYesu ngePentekoste yowama-33 C.E.?
3 Ngokuphathelele ubhaptizo ngomoya oyingcwele, uYesu wabathembisa oku abafundi bakhe ngaphambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini: “Niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.” (IZenzo 1:5, 8) Kungekudala emva koko, elo dinga lazaliseka. Umoya oyingcwele wathululelwa kubafundi abanokuba li-120 ababehlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem njengoko uYesu, esezulwini, wayeqalisa ukubhaptiza abantu ngomoya oyingcwele. (IZenzo 2:1-4, 33) Waba yintoni umphumo woku? Abo bafundi baba yinxalenye yomzimba wokomoya kaKristu. Njengokuba umpostile uPawulos ecacisa, “[bonke babhaptizelwa] mzimbeni mnye ngaMoya mnye.” (1 Korinte 12:13) Kwangaxeshanye, babethanjiswa ukuze kwixesha elizayo babe ngookumkani nababingeleli kuBukumkani bukaThixo basezulwini. (Efese 1:13, 14; 2 Timoti 2:12; ISityhilelo 20:6) Kwakhona umoya oyingcwele wasebenza njengetywina nomqondiso wokuqala welo lifa lizukileyo ababeza kulizuza, kodwa kwakungaphelelanga apho.—2 Korinte 1:21, 22.
4 Kwiminyaka embalwa ngaphambilana, uYesu wayexelele uNikodemo oku: “Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo. . . . Ukuba akathanga umntu azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.” (Yohane 3:3, 5) Ngoku abantu abali-120 babezelwe ngokutsha. Ngomoya oyingcwele, bamkelwa njengoonyana bakaThixo bokomoya, abazalwana bakaKristu. (Yohane 1:11-13; Roma 8:14, 15) Yonke le misebenzi yahlukileyo yomoya oyingcwele ikhwankqisa ngakumbi kunemimangaliso. Ngaphezu koko, ngokwahlukileyo kwimimangaliso eyayisenzeka nje kube kanye, umoya oyingcwele awuzange uphele emva kokufa kwabapostile kodwa waqhubeka usebenza ngale ndlela ukuza kuthi ga kumhla wethu. AmaNgqina kaYehova anelungelo lokunxulumana namalungu okugqibela azelwe ngomoya omzimba kaKristu, ibe la malungu akhonza ‘njengomkhonzi othembekileyo noqondayo’ ukuze alungiselele ukudla kokomoya ngexesha elililo.—Mateyu 24:45-47.
Ukubhaptizelwa “Egameni . . . LoMoya OyiNgcwele”
5, 6. Ukubhaptizwa kwabantu kokuqala ngomoya oyingcwele kwakhokelela njani kubhaptizo lwamanzi?
5 Kodwa kuthekani ngedinga lokubhaptizwa ngamanzi egameni loYise, loNyana nelomoya oyingcwele? Abo bafundi bokuqala ababhaptizwa ngomoya abazange babhaptizwe ngamanzi. Babesele bebhaptizwe ngobhaptizo lwamanzi lukaYohane, yaye ekubeni oko kwakwamkelekile kuYehova ngelo xesha, kwakungeyomfuneko ukuba baphinde babhaptizwe. Kodwa ngePentekoste yowama-33 C.E., inginginya yabantu yabhaptizwa ngolu bhaptizo lutsha lwamanzi. Kwenzeka njani oku?
6 Ukubhaptizwa kwabali-120 ngomoya oyingcwele kwakuhambisana nengxolo eyatsala ingqalelo yenginginya yabantu. Aba bantu bakhwankqiswa kukuva abafundi bethetha ngeelwimi, oko kukuthi, ngeelwimi zabasemzini ezaziqondwa ngabo babelapho. Umpostile uPetros wacacisa ukuba lo mmangaliso wawububungqina bokuba umoya kaThixo wawuthululwe nguYesu, owayevusiwe kwelabafileyo ibe ngoku ehleli ngakwisandla sokunene sikaThixo ezulwini. UPetros wakhuthaza abaphulaphuli bakhe: “Mayazi ngokuqinisekileyo indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo.” Wandula ke waqukumbela ngokuthi: “Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.” Kwaguquka imiphefumlo emalunga nama-3 000.—IZenzo 2:36, 38, 41.
7. Abantu abangama-3 000 ababhaptizwa ngePentekoste yowama-33 C.E. babhaptizwa egameni loYise, loNyana nelomoya oyingcwele ngayiphi indlela?
7 Ngaba kunokuthiwa aba babhaptizelwa egameni (ngenxa yokwamkela) loYise, loNyana nelomoya oyingcwele? Ewe. Nangona uPetros engazange abaxelele ukuba mababhaptizelwe egameni loYise, babesele bemamkela uYehova njengeNkosi enguMongami, ekubeni babengamaYuda emvelo, amalungu ohlanga olwaluzinikele Kuye. UPetros wathi: ‘Bhaptizwani egameni loNyana.’ Ngoko ukubhaptizwa kwabo kwakubonisa ukuba bayamamkela uYesu njengeNkosi noKristu. Ngoku babengabafundi bakhe yaye babevuma ukuba izono zazinokuxolelwa ngaye. Ekugqibeleni, olo bhaptizo lwalubonisa ukwamkela umoya oyingcwele, ibe balufumana njengenzaliseko yedinga lokuba babeya kwamkela umoya njengesipho.
8. (a) Ukongezelela kubhaptizo lwamanzi, luluphi olunye ubhaptizo amaKristu athanjisiweyo aye abhaptizwa ngalo? (b) Ngoobani ngaphandle kwe-144 000 ababhaptizwa ngobhaptizo lwamanzi egameni lomoya oyingcwele?
8 Abo babhaptizwa ngamanzi ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. babhaptizwa nangomoya, bethanjiswa ukuze babe ngookumkani nababingeleli kuBukumkani basezulwini. Ngokutsho kwencwadi yeSityhilelo, aba ngabantu abali-144 000 kuphela. Ngoko abo babhaptizwa ngomoya oyingcwele baze ekugqibeleni ‘batywinwe’ njengeendlalifa zoBukumkani bali-144 000 kuphela. (ISityhilelo 7:4; 14:1) Noko ke, bonke abafundi abatsha—enoba liyintoni na ithemba labo—babhaptizwa emanzini egameni loYise, loNyana nelomoya oyingcwele. (Mateyu 28:19, 20) Ngoko, kuthetha ukuthini kuwo onke amaKristu ukubhaptizelwa egameni lomoya oyingcwele, enoba ngamalungu ‘omhlambi omncinane’ okanye ‘ngawezinye izimvu’? (Luka 12:32; Yohane 10:16) Ngaphambi kokuba siphendule loo mbuzo, makhe siqwalasele ezinye zezinto ezazisenziwa ngumoya ngexesha lamaKristu.
Isiqhamo Somoya
9. Yintoni eyenziwa ngumoya oyingcwele ebalulekileyo kuwo onke amaKristu?
9 Into ebalulekileyo esiyenzelwa ngumoya oyingcwele kukusinceda sikhulise ubuntu bobuKristu. Liyinyaniso elokuba ngenxa yokungafezeki asinakukuphepha ukona. (Roma 7:21-23) Kodwa xa siguquke ngokunyaniseka, uYehova uyasixolela ngesizinzi sedini likaKristu. (Mateyu 12:31, 32; Roma 7:24, 25; 1 Yohane 2:1, 2) Ngaphezu koko, uYehova ulindele ukuba silwisane notyekelo lwethu lokwenza isono, yaye umoya oyingcwele uyasinceda ukwenjenjalo. UPawulos wathi, “Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.” (Galati 5:16) UPawulos wahlabela mgama ebonisa ukuba umoya unokuvelisa ezona mpawu zintle kuthi. Wabhala: “EsoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa.”—Galati 5:22, 23.
10. Isiqhamo somoya sikhula njani kumKristu?
10 Umoya umnceda njani umKristu ukuba abonakalise isiqhamo esinjalo? Oku akuzenzekeli kuba nje singamaKristu azahluleleyo aza abhaptizwa. Sifanele sikusebenzele. Kodwa ukuba sinxulumana namanye amaKristu abonakalisa ezi mpawu, ukuba siyathandaza kuThixo sicela umoya wakhe ukuba usincede sivelise ezi mpawu, ukuba siyaluphepha unxulumano olubi size sifundisise iBhayibhile ukuze sifumane isiluleko nemizekelo emihle, ngoko isiqhamo sokomoya siya kukhula kuthi.—IMizekeliso 13:20; 1 Korinte 15:33; Galati 5:24-26; Hebhere 10:24, 25.
Ukumiselwa Ngumoya Oyingcwele
11. Yiyiphi indlela abadala abamiselwa ngayo ngumoya oyingcwele?
11 Xa wayethetha nabadala base-Efese, uPawulos wachaza enye indlela osebenza ngayo umoya oyingcwele xa wathi: “Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo [ngegazi loNyana wakhe, NW].” (IZenzo 20:28) Ewe, abaveleli, okanye abadala bamabandla, bamiselwa ngumoya oyingcwele. Ngayiphi indlela? Ngenxa yokuba abadala abamiselweyo bamele bahlangabezane neemfaneleko ezichazwe kwiBhayibhile ephefumlelweyo. (1 Timoti 3:1-13; Tito 1:5-9) Ngumoya oyingcwele kuphela onokubanceda ukuba bavelise ezo mfaneleko. Ngaphezu koko, iqumrhu labadala elincomela ukumiselwa komdala omtsha lithandazela ukhokelo lomoya oyingcwele ukuze liqonde ukuba uyahlangabezana kusini na neemfaneleko okanye akunjalo. Ibe ukumiselwa kwakhe kona kwenziwa ngaphantsi kweliso lomkhonzi othembekileyo noqondayo othanjiswe ngomoya.
Ukukhokelwa Ngumoya
12. Umoya unokusiphembelela njani ngeBhayibhile?
12 AmaKristu ayayamkela into yokuba ngumoya oyingcwele owaphembelela ukubhalwa kweZibhalo Ezingcwele. Ngenxa yoko, ayaziphengulula izibhalo ukuze afumane ubulumko obuphefumlelwe ngumoya, njengoko ayesenza amangqina kaYehova exesha langaphambi kobuKristu. (IMizekeliso 2:1-9) Ayazifunda, acamngca ngazo, ibe ayazivumela ukuba zikhokele ubomi bawo. (INdumiso 1:1-3; 2 Timoti 3:16) Ngaloo ndlela umoya oyingcwele uyawanceda ‘ukuphengulula iinzulu zikaThixo.’ (1 Korinte 2:10, 13; 3:19) Ukukhokela abakhonzi bakaThixo ngale ndlela ngumsebenzi obalulekileyo womoya kaThixo kumhla wethu.
13, 14. Yintoni uYesu awayisebenzisayo ukuze alungise iingxaki emabandleni, ibe ukwenza njani okufanayo namhlanje?
13 Ngaphezu koko, kwincwadi yeSityhilelo, uYesu ovusiweyo wathumela izigidimi kumabandla asixhenxe aseAsia Minor. (ISityhilelo, isahluko 2 nesesi-3) Kuzo wathi wayewahlolile la mabandla waza wayiqonda imeko yawo yokomoya. Wafumanisa ukuba amanye ayemisela umzekelo omhle wokholo. Kwamanye, abadala babevumele ukubakho kwamahlelo, ukuziphatha okubi nokuba dikidiki konakalisa umhlambi. Ibandla laseSardesi lalifile ngokomoya, ngaphandle nje kwembinana yemiphefumlo eyayithembekile. (ISityhilelo 3:1, 4) UYesu wazisingatha njani ezi ngxaki? Wasebenzisa umoya oyingcwele. Xa wayeluleka amabandla asixhenxe, uYesu waqukumbela isigidimi sakhe kwimeko nganye ngala mazwi: “Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.”—ISityhilelo 2:7, 11, 17, 29; 3:6, 13, 22.
14 Nanamhlanje, uYesu uyawahlola amabandla. Kwaye xa ebona iingxaki, usazilungisa ngomoya oyingcwele. Umoya unokusinceda siqonde size soyise iingxaki ngokungqalileyo ngokufunda kwethu iBhayibhile. Kwakhona sinokuncedwa luncwadi lweBhayibhile olupapashwa ngumkhonzi othembekileyo noqondayo othanjiswe ngomoya. Okanye sinokuncedwa ngabadala abamiselwe ngomoya emabandleni. Enoba iyintoni na imeko, enoba sisiluleko esinikelwa kubantu ngabanye okanye kwibandla lilonke, ngaba siyawathobela amazwi kaYesu: “Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya”?
Umoya Nomsebenzi Wokushumayela
15. Umoya wasebenza njani kuYesu ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela?
15 Ngasihlandlo sithile xa uYesu wayeshumayela kwindlu yesikhungu eNazarete, wabonisa enye indlela osebenza ngayo umoya. Ingxelo isixelela oku: “Eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhaliwe kuyo kwathiwa, UMoya weNkosi uphezu kwam, ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu, indithume ukuba ndiphilise abantliziyo zityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile. Waqala ke ukuthi, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.” (Luka 4:17, 18, 21; Isaya 61:1, 2) Ewe, uYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo.
16. Kwinkulungwane yokuqala, umoya oyingcwele wawubandakanyeke njani ngokunzulu ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo?
16 Ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu waprofeta ngomsebenzi omkhulu wokushumayela owawuza kwenziwa ngabalandeli bakhe. Wathi: “Iindaba ezilungileyo ezi [zimele zivakaliswe] kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) La mazwi azaliseka okokuqala ngenkulungwane yokuqala, ibe umoya oyingcwele wawunendima ephawulekayo koku. Yayingumoya oyingcwele owalathisa uFilipu ukuya kushumayela kwithenwa elingumTiyopiya. Ngumoya oyingcwele owalathisa uPetros kuKorneli, ibe ngumoya oyingcwele owayalela ukuba uPawulos noBharnabhas bathunyelwe kwa-Antiyokwe njengabapostile. Kamva, xa uPawulos wayefuna ukushumayela kwelaseAsiya nakwelaseBhitini, ngandlel’ ithile umoya oyingcwele wamthintela. UThixo wayefuna ukuba umsebenzi wokunikela ubungqina udlulele eYurophu.—IZenzo 8:29; 10:19; 13:2; 16:6, 7.
17. Namhlanje, umoya oyingcwele ubandakanyeke njani kumsebenzi wokushumayela?
17 Namhlanje, umoya oyingcwele ubandakanyeke gqitha kumsebenzi wokushumayela. Kwinzaliseko engakumbi kaIsaya 61:1, 2, umoya kaYehova uthambise abazalwana bakaYesu ukuze bashumayele. Kwinzaliseko yokugqibela kaMarko 13:10, aba bathanjisiweyo, bencediswa sisihlwele esikhulu, baye bazishumayela ngokoqobo iindaba ezilungileyo kuzo “zonke iintlanga.” (ISityhilelo 7:9) Ibe bonke baxhaswa ngumoya kulo msebenzi. Njengakwinkulungwane yokuqala, uvula intsimi entsha yaye uyakhokela kwinkqubela ngokubanzi yomsebenzi. Womeleza abantu ngabanye, ubanceda boyise ukuba neentloni baze baphucule ubuchule babo bokufundisa. Ngaphezu koko, uYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na . . . Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.”—Mateyu 10:18-20.
18, 19. Yiyiphi indlela umoya othelela ngayo umtshakazi ekumemeni abantu abaneentliziyo ezilulamileyo ukuba ‘bathabathe amanzi obomi ngesisa’?
18 Kwincwadi yeSityhilelo, kwakhona iBhayibhile igxininisa ukubandakanyeka komoya oyingcwele kumsebenzi wokushumayela. Apho umpostile uYohane unikela le ngxelo: “UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Umtshakazi, omelwa ngabasaseleyo be-144 000 abasesemhlabeni, umema bonke ukuba bathabathe amanzi obomi ngesisa. Kodwa phawula ukuba nomoya oyingcwele uthi “Yiza.” Ngayiphi indlela?
19 Ngenxa yokuba isigidimi esivakaliswa ludidi lomtshakazi—namhlanje oluncediswa sisihlwele esikhulu sezinye izimvu—sivela eBhayibhileni, ebhalwe ngempembelelo yomoya oyingcwele. Kwaye loo moya ukwamnye uye wavula iintliziyo neengqondo zodidi lomtshakazi ukuze luqonde iLizwi eliphefumlelweyo luze lucacisele abanye ngalo. Abo babhaptizwa njengabafundi abatsha bakaYesu Kristu bayoliswa kukwamkela amanzi obomi ngesisa. Yaye bayakuvuyela ukusebenzisana nomoya kwanomtshakazi ngokuthi “Yiza” nakwabanye abantu. Namhlanje, abantu abangaphezu kwezigidi ezine basebenzisana nomoya ukwenza lo msebenzi.
Ukuphila Ngokuvisisana Nobhaptizo Lwethu
20, 21. Sinokuphila njani ngokuvisisana nokubhaptizwa kwethu egameni lomoya oyingcwele, yaye sifanele silujonge njani olu bhaptizo?
20 Ukubhaptizelwa egameni lomoya oyingcwele luvumo lwasesidlangalaleni lokuba siyawamkela umoya oyingcwele yaye siyayiqonda indima onayo kwiinjongo zikaYehova. Kubonisa ukuba siza kusebenzisana nalo moya, singenzi nanye into eya kuphazamisa ukusebenza kwawo phakathi kwabantu bakaYehova. Ngaloo ndlela, siyaluqonda ibe sisebenzisana nodidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo. Sisebenzisana nelungiselelo labadala ebandleni. (Hebhere 13:7, 17; 1 Petros 5:1-4) Siphila ngobulumko bokomoya, kungekhona obenyama, yaye sivumela umoya uxonxe ubuntu bethu, bufane ngakumbi nobukaKristu. (Roma 13:14) Yaye ngentliziyo epheleleyo sithelela umoya nomtshakazi ekuthini “Yiza” kwizigidi ezisenokusabela kwixesha elizayo.
21 Hayi indlela ekunzulu ngayo ukubhaptizelwa ‘egameni lomoya oyingcwele’! Kanti, enjani yona intsikelelo enokuba ngumphumo woku! Ngamana inani labo babhaptizwa ngolo hlobo lingaqhubeka lisanda. Ibe ngamana sonke singaqhubeka siphila ngokuvisisana nentsingiselo yolo bhaptizo, njengoko sikhonza uYehova yaye siqhubeka ‘sivutha emoyeni.’—Roma 12:11.
Yintoni Oyikhumbulayo Ngomoya Oyingcwele?
◻ Ziziphi iindlela owawusebenza ngazo umoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E.?
◻ Sinokuzibonakalisa njani iziqhamo zomoya?
◻ Yiyiphi indlela abadala abamiselwa ngayo ngumoya oyingcwele?
◻ UYesu uwusebenzisa njani umoya oyingcwele ukusingatha iingxaki ebandleni?
◻ Umoya ubandakanyeke njani ngokunzulu kumsebenzi wokushumayela?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
NoPetros wayeshumayela ngokubhaptizwa egameni loYise nelomoya oyingcwele
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umoya ubandakanyeke gqitha ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo