Ihlabathi Elilunge Ngakumbi—Ngaba Liphupha Nje?
UKUBA wawungumlandeli wobuMazda njengoko babushunyayelwa ngumprofeti waseIran uZoroaster, ngewawulindele usuku lwaxa umhlaba wawuya kubuyela kubuhle bawo bantlandlolo. Ukuba wawuphila kwiGrisi yamandulo, mhlawumbi ngewawuphuphe ngokuphila kamnandi kwiZiqithi Zethamsanqa okanye ngokubona ukubuya kweXesha Elizukileyo elachazwa yimbongi uHesiod ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. UmIndiya ongumGuaraní eMzantsi Merika usenokuba usakhangela iLizwe Elingenabo Ubungendawo. Njengoko uphila kwixesha lethu, mhlawumbi unethemba lokuba ihlabathi liza kuphucuka ngenxa yeembono ezithile zezopolitiko okanye ngenxa yolwazi lwenzululwazi lomhla wethu ngezinto eziphilileyo nendawo eziphila kuyo.
IXesha Elizukileyo, iZiqithi Zethamsanqa, iLizwe Elingenabo Ubungendawo—le yimbinana nje yamagama kwamaninzi asetyenziswayo ukuchaza ulangazelelo olufanayo, ithemba lehlabathi elilunge ngakumbi.
Eli hlabathi, ihlabathi lethu, ngokuqinisekileyo aliyondawo ifaneleke ngokugqibeleleyo. Ulwaphulo-mthetho olwandileyo logonyamelo, ukubulalana ngobundlobongela obungathethekiyo kwezalamane, ukutshatyalaliswa kohlanga luphela, ukungakhathalelwa kokubandezeleka kwabanye, ubuhlwempu nendlala, ukungaqeshwa nokungabikho kokubambisana, iingxaki eziphathelele izinto eziphilayo nendawo eziphila kuyo, izifo ezinganyangekiyo ezithwaxa izigidi—uludwe lwezinto ezibuhlungu zanamhlanje lubonakala lungenasiphelo. Ecinga ngeemfazwe eziliwayo ngoku, unondaba waseItali wathi: “Umbuzo ngokuqhelekileyo ophakamayo ngowokuba kazi ubutshaba abuyiyo na eyona mvakalelo inamandla kwixesha lethu.” Ekubeni uyibona imeko, ngaba ucinga ukuba kusengqiqweni ukulangazelela okuthile okwahlukileyo, okulunge ngakumbi? Okanye ngaba ulangazelelo olunjalo kukunqwenela nje iliZwe eliGqibeleleyo eliThelekelelwayo, iphupha elingasayi kuze lizaliseke? Ngaba siphila kwelona hlabathi lilunge ngakumbi liya kuze libekho?
La maxhala akanto intsha. Kangangeenkulungwane abantu bebephupha ngehlabathi elinemvisiswano, okusesikweni, indyebo nothando. Ekuhambeni kwexesha, izithandi zobulumko eziliqela zadandalazisa iingcamango zazo ngamaZwe agqibeleleyo nalunge ngakumbi. Kodwa, okubuhlungu kukuba, azizange zikwazi ukucacisa indlela yokuzenza ziphumelele ezo ngcamango.
Ngaba olu dederhu lwamaphupha eenkulungwane, iintelekelelo zamaZwe aGqibeleleyo aThelekelelwayo, nolangazelelo lwabantu lwebutho elilunge ngakumbi kukho nto lusifundisa yona kusini na?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Ngaba eli lelona hlabathi lilunge ngakumbi liya kuze libekho?