Ngaba Amaphupha Anokulichaza Kwangaphambili Ikamva?
UKUSUSELA kumaxesha amandulo, uluntu belunomdla onzulu kumaphupha. AmaYiputa abhala iincwadi ezinenkcazelo yokutyhila amaphupha, yaye amaBhabhiloni ayenabatyhili bamaphupha. AmaGrike ayenesithethe sokulalisa abantu abagulayo kwiitempile zikaAsclepius ukuze bafumane imiyalelo yempilo emaphupheni. Ngenkulungwane yesibini yeXesha lethu Eliqhelekileyo, uArtemidorus wabhala incwadi awayechaza kuyo ukutyhilwa kwemiqondiso yamaphupha. Iincwadi ezininzi ezifana nayo eziye zabhalwa ukususela ngelo xesha ziye zasekelwa kwincwadi yakhe. Ukuza kuthi ga kule mihla, kusenziwa imigudu yokutyhila amaphupha, kodwa ngaba ngokwenene anokusichazela ngeziganeko zexesha elizayo?
Ukuze abe nento yokwenza nekamva, bekuya kufuneka aphenjelelwe ngamandla angaphezulu kwawomntu. EBhayibhileni sifumana izihlandlo ezininzi apho uThixo wasebenzisa loo mandla. Wanika abakhonzi bakhe kwanabo babengamnquli amaphupha esiprofeto. Eneneni, uYobhi 33:14-16 uthi: “UThixo uyathetha . . . ephupheni, embonweni wasebusuku, bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, ekozeleni elukhukweni; uzityhila oko iindlebe zabantu.”
UThixo wenza oku kwimeko kaFaro waseYiputa ngemihla kaYosefu, owayephila kwiminyaka engaphezu kweli-1 700 ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Iphupha likaFaro lifumaneka kwiGenesis 41:1-7, yaye kwindinyana yama-25 ukusa kweyama-32, uYosefu ulityhila njengelichaza kwangaphambili iminyaka esixhenxe “yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa,” eyayiza kulandelwa yiminyaka esixhenxe yendlala. UYosefu wamcacisela oku uFaro: “Oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.” (Genesis 41:28) Elo phupha lalisisiprofeto soko kwenzekayo ngokwenene.
Ukumkani odumileyo waseBhabhiloni wehlelwa yinto efanayo. UNebhukadenetsare waphupha iphupha elamphazamisa kakhulu, kodwa wayengasalikhumbuli. Ngoko wabiza abakhafuli bakhe ukuze bamxelele baze bamtyhilele elo phupha. Eso sicelo abazange bakwazi ukusiphumeza.—Daniyeli 2:1-11.
Ekubeni yayinguThixo owayenze ukumkani aphuphe elo phupha, wenza umprofeti uDaniyeli akwazi ukulichaza yaye alityhile elo phupha. UDaniyeli 2:19 uthi: “Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku.” UDaniyeli wazukisa uThixo ngelo phupha: “Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola. Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla.”—Daniyeli 2:27, 28.
Maxa wambi uThixo wayebanika imiyalelo abantu bakhe esebenzisa amaphupha, yaye ngamanye amaxesha wayebaqinisekisa ukuba uyakholiswa ngabo okanye abancede baqonde indlela awayebanceda ngayo. Kwimeko kaYakobi, uThixo wabonisa ukukholiswa kwakhe ngephupha.—Genesis 48:3, 4.
Xa uYosefu, ubawo ongumondli kaYesu, wafumanisa ukuba uMariya ukhulelwe, wagqiba kwelokuba awuqhawule umtshato wabo. Wandula ke wafumana imiyalelo ngephupha yokuba angenzi njalo. UMateyu 1:20 uthi: “Emva kokuba ezicingisisile ezi zinto, khangela! ingelosi kaYehova yabonakala kuye ephupheni, isithi: ‘Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabatha umse ekhaya umfazi wakho uMariya, kuba oko kuzelwe kuye kungomoya oyingcwele.’” Kamva xa wayephupha wafumana esi silumkiso: “Ingelosi kaYehova yabonakala ephupheni kuYosefu, isithi: ‘Vuka, thabatha umntwana oselula nonina uze usabele eYiputa.’”—Mateyu 2:13.
Amaphupha Angaveli KuThixo
Isibakala sokuba ukutyhilwa kwamaphupha kwakuyinto eqhelekileyo phakathi kwabantu ababengengabo abakaThixo sibonisa ukuba asingawo onke amaphupha amelwe agqalwe njenganokuthenjwa ekuchazeni ikamva. Ngemihla yomprofeti kaThixo uYeremiya, abaprofeti bobuxoki babesithi: “Ndiphuphile, ndiphuphile.” (Yeremiya 23:25) Injongo yabo yayikukulahlekisa abantu ukuze bacinge ukuba uThixo wayethetha esebenzisa bona. Ngokuphathelele aba baphuphi, uYeremiya waphefumlelwa ukuba athi: “Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo. Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; . . . ; utsho uYehova.”—Yeremiya 29:8, 9.
Ekubeni aba baprofeti bobuxoki ‘babengabavumisi,’ amaphupha abo asenokuba ayephenjelelwa ngamandla emimoya engendawo ukuze bakhohlise abantu. Kuthethwa into efanayo kuZekariya 10:2: “Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo.”
UMtyholi ngumkhohlisi omkhulu oye wasebenzisa iinkokeli zonqulo kangangamawaka eminyaka ukuba zixoke zisithi uThixo uthethe nazo ngemibono nangamaphupha, kanye njengoko benzayo abaprofeti bobuxoki bemihla kaYeremiya noZekariya. Ngokuphathelele abanjalo, umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo uYude wabhalela amaKristu enkulungwane yokuqala esithi: “Abantu abathile bathwethwele ngaphakathi abo kwakudala babemiselwe lo mgwebo ziZibhalo, abantu abangenabuthixo, bebujika ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala yaye bemkhanyela okuphela koMnini neNkosi yethu, uYesu Kristu.” Wathi abo bantu, ngokungathi kunjalo, ‘babezifica emaphupheni.’—Yude 4, 8.
Wavavanye Amabango
Umntu othile usenokuthi uThixo uthethe naye ngephupha okanye amaphupha akhe ngekamva angqineke eyinyaniso, kodwa oko akusosizathu saneleyo sokuba umkholelwe uze umlandele. Phawula imiyalelo eyabhalelwa amaSirayeli, efumaneka kwiDuteronomi 13:1-3, 5: “Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze: uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; . . . Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe.” UThixo wabavumela abantu abanjalo ukuba bathethe ubuxoki ukuze kuvavanywe ukunyaniseka kwabantu bakhe.
Kunokumfanyekiswa ngamabango abaphuphi abanamandla angaqhelekanga, ikhondo lobulumko kukuba siwavavanye loo mabango ukuze siphephe ukulahlekiswa ngumkhohlisi omkhulu ongabonakaliyo, “olahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Kodwa anokuvavanywa njani ngokwenene?
ILizwi likaThixo elibhaliweyo lukhokelo lwethu oluvela kuye lokusibonisa inyaniso. Ngokuphathelele lona, uYesu Kristu wathi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Ngoko kweyoku-1 kaYohane 4:1 siyabongozwa: “Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na, ngenxa yokuba abaprofeti bobuxoki abaninzi baye bangena ehlabathini.” Xa ethelekiswa kakuhle neBhayibhile, amabango, iintandabulumko nezenzo zabo ziya kungqubana nayo. ILizwi likaThixo ligunya lenyaniso.
Ngaba loo mntu uphuphayo uzibanga enolwazi olukhethekileyo uyavumisa okanye wenza olunye uqheliselo lokusebenzelana nemimoya? Ukuba kunjalo, iLizwi likaThixo liyamgweba. “Maze kungafunyanwa namnye . . . ovumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo, nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.”—Duteronomi 18:10-12.
Ukuba uthi unomphefumlo ongafiyo, uphikisana neLizwi likaThixo elichaza ngokucacileyo ukuba: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4) Ngaba uyazigwagwisa aze azenzele abalandeli bakhe? UMateyu 23:12 ulumkisa ngelithi: “Nabani na oziphakamisayo uya kuthotywa.” Yaye IZenzo 20:30 zilumkisa amaKristu zisithi: “Phakathi kwenu ngokwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.”
Ngaba ukhuthaza izenzo zogonyamelo? UYakobi 3:17, 18 uyamgweba: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, bungacaluli ngokukhetha ubuso, bungabi naluhanahaniso. Ngaphezu koko, imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.” Ngaba usukela ukuba negunya kwezobupolitika okanye ukuba nempembelelo kweli hlabathi? ILizwi likaThixo limgxeka kabukhali, lisithi: “Nabani na . . . ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzimisa njengotshaba lukaThixo.” Ngaloo ndlela iBhayibhile iyabubhenca ubuxoki.—Yakobi 4:4.
Ukuba ubani uphuphe ngokufa kwelungu lentsapho okanye umhlobo, mhlawumbi kungenxa yokuba ebemxhalabele loo mntu. Isibakala sokuba loo mntu efe ngobusuku aphuphe ngabo asingqini ukuba elo phupha lisisiprofeto. Kwiphupha ngalinye elibonakala lizaliseka, kukho angamakhulu angazalisekiyo.
Nangona mandulo uThixo wayesebenzisa amaphupha ukuze atyhile iziganeko ezingokwesiprofeto aze anikele imiyalelo ngexesha lokubhalwa kweLizwi lakhe, akukho mfuneko yokuba enjenjalo namhlanje. Elo Lizwi libhaliweyo liqulethe yonke imiyalelo evela kuThixo efunwa luluntu namhlanje, yaye iziprofeto zalo ziphathelele iziganeko zeminyaka engaphezu kwewaka ezayo. (2 Timoti 3:16, 17) Ngoko sinokuqiniseka ukuba amaphupha ethu awayomiqondiso evela kuThixo ngeziganeko zexesha elizayo kodwa ayimisebenzi ebalulekileyo yengqondo eyenza ihlale iphilile.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Njengokuba iphupha likaFaro lalibonisa okwakuza kwenzeka, iLizwi likaThixo liyasikhanyisela ngekamva lethu