IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 7/15 iphe. 31
  • Baqeqeshe Kwasebusaneni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baqeqeshe Kwasebusaneni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 7/15 iphe. 31

Baqeqeshe Kwasebusaneni

UPHANDO lwale mihla lubonisa ukuba “iimveku ezingekazalwa ziyaweva amazwi abantu.” IWinnipeg Free Press ithi abaphandi beUniversity of North Carolina “bafumanise ukuba emva kokuba oomama beye babafundela abantwana babo ngexesha besesibelekweni, iimveku ezisandul’ ukuzalwa ziyaziva ezo zicatshulwa xa zifundwa kwakhona.” Xa abafazi befunda ngokuvakalayo xa bekhulelwe, oko kusenokufak’ isandla ekubetheleleni imilinganiselo emihle yokuziphatha kuloo mntwana. IBhayibhile ithi uTimoti ‘wayazi imibhalo engcwele ukususela ebusaneni.’ (2 Timoti 3:14, 15) Kuyabonakala ukuba unina kunye noninakhulu bakuqonda ukubaluleka kokumqeqesha kwasebusaneni, ekusenokuba kwakubandakanya ukufunda ngokuvakalayo.

Umbhali ogama linguJim Trelease uthi ukufunda “bobona buchule bobomi bunamandla esinabo kwibutho lethu labantu namhlanje.” Ubuchule bolwimi nobamagama bukhuliswa kukufunda ngokuvakalayo.

Kububulumko ukuqalisa ukulufundela ngokuvakalayo usana lwakho ubuncinane xa sele uqalisa ukuthetha nalo. Nangona umntwana wakho ongekazalwa okanye osandul’ ukuzalwa ekuqaleni engayi kukuqonda oko ukuthethayo, iingenelo onokuzifumana ezihlala ixesha elide ziwufanele loo mzamo. IMizekeliso 22:6 ithi: “Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana; naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.”

Yintoni onokuyifunda eluncedo neyingenelo? Yonke imihla mfundele iBhayibhile ngokuvakalayo umntwana wakho. Mfundele nezinye iimpapasho ezifanelekileyo, ezinjencwadi ethi Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu, Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, namanqaku athile kwiphephancwadi IMboniselo noVukani!

Kuyinyaniso ukuba ukuzinikela ngolo hlobo kufuna ixesha, kodwa liya kuba lichithwe ngendlela efanelekileyo elo xesha. Yindlela yokwenene yokubonakalisa ukuba umkhathalele yaye uyamthanda umntwana wakho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share