Imibuzo Evela Kubafundi
Ngokokwazi kwam igama lesiGrike elithi “toʹte” (kwandula ke) lisetyenziswa ukuchaza into elandelayo. Ngoko kutheni uMateyu 24:9 efundeka ngolu hlobo: “Baya kwandula ke [“toʹte”] abantu baninikele kwimbandezelo,” ngoxa ingxelo ekwanye ekuLuka 21:12 isithi: “Kodwa ngaphambi kwazo zonke ezi zinto abantu baya kunibeka izandla baze banitshutshise”?
Kuyinyaniso ukuba utoʹte unokusetyenziswa ukuchaza into elandelayo, oko kukuthi, ulandelelwano lwezinto. Kodwa asimele sicinge ukuba eli gama lisetyenziswa ngaloo ndlela kuphela eBhayibhileni.
IA Greek-English Lexicon of the New Testament and Other Early Christian Literature, ebhalwe nguBauer, uArndt noGingrich, ibonisa ngokusisiseko ukuba igama elithi toʹte lisetyenziswa ngeendlela ezimbini eZibhalweni.
Enye yazo kuxa kuthethwa “ngelo xesha.” Lo “ngoko usenokuba ngowexesha elidlulileyo.” Umzekelo ufumaneka kuMateyu 2:17: “Ngoko kwazaliseka oko kwakuthethwe ngoYeremiya umprofeti.” Oku akubhekiseli kwinto elandelayo kodwa kubonisa ixesha elithile elidlulileyo, ngelo xesha. Ngokufanayo, utoʹte unokusetyenziswa “kungoko wexesha elizayo.” Omnye umzekelo ufumaneka kweyoku-1 kwabaseKorinte 13:12: “Kuba okwangoku sibona uyilo olumfiliba ngesipili sesinyithi, kodwa ngoko siya kubona ubuso ngobuso. Okwangoku ndazi ngokuyinxenye, kodwa ngoko ndiya kwazi ngokuchanileyo kwananjengoko nam ndisaziwa ngokuchanileyo.” UPawulos apha wasebenzisa utoʹte ukuchaza ‘ngelo xesha lizayo.’
Ngokutsho kwesi sichazi-magama, enye indlela asetyenziswa ngayo utoʹte “kuxa kuthethwa ngento eza kwenzeka ekuhambeni kwexesha.” Esi sichazi-magama sinika imizekelo emininzi efumaneka kwiingxelo ezintathu ezithetha ngeempendulo zikaYesu kwimibuzo yabapostile ngomqondiso wobukho bakhe.a Sisenza umzekelo ngokusetyenziswa kukatoʹte “xa kuthethwa ngento eza kwenzeka ekuhambeni kwexesha,” esi sichazi-magama sacaphula uMateyu 24:10, 14, 16, 30; Marko 13:14, 21; noLuka 21:20, 27. Ukuqwalasela umongo kubonisa isizathu sokuba kube kokuchanileyo ukuthi yinto yexesha elizayo. Yaye oku kuluncedo ukuze siqonde isiprofeto sikaYesu esasithetha ngeziganeko zexesha elizayo.
Noko ke, asimele sigqibe kwelokuba ngazo zonke izihlandlo avela ngazo utoʹte kwezi ngxelo umele abe uthetha into eza kwenzeka ekuhambeni kwexesha. Ngokomzekelo, kuMateyu 24:7, 8, sifunda ukuba uYesu waxela kwangaphambili ukuba uhlanga lwaluya kuvukelana nohlanga nokuba kwakuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba. Mt 24 Indinyana 9 ihlabela mgama: “Baya kwandula ke abantu baninikele kwimbandezelo kwaye baya kunibulala, ibe niya kuba zizinto zokuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.” Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukucinga ukuba iimfazwe ezazixelwe kwangaphambili, ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba zazimele zibekho, zize mhlawumbi ziphele, ngaphambi kokuba intshutshiso iqale?
Oko akukho ngqiqweni, yaye akungqinelwa nakoko sikwaziyo ngenzaliseko yenkulungwane yokuqala. Ingxelo ekwincwadi yeZenzo ityhila ukuba emva nje kokuba amalungu ebandla elitsha lamaKristu eqalise ukushumayela, ajamelana nenkcaso ekrakra. (IZenzo 4:5-21; 5:17-40) Ngokuqinisekileyo asinakuthi zonke iimfazwe, iindlala neenyikima zomhlaba awathetha ngazo uYesu zenzeka ngaphambi kwaloo ntshutshiso yamandulo. Kunoko, loo nkcaso yabakho “ngaphambi” koninzi lwezinto ezaxelwa kwangaphambili, nto leyo engqinelana nendlela uLuka awubeka ngayo lo mbandela: “Kodwa ngaphambi kwazo zonke ezi zinto abantu baya kunibeka izandla baze banitshutshise.” (Luka 21:12) Loo nto ithetha ukuthi kuMateyu 24:9, ubukhulu becala utoʹte usetyenziswa njengothetha “ngelo xesha.” Ebudeni bexesha leemfazwe, iindlala neenyikima zomhlaba, okanye ngelo xesha, abalandeli bakaYesu babeya kutshutshiswa.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ezi ngxelo zifanayo ezikwincwadi kaMateyu, kaMarko nekaLuka zabhalwa kwiphepha 14 nele-15 leMboniselo kaFebruwari 15, 1994. Izihlandlo utoʹte, awayeguqulelwe ngazo ngokuthi “ngoko,” zazibhalwe ngqingqwa.