Ngaba Yayingumtshato Onyulu?
KWILINGE labo lokuthethelela ibango lokuba umtshato kaMariya noYosefu wahlala unyulu, abazobi nabantu abaqingqa imifanekiso bamzoba uYosefu njengendoda ezazisele zihambile iintsuku kuyo. Baqiqa ngelithi uYosefu wayefana nje nomntu ogciniswe uMariya kunokuba abe yindoda yakhe. Kodwa kutshanje uPopu John Paul II uthe gqi nenye into. Uthi uYosefu “wayengeloxhego ngelo xesha.” Kunoko, “imfezeko yakhe yangaphakathi, awayifumana ngenxa yobabalo, yamenza wakwazi ukuyithibaza inkanuko kulwalamano lwakhe noMariya.”
Ukuba uMariya wayenenjongo yokuhlala enyulu, kwakutheni ukuze ade azidube ngokuganwa? “Siyacinga ukuba,” kuphendula upopu, “ngexesha lokugana kwabo uYosefu kunye noMariya bavumelana ngosukelo lwabo lokuhlala benyulu.”
Noxa kunjalo, iBhayibhile yona iwuvela ngeny’ indlela lo mba. Ingxelo kaMateyu ithi uYosefu “akazange abe neentlobano zesini kunye naye de wazala unyana.” (Mateyu 1:25, INew American Bible yamaKatolika, akekeliswe sithi.) Emva kokuba uYesu ezelwe, iqhina lomtshato kaYosefu noMariya alizange libe saba nyulu. Obunye bobungqina boku kukuba kamva kwakuyo le ncwadi yeVangeli, uYesu uchazwa njengonabantakwabo noodade wabo.—Mateyu 13:55, 56.
Ngaloo ndlela, ngoxa iBhayibhile isitsho ukuba uMariya wayenyulu ekuzaleni kwakhe uYesu, akukho sizathu sakuthi wahlala enyulu ubomi bakhe bonke ekunye noYosefu.