Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Unyamezelo Lukhokelela Kwintsikelelo KaThixo Emalawi
UYOSEFU wayengumkhonzi othembekileyo kaYehova. (Hebhere 11:22) Kwakhona wayeyindoda eyanyamezela ngendlela ebalaseleyo. Nangona wangcatshwa ngabantakwabo, wathengiswa izihlandlo ezibini njengekhoboka, waza kamva wafakwa entolongweni ngenxa yezityholo zobuxoki, uYosefu akazange adimazeke. Kunoko, ngomonde wanyamezela imbandezelo kangangeminyaka, ngokuthobekileyo elinde ukusikelelwa nguYehova.—Genesis 37:23-28, 36; 39:11-20.
Ngokufanayo namhlanje, amaNgqina kaYehova eMalawi ngomonde aye alindela intsikelelo kaThixo. Kangangeminyaka engama-26, la maNgqina angamaKristu aye anyamezela ukuvalwa komsebenzi wawo ngurhulumente, inkcaso eqatha, kwakunye nenkohlakalo egqithiseleyo. Kodwa ukunyamezela kwawo akuzange kube lilize!
Xa kwaqalisa intshutshiso eMalawi ekupheleni kowe-1967, kwakukho abavakalisi boBukumkani abamalunga nama-18 000. Khawuthelekelele uvuyo awaba nalo amaNgqina xa afumanisa ukuba unyaka wenkonzo we-1997 uqalise ngencopho entsha yabavakalisi abangama-38 393—nani elo eliphindwe kabini ngaphezu kokuqalisa kokuvalwa komsebenzi! Ngaphezu koko, kwiiNdibano ZeSithili ezili-13 “Zabathunywa Boxolo Lobuthixo” ezaqhutyelwa eMalawi kwakukho abangaphezu kwe-117 000. Enyanisweni, uYehova ulusikelele ukholo nonyamezelo lwawo.
Umzekelo wale ntsikelelo ngamava omfana ogama linguMachaka. Xa uMachaka wamkela isifundo seBhayibhile namaNgqina kaYehova, abazali bakhe bacaphuka gqitha. Bathi: “Ukuba ufuna ukuba liNgqina, kufuneka uphume uphele apha ekhaya.” Noko ke, esi soyikiso asizange simdimaze ekubeni aqhubeke nesifundo sakhe. Ngenxa yoko, abazali bakaMachaka bayithabatha yonke impahla yakhe. Abazalwana bamthengela impahla engakumbi. Xa abazali bakaMachaka bakufumanisayo oku, bathi: “Ukuba amaNgqina aza kukuxhasa, umele uhambe uye kuhlala nawo.” Emva kokucingisisa ngenyameko ngalo mbandela, uMachaka walishiya ikhaya, waza wathatyathwa yenye intsapho yamaNgqina ekwibandla lasekuhlaleni.
Abazali bakaMachaka bacaphuka kakhulu kangangokuba bagqiba kwelokuba bemke kuloo ndawo ukuze bakuphephe kwaphela ukudibana namaNgqina. Kakade ke, oku kwamkhathaza uMachaka, kodwa wathuthuzeleka xa abazalwana baxubusha naye INdumiso 27:10, ethi: “Ngokuba ubawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.”
Ekuhambeni kwexesha, abazali bakaMachaka bathamba, yaye wagqiba kwelokuba abuyele ekhaya. Kuyabonakala ukuba bachukumiseka kukuzimisela konyana wabo ukufuna ukukhonza uYehova kuba nabo bafuna ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova! Nabo babakho kuzo zontathu iintsuku zeNdibano YeSithili “Yabathunywa Boxolo Lobuthixo,” emva koko bashukunyiselwa ekubeni bavakalise: “Enyanisweni, le yintlangano kaThixo.”
Ewe, inkcaso isenokuba luvavanyo, kodwa abathunywa bakaThixo abanyanisekileyo abanikezeli. Baqhubeka ngenkalipho, besazi ukuba “imbandezelo ivelisa unyamezelo; unyamezelo, ngokulandelayo, luvelisa imeko ekholekileyo.” (Roma 5:3, 4) AmaNgqina kaYehova aseMalawi ngokufanelekileyo anokungqina ukuba unyamezelo lukhokelela kwintsikelelo kaThixo.