Ngaba Uyiphumeza Yonke Imbopheleleko Yakho KuThixo?
“Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.”—INTSHUMAYELI 12:14.
1. Ngawaphi amalungiselelo uYehova awenzele abantu bakhe?
UYEHOVA uyabaxhasa abo bahlala bemkhumbula njengoMdali wabo Ozukileyo. ILizwi lakhe eliphefumlelweyo libanika ulwazi oluyimfuneko ukuze bamkholise ngokuzeleyo. Umoya oyingcwele kaThixo uyabakhokela ekwenzeni ukuthanda kukaThixo ‘nasekuthwaleni isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo.’ (Kolose 1:9,10) Ngaphezu koko, uYehova ulungiselela ukutya kokomoya nolwalathiso lobuthixo ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Ngoko ke, ngeendlela ezininzi abantu bakaThixo bafumana iintsikelelo ezivela ezulwini njengoko bekhonza uYehova yaye bephumeza umsebenzi obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Marko 13:10.
2. Ngokuphathelele inkonzo kaYehova, yiyiphi imibuzo enokuphakama?
2 AmaKristu okwenyaniso ayakuvuyela ukuxakekiswa yinkonzo engcwele kuYehova. Ukanti, bambi basenokudimazeka baze bacinge ukuba imigudu yabo ililize. Ngokomzekelo, maxa wambi amaKristu azahluleleyo angathandabuza ukuba imigudu yawo yenkuthalo yanele. Xa icinga ngesifundo sentsapho nezinye izinto ezenziwayo, intloko-ntsapho inokuzibuza imibuzo enjengale: ‘Ngaba ngokwenene uYehova uyakholiswa koko sikwenzayo? Ngaba siyayiphumeza yonke imbopheleleko yethu kuThixo?’ Amazwi obulumko eNtshumayeli anokusinceda siphendule imibuzo enjalo.
Ngaba Yonk’ Into Ingamampunge?
3. Ngokuvisisana neNtshumayeli 12:8, ngawaphi awona mampunge?
3 Bambi banokucinga ukuba amazwi esilumko awakhuthazi kangako kuye nabani na—abaselula okanye abalupheleyo. “Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.” (INtshumayeli 12:8) Eneneni, awona mampunge kukutyeshela uMdali Ozukileyo ngexesha lobutsha, ude ube ngumntu okhulileyo ungakhange umkhonze, uze ekuphela kwento onokuzingomb’ isifuba ngayo ibe yiminyaka oye wayiphila emininzi. Konke oko kungamampunge, okanye ilize, kumntu onjalo, enokuba ufa esisityebi esidumileyo kweli hlabathi lisemandleni ongendawo, uSathana uMtyholi.—1 Yohane 5:19.
4. Kutheni kunokuthiwa asiyiyo yonke into engamampunge?
4 Asiyiyo yonke into engamampunge kwabo baziqwebela ubutyebi emazulwini njengabakhonzi bakaYehova abathembekileyo. (Mateyu 6:19, 20) Kuninzi abanokukwenza kumsebenzi weNkosi onomvuzo, yaye ngokuqinisekileyo ukubulaleka okunjalo akulolize. (1 Korinte 15:58) Kodwa ukuba singamaKristu azahluleleyo, ngaba sixakeke ngumsebenzi esiwunikwe nguThixo kule mihla yokugqibela? (2 Timoti 3:1) Okanye ngaba siphila ubomi obahluke nje kancinane kobo buphilwa ngabamelwane bethu ngokuqhelekileyo? Kusenokwenzeka ukuba banxulumana neenkonzo zonqulo ezahlukahlukeneyo yaye kusenokwenzeka ukuba bazinikele kuzo, baya rhoqo kwiindawo abanqulela kuzo yaye bazama ukuphumeza oko kulindelwe ukuba bakwenze kunqulo lwabo. Kakade ke, abangabo abavakalisi besigidimi soBukumkani. Abanalo ulwazi oluchanileyo lokuba eli “lixesha lokuphela” bengenayo nemvo yongxamiseko ngemihla esiphila kuyo.—Daniyeli 12:4.
5. Ukuba eyona nto siyixhalabeleyo lusukelo oluqhelekileyo lobomi, yintoni esifanele siyenze?
5 Ethetha ngamaxesha amanqam omhla wethu uYesu Kristu wathi: “Kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu. Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla yaye besela, amadoda etshata kwaye abafazi benikelwa emtshatweni, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke, nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.” (Mateyu 24:37-39) Xa kulinganiselwe, akukho nto iphosakeleyo ngokutya nokusela, yaye umtshato lilungiselelo elasungulwa nguThixo ngokwakhe. (Genesis 2:20-24) Ukanti, ukuba uphawula ukuba eyona nto uzixhalabise ngayo lusukelo lwezinto eziqhelekileyo zobomi, kutheni ungakuthandazeli nje oku? UYehova unako ukusinceda ukuba sibeke izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala, senze okulungileyo, size siphumeze imbopheleleko yethu.—Mateyu 6:33; Roma 12:12; 2 Korinte 13:7.
Ukuzahlulela Kwethu Nembopheleleko Yethu KuThixo
6. Yiyiphi indlela ebalulekileyo abasilela ngayo abanye ababhaptiziweyo ukuphumeza imbopheleleko yabo kuThixo?
6 Amanye amaKristu abhaptiziweyo kufuneka athandaze ngokunyanisekileyo ngenxa yokuba akaphili ngokuvisisana nembopheleleko yawo yokuba ngabalungiseleli awayithabatha ngoxa ayezahlulela kuThixo. Kangangeminyaka emininzi ngoku, bekubhaptizwa abangaphezu kuhle kwama-300 000 minyaka le, kodwa isimbuku senani lamaNgqina kaYehova akhutheleyo asikhange sande njengoko besimele. Bambi abaye baba ngabavakalisi boBukumkani baye bayeka ukuvakalisa iindaba ezilungileyo. Ukanti, abantu ngabanye bamele babe nesabelo ngokuzeleyo kubulungiseleli bamaKristu ngaphambi kokuba babhaptizwe. Ngoko balwazi kakuhle uthumo uYesu awalunika bonke abalandeli bakhe oluthi: “Hambani . . . nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bagcine zonke izinto endiye ndaniyalela zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngaphandle kokuba basikelwe umda ngendlela egqithiseleyo ngenxa yempilo okanye abanye oothunywashe abangaphezu kwamandla abo, abo babhaptiziweyo bangasengomaNgqina akhutheleyo kaThixo noKristu abaphili ngokuvisisana nembopheleleko yabo kuMdali wethu Ozukileyo.—Isaya 43:10-12.
7. Kutheni sifanele sihlanganisane rhoqo ukuze sinqule?
7 USirayeli wamandulo wayeluhlanga oluzahlulele kuThixo, yaye phantsi komnqophiso woMthetho, abantu bakhe babeneembopheleleko phambi koYehova. Ngokomzekelo, onke amadoda ayefanele ahlanganisane kwimithendeleko emithathu eyayibakho minyaka le, yaye indoda eyayisithi ngabom ingayigcini iPasika ‘yayinqanyulwa’ ife. (Numeri 9:13; Levitikus 23:1-43; Duteronomi 16:16) Ukuze aphumeze imbopheleleko yawo kuThixo njengabantu bakhe abazahluleleyo, amaSirayeli kwakufuneka ahlanganisane ukuze anqule. (Duteronomi 31:10-13) EMthethweni yayingekho into ethi, ‘Kwenze oku ukuba ubomi bakho buyakuvumela.’ Kwabo ngoku bazahlulele kuYehova, ngokuqinisekileyo la mazwi kaPawulos anentsingiselo engakumbi: “Masiqwalaselane ukuze sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Ewe, ukuhlanganisana namanye amakholwa rhoqo yinxalenye yembopheleleko umKristu ozahluleleyo anayo kuThixo.
Ziqwalasele Ngenyameko Izigqibo Ozenzayo!
8. Kutheni umntu oselula obhaptiziweyo efanele ayicingisise ngomthandazo inkonzo yakhe engcwele?
8 Mhlawumbi ungumntu oselula ozahlulele kuYehova. Uya kuzuza iintsikelelo ezityebileyo ukuba uzibeka kwindawo yokuqala ebomini bakho izilangazelelo zoBukumkani. (IMizekeliso 10:22) Ngokuthandaza nangokuceba ngenyameko, ungakwazi ukuchitha iminyaka yakho yobutsha kuhlobo oluthile lwenkonzo yexesha elizeleyo—indlela entle yokubonisa ukuba uyamkhumbula uMdali wakho Ozukileyo. Kungenjalo, ukuthanda izinto eziphathekayo kungathabatha ixesha lakho elininzi nengqalelo yakho engakumbi. Njengabantu ngokubanzi, unokukhawuleza utshate uze uthi zwabha ematyaleni ukuze uzuze izinto eziphathekayo. Umsebenzi onentlawulo ephakamileyo unokuthabatha ixesha lakho elingakumbi namandla akho. Ukuba unabantwana, kuya kufuneka uthwale iimbopheleleko zentsapho kangangamashumi eminyaka. (1 Timoti 5:8) Kusenokwenzeka ukuba akumlibalanga uMdali wakho Ozukileyo, kodwa kububulumko ukuqonda ukuba ukucwangcisa kwakho izinto kwangoko, okanye ukungenjinjalo, kungagqiba ngekhondo lobomi oya kuliphila xa sele umdala. Xa sele waluphele, ungakhangela emva uze unqwenele ukuba akwaba iminyaka yobutsha bakho wawuyichithele ngokuzele ngakumbi kwinkonzo engcwele yoMdali wethu Ozukileyo. Kutheni ke ungazicingi ngomthandazo, kanye ngoku izinto oza kuzenza ukuze waneliseke yinkonzo yakho engcwele oyinikela kuYehova ngoxa uselula?
9. Yintoni enokwenzeka ngalowo sele ekhulile nowayekhe wanembopheleleko enkulu ebandleni?
9 Khawuqwalasele le meko—leyo yendoda eyakha yakhonza njengomalusi ‘womhlambi kaThixo.’ (1 Petros 5:2, 3) Ngasizathu sithile, ngokuzithandela yaliyeka elo lungelo. Liyinyaniso elokuba, ikhulile ngoku, yaye kusenokuba nzima ngayo ukuba iqhubeke nenkonzo kaThixo. Kodwa ngaba kunokwenzeka ukuba iphinde izabalazele ukufumana amalungelo obuthixo? Ezinjani zona iintsikelelo enokuzizisela abanye loo ndoda ukuba ingakwazi ukuthwala iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni! Yaye ekubeni kungekho bani uphilela isiqu sakhe kuphela, abahlobo kunye nabathandekayo kulowo baya kuvuya ukuba uyakwazi ukwandisa inkonzo yakhe, ukuze kuzukiswe uThixo. (Roma 14:7, 8) Ngaphezu kwako konke, uYehova akayi kukulibala konke esikwenzayo enkonzweni yakhe. (Hebhere 6:10-12) Ngoko ke, yintoni enokusinceda sikhumbule uMdali wethu Ozukileyo?
Izinto Ezinokusinceda Sikhumbule UMdali Wethu Ozukileyo
10. Kutheni iNtshumayeli yayikwimeko efanelekileyo yokunikela ukhokelo ngombandela wokukhumbula uMdali wethu Ozukileyo?
10 INtshumayeli yayikwimeko entle yokusinika ukhokelo ngendlela esingamkhumbula ngayo uMdali wethu Ozukileyo. UYehova wayiphendula imithandazo yayo esuk’ entliziyweni ngokuyinika ubulumko obubalaseleyo. (1 Kumkani 3:6-12) USolomon waphanda ngokucokisekileyo ngayo yonke imicimbi yabantu. Ngaphezu koko, wayephefumlelwe nguThixo ukuba abhale konke awakufumanisayo ukuze kungenelwe abanye. Wabhala ngolu hlobo: “Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi. INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.”—INtshumayeli 12:9, 10.
11. Kutheni sifanele sisamkele isiluleko sikaSolomon sobulumko?
11 ISeptuagint yesiGrike la mazwi iwaguqulela ngolu hlobo: “Yaye ngaphezu koko, ngenxa yokuba umshumayeli wayelumkile, ngenxa yokuba wafundisa abantu ubulumko; ukuze indlebe ifumane oko kuhle kwimizekeliso, umshumayeli wenza uphando olunzulu ukuze afumane amazwi ayolisayo nombhalo othe tye—amazwi enyaniso.” (IThe Septuagint Bible, eguqulelwe nguCharles Thomson) USolomon wazama ukufikelela iintliziyo zabalesi ngamazwi amnandi nabangel’ umdla ngenene nangemibandela efanelekileyo. Ekubeni amazwi akhe afumaneka eZibhalweni ephefumlelwe ngumoya oyingcwele, ngaphandle kwamathandabuzo sinako ukukwamkela oko wakufumanisayo kunye nesiluleko sakhe sobulumko.—2 Timoti 3:16, 17.
12. Ungakuchaza njani ngamazwi akho oko kwatshiwo nguSolomon kwiNtshumayeli 12:11, 12?
12 Kwanaxa zazingekabikho iindlela zokushicilela zezi mini, zazininzi iincwadi ezazifumaneka ngomhla kaSolomon. Uncwadi olunjalo lwalufanele lujongwe njani? Wathi: “Amazwi ezilumko anjengeemviko; yaye kanye njengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona banjalo abazifica ngokuqokelela izivakalisi, anikwe ngumalusi emnye. Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.”—INtshumayeli 12:11, 12, thelekisa iNW.
13. Amazwi abo banobulumko bobuthixo angafana njani neemviko, yaye ngoobani ‘abanjengezikhonkwane ezitshonisiweyo’?
13 Amazwi abo banobulumko bobuthixo anjengeemviko. Njani? Ashukumisela abafundi okanye abaphulaphuli ukuba bahambele phambili ngokuvisisana namazwi obulumko abawafundayo okanye abawaphulaphuleyo. Ngaphezu koko, abo bazixakekisa ‘ngokuqokelela izivakalisi,’ okanye amazwi obulumko nabalulekileyo, bafana ‘nezikhonkwane ezitshonisiweyo,’ okanye eziqine nkqi. Oku kunokuba njalo ngenxa yokuba amazwi amnandi abo bantu banjalo abonisa ubulumko bukaYehova yaye ngenxa yoko anokubenza bazinze okanye abaxhase abafundi okanye abaphulaphuli. Ukuba ungumzali owoyika uThixo, ngaba akumele uzame ngandlela zonke ukubethelela ubulumko obunjalo engqondweni nasentliziyweni yomntwana wakho?—Duteronomi 6:4-9.
14. (a) Luhlobo olunjani lweencwadi ‘ongenakuphikela ukulufunda’? (b) Luluphi uncwadi esimele sinikele ingqalelo enzulu kulo, yaye ngoba?
14 Noko ke, kwakutheni ukuze uSolomon athethe ngendlela awathetha ngayo ngeencwadi? Kaloku, xa ithelekiswa neLizwi likaYehova, imiqulu emininzi yeli hlabathi iqulethe nje iingcinga zabantu. Inkoliso yezi ngcinga ibonisa ingqondo kaSathana uMtyholi. (2 Korinte 4:4) Ngoko ke, “nokuphikela ukufunda okuninzi” imibandela enjalo yehlabathi akunaxabiso lihlala lihleli. Eneneni, inxalenye eninzi yayo ingaba yingozi ngokomoya. NjengoSolomon, masicamngce ngoko kuthethwa liLizwi likaThixo ngobomi. Oko kuya kulomeleza ukholo lwethu kuze kusisondeze kuYehova. Ukunikela ingqalelo egqithiseleyo kwezinye iincwadi okanye imithombo yokhokelo kungasityhafisa. Xa ezo ncwadi zisekelwe kwiingcinga zehlabathi, ziyangqubana nobulumko bukaThixo azakhi yaye ziyalutshabalalisa ukholo kuThixo nakumadinga akhe. Ngoko ke, masikhumbule ukuba ezona ncwadi ziyingenelo zexesha likaSolomon nezeli lethu zezo zibonisa ubulumko ‘bomalusi omnye,’ uYehova uThixo. Uye walungiselela iincwadi ezingama-66 zeZibhalo Ezingcwele, yaye simele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kuzo. IBhayibhile neencwadi eziluncedo ‘zekhoboka elithembekileyo’ zisinceda sifumane “ukumazi uThixo.”—IMizekeliso 2:1-6.
Imbopheleleko Yethu Yonke KuThixo
15. (a) Ungawachaza njani amazwi kaSolomon ngokuphathelele ‘yonke imbopheleleko yoluntu’? (b) Yintoni esimele siyenze ukuba siza kuphumeza imbopheleleko yethu kuThixo?
15 Iqukumbela lonke uphando lwayo, iNtshumayeli, uSolomon, ithi: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo [“kuyimbopheleleko,” NW] yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.” (INtshumayeli 12:13, 14) Uloyiko olufanelekileyo, okanye intlonelo yobuthixo, ngoMdali wethu Ozukileyo iya kukhusela thina, ngethemba lokuba neentsapho zethu ziya kukhuseleka, ekulandeleni ikhondo lobuyatha elinokubangela iingxaki ezinkulu nentlungu kuthi nakwabo sibathandayo. Ukumoyika ngokufanelekileyo uThixo kucocekile yaye kusisiqalo sobulumko nolwazi. (INdumiso 19:9; IMizekeliso 1:7) Ukuba sinengqiqo esekelwe kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo yaye sisisebenzisa isiluleko salo kuzo zonke izinto, siya kube sizalisa ‘imbopheleleko yethu’ kuThixo. Asikuko ukuba kufuneka senze uludwe lweembopheleleko. Kunoko, okufunekayo kukuba sisebenzise iZibhalo xa sicombulula iingxaki zobomi size ngalo lonke ixesha izinto sizenze ngendlela kaThixo.
16. Ngokuphathelele umgwebo, yintoni eya kwenziwa nguYehova?
16 Sifanele siqonde ukuba akukho nto angayiboniyo uMdali wethu Ozukileyo. (IMizekeliso 15:3) Uya “kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke.” Ewe, Osenyangweni uya kugweba zonke izinto, kuquka nezo zifihlakeleyo emehlweni abantu. Ukuqonda oothunywashe abanjalo kunokusishukumisela ekubeni sigcine imithetho kaThixo. Kodwa eyona ntshukumisa iphambili ifanele ibe luthando ngoBawo wethu osezulwini, kuba umpostile uYohane wabhala: “Kuba oku koko uthando lukaThixo luthetha kona, ukuba sigcine imiyalelo yakhe; ukanti imiyalelo yakhe asiloxanduva.” (1 Yohane 5:3) Yaye ekubeni imiyalelo kaThixo yenzelwe intlalo-ntle yethu, ngokuqinisekileyo akufanelekanga nje kuphela kodwa kububulumko ukuyigcina. Oku akuloxanduva kwabo bamthandayo uMdali Ozukileyo. Bafuna ukuphumeza imbopheleleko yabo kuye.
Phumeza Imbopheleleko Yakho Yonke
17. Yintoni esiya kuyenza ukuba ngenene sifuna ukuphumeza yonke imbopheleleko yethu kuThixo?
17 Ukuba silumkile yaye ngokunyanisekileyo sinqwenela ukuphumeza imbopheleleko yethu kuThixo, ukongezelela ekugcineni imiyalelo yakhe, siya kuba noloyiko lobuthixo size soyike ukungamkholisi. Eneneni, “ingqalo yobulumko kukoyika uYehova,” yaye abo bayigcinayo imiyalelo yakhe “banengqiqo elungileyo.” (INdumiso 111:10; IMizekeliso 1:7) Ngoko ke masenze ngobulumko size sithobele uYehova kuzo zonke izinto. Oku kubalulekile ingakumbi ngoku, kuba uKumkani uYesu Kristu ukho, yaye umhla aza kugweba ngawo njengoMgwebi omiselwe nguThixo ukufuphi.—Mateyu 24:3; 25:31, 32.
18. Uya kuba yintoni umphumo ukuba siphumeza yonke imbopheleleko yethu kuYehova uThixo?
18 Ngoku ngamnye wethu ujongwe ngokusondeleyo nguThixo. Ngaba sinotyekelo lokomoya, okanye ngaba siye savumela iimpembelelo zehlabathi zalwenza buthathaka ulwalamano lwethu noThixo? (1 Korinte 2:10-16; 1 Yohane 2:15-17) Enoba siselula okanye sibadala, masenze konke esinokukwenza ukuze sikholise uMdali wethu Ozukileyo. Ukuba siyamthobela uYehova size sigcine imiyalelo yakhe, siya kuzichasa izinto ezililize zeli hlabathi lidlulayo. Ngoko singanethemba lobomi obungunaphakade kwinkqubo entsha yezinto kaThixo ethenjisiweyo. (2 Petros 3:13) Elinjani ukuzuka lona ithemba kubo bonke abo baphumeza yonke imbopheleleko yabo kuThixo!
Unokuphendula Uthini?
◻ Kutheni unokuthi asiyiyo yonke into engamampunge?
◻ Kutheni umKristu oselula efanele anikele ingqalelo ngomthandazo kwinkonzo yakhe engcwele?
◻ Luhlobo olunjani lweencwadi ekungayi kuba yingenelo ‘ukuphikela ukulufunda’?
◻ Yintoni ‘imbopheleleko yoluntu yonke’?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Asiyiyo yonke into engamampunge kwabo bakhonza uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngokungafaniyo neencwadi ezininzi zeli hlabathi, iLizwi likaThixo liyahlaziya yaye liyingenelo