Abantu—Ngaba Zizilwanyana Nje Ezikumgangatho Ophezulu?
“Ngaba kwenza umahluko oko sikukholelwayo ngemvelaphi yobomi?”
Intombazana eneminyaka eli-16 ubudala eBrazil yabuza lo mbuzo xa yayisenza intshayelelo yentetho yayo ngombandela othi “Abantu—Ngaba Zizilwanyana Nje Ezikumgangatho Ophezulu?” Yacelwa ngumfundisi-ntsapho wayo ukuba ithethe neklasi ngalo mbuzo, emva kokuba lo mfundisi-ntsapho efumene inkupho kaVukani! kaJuni 22, 1998 (wesiNgesi) kulo mbandela.
Eli Ngqina liselula labalaselisa indlela imfundiso yendaleko esekelwe kwingcamango yenkqubo yokwemvelo yokusindisa ezinye izinto eziphilayo eye yambi ngayo. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ingcamango yendaleko yakhokelela ukuba abathile bayijonge imfazwe njengento engokwemvelo yokuhlala ulwela ukusinda, ukuhlahlela indlela inkqubo yobuFasi nobuNazi.
Lo mfundi wabonisa ukuba kukho umsantsa omkhulu phakathi kwabantu nezilwanyana. Wathi: “Ngabantu kuphela abacingayo ngezinto zokomoya. Ngabantu kuphela abazamayo ukuqonda ngentsingiselo nangenjongo yobomi. Ngabantu kuphela abakhathazwa kukufa, abanomdla kwimvelaphi yabo, nabanomnqweno wokuphila ngonaphakade. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuchitha ixesha sifumanisa okungakumbi ngemvelaphi yethu!”
Lo mfundisi-ntsapho wayincoma le ntetho intle. Ngokutsho kwakhe eli Ngqina laphumelela ngenxa yokuba lalithanda ukufunda. Le ntombazana yaziwa esikolweni njengomntu othanda kakhulu ukufunda iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezinjengoVukani! neMboniselo.
AmaNgqina kaYehova ayixhalabele ngokunyanisekileyo impembelelo ingcamango yendaleko enayo kwiintliziyo nakwiingqondo zabaselula. Ngenxa yesi sizathu, ibandla enxulumana nalo le ntombazana lakhuthaza abaselula abangamaNgqina ukuba banike abefundisi-ntsapho nabo bafunda nabo inkupho kaJuni 22, 1998 (wesiNgesi) yephephancwadi uVukani! Kwasasazwa amaphephancwadi amalunga nama-230 kwizikolo ezahlukahlukeneyo kuloo dolophu. Umphathi weSebe Lezenzululwazi kwesinye isikolo warhumela iphephancwadi uVukani!
Ewe, kwenza umahluko oko sikukholelwayo ngemvelaphi yobomi! Lo uselula nabahlobo bakhe baye babonisa ukuba ukukholelwa kuMdali kwenze umahluko wokwenene kubomi babo.