Iindaba Ezilungileyo Kubo Bonke
ZIKUPHELA kweendaba ezilungileyo ezinokufunyanwa nguye wonk’ ubani. Ziindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nezosindiso oluza kufumaneka ngokuba nokholo kuYesu Kristu. Ziquka zonke iinyaniso ezathethwa nguYesu nezabhalwa ngabafundi bakhe.
Ngoxa amadoda amandulo ayethembele kuThixo yaye enokholo kuba emazi, iinjongo zikaThixo kunye nobubele obungasifanelanga zaqala ‘ukubonakaliswa ngokucacileyo ngokufika koMsindisi wethu, uKristu Yesu, oye wakubhangisa ukufa kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali ngeendaba ezilungileyo.’—2 Timoti 1:9, 10.
Kwiinkulungwane ezithile ngaphambilana uThixo wayevakalise iindaba ezilungileyo esebenzisa uAbraham, ngaloo ndlela ebonisa indlela awayelungiselele ngayo ukuvakalisa iindaba ezilungileyo. Wathi: “Ziya kusikelelwa ngawe zonke iintlanga.” (Galati 3:8) Kamva, esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wathetha ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. UYesu Kristu wasifunda esi siprofeto kwindlu yesikhungu yaseNazarete, emva koko wathi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.” (Luka 4:16-21) Isiprofeto sikaIsaya sasichaza injongo kunye nomphumo weendaba ezilungileyo, ngokukodwa ukususela kwixesha lokuza kukaMesiya.—Isaya 61:1-3.
Inkqubela Yeendaba Ezilungileyo
Ekuzalweni kukaYesu ingelosi yavakalisa oku kubalusi: “Musani ukoyika, kuba, khangelani! ndivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu olo bonke abantu baya kuba nalo.” (Luka 2:10) UYohane uMbhaptizi watyeneneza indlela kaYesu ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo, esithi kumaYuda: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.”—Mateyu 3:1, 2.
UYesu wathetha wenjenje ngokushumayela kukaYohane: “Ukususela kwimihla kaYohane umBhaptizi de kube ngoku abantu banosukelo lobukumkani bamazulu, yaye abo banolo sukelo bayabufumana.”—Mateyu 11:12.
Emva kokufa nokuvuswa kukaYesu, wanika abafundi bakhe lo myalelo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Kwakhona wabaxelela ukuba umsebenzi wabo wokushumayela wawuya kufikelela “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:8.
Kodwa kwiminyaka emalunga nemithathu enesiqingatha emva koko umoya oyingcwele wakhokelela abafundi ukuba baphelelisele umsebenzi wabo wokushumayela kumaYuda nakumaSamariya. Emva koko uPetros wathunyelwa nguThixo ukuba azise iindaba ezilungileyo kwindlu yegosa lomkhosi waseRoma uKorneli. (IZenzo, isahluko 10 nese-11) Ukususela ngelo xesha, iindaba ezilungileyo zavakaliswa ngowona mlinganiselo wakha wamkhulu yaye kugutyungelwa umhlaba obanzi.
Phezu kwayo nje inkqubela ekhawulezileyo yeendaba ezilungileyo, umpostile uPawulos walumkisa esithi abanye babezama ukubhukuqa unqulo lokwenyaniso ngokushumayela “iindaba ezingezizo.” (2 Korinte 11:4; Galati 1:6, 7) Wayebhekisela kuwexuko olwaluza kufika yaye wathi ‘ukuchas’ umthetho ngokufihlakeleyo’ kwakusele kuqalisile. Wabongoza amaKristu ukuba akhumbule injongo yeendaba ezilungileyo aze ame ngokuqinileyo yaye abambelele kwizithethe ezalathiswa ngumoya awayezifunde kubapostile.—2 Tesalonika 2:3, 7, 14, 15.
Iintshaba zeendaba ezilungileyo zabangela ukuba amaKristu athwaxeke kanobom kwaye zafuna ukuba abapostile balwe umlo onzima phambi kwabalawuli bethethelela yaye bemisela ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo ukuze zikwazi ukusasazwa ngenkululeko kangangoko kunokwenzeka.—Filipi 1:7, 16.
Ukubaluleka Kokushumayela Iindaba Ezilungileyo
Ukubambelela nokuqhubeka uvakalisa iindaba ezilungileyo ngokuthembeka kwachazwa nguYesu njengento ebaluleke nangaphezu kobomi esibuphilayo ngoku. (Marko 8:35) Umntu unokuphulukana nezona zinto azixabisileyo, mhlawumbi ade atshutshiswe, kodwa ekugqibeleni, uya kuzuza kalikhulu ngoku, “izindlu nabantakwabo noodade wabo noonina nabantwana namasimi, . . . nakwinkqubo yezinto ezayo ubomi obungunaphakade.”—Marko 10:29, 30.
Intshukumisa kabani yokushumayela iindaba ezilungileyo imele ibe yecocekileyo kwaye umele ashumayele ngokusuka entliziyweni, eqhutywa luthando ngabo baphulaphulayo. Abapostile babekuqonda ukubaluleka kweendaba ezilungileyo ezinika ubomi kwaye beqhutywa ngumoya kaThixo nothando kangangokuba abazange badlulisele iindaba ezilungileyo nje kuphela kodwa badlulisela ‘nemiphefumlo yabo’ kwabo babephulaphula xa beshumayela.—1 Tesalonika 2:8.
UThixo wenza ilungiselelo lokuba abavakalisi beendaba ezilungileyo babe nelungelo lokwamkela uncedo lwezinto eziphathekayo oluvela kwabo babangenisayo. (1 Korinte 9:11-14) Kodwa uPawulos nezinxulumani zakhe ezisondeleyo balixabisa ilungelo labo lokuba ngabathwali beendaba ezilungileyo kangangokuba bakuphepha ngenyameko ukungenisa imali ngazo, okanye ukwenza kubonakale ngathi benza ingeniso ngomsebenzi wabo wokushumayela. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:14-18 nakweyoku-1 kwabaseTesalonika 2:6, 9, umpostile uPawulos uchaza ikhondo awalilandelayo xa kufikwa kulo mba.
Omnye wemiqondiso eyaxelwa kwangaphambili nguYesu neyayiza kubonisa isiphelo sale nkqubo yezinto, ngulo: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:3, 14.
KwiSityhilelo esanikwa umpostile uYohane malunga nowama-96 C.E., uYohane wabona “ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu, isithi ngelizwi elikhulu: ‘Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.’” (ISityhilelo 14:6, 7) La mazwi aphefumlelweyo abonisa ukuba “ngemihla yokugqibela” iindaba ezilungileyo zoBukumkani zaziya kuvakaliswa ngendlela engenakuthelekiswa nanto.