Ngubani Oza Kuphelisa Ugonyamelo?
NGOSEPTEMBA 1999, uSosiba-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uKofi Annan wamkela iindwendwe kwintlanganiso yama-54 yeNgqungquthela. Njengoko ingxelo yeThe Toronto Star ibonisa, wacel’ umngeni iinkokeli zehlabathi esithi: “Bayinkungu nelanga abantu abaswele okungaphezulu kunamazwi nje ovelwano asuka kubantu abakwamanye amazwe. Baswele abantu abaya kuzibophelela ngokwenene nangokuqhubekayo ekupheliseni ugonyamelo, baze babafake ekhondweni elikhuselekileyo elisa kwinkqubela.”
Ngaba iZizwe Ezimanyeneyo namazwe angamalungu azo “zinokuzibophelela ngokwenene nangokuqhubekayo” ukuze ziphelise ugonyamelo? Ecatshulwa kwakuloo ngxelo inye yeStar, uMongameli waseUnited States uBill Clinton wathi: “Emva kwako konke ukuphalazwa kwegazi okuye kwenzeka kule nkulungwane, siyazi ukuba kulula ukuthi ‘soze kuphinde kwenzeke kwakhona,’ kodwa ke kunzima ukuyenza loo nto.” Wongezelela esithi: “Ukwenza izithembiso ezininzi kuyinkohlakalo ngokufanayo nokungabi nankathalo ingako.”
Kwiminyaka engaphezu kwama-2 500 eyadlulayo, umprofeti uYeremiya wathetha wenjenje ngemigudu yabantu: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ngoko liliphi ithemba elikhoyo ngokupheliswa kogonyamelo?
Njengoko sifunda kuIsaya 60:18, uThixo wanikela esi siqinisekiso: “Akuyi kuba saviwa lugonyamelo elizweni lakho, ukuphangwa nokuwa phakathi kwemida yakho.” Eso siprofeto saba nenzaliseko yokuqala xa uThixo wabuyisela abantu bakhe ababethinjiwe kwilizwe labo. Sikwanenzaliseko ezuke ngakumbi esinokuyinandipha. UYehova uThixo ‘akenzi izithembiso ezininzi.’ NjengOyena Uphakamileyo noMdali woluntu, ukwesona sikhundla sifanelekileyo sokuphelisa “ugonyamelo.” Kuya kwesamela uxolo phantsi koBukumkani bukaThixo. Ugonyamelo luya kube lungasekho naphakade!—Daniyeli 2:44.