IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 6/15 iphe. 29-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imichiza Etsalwe Kwizinto Eziyila Igazi Neendlela Zokutyanda
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • UThixo Ulijonga Njani Igazi?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Yamkela Ukhokelo LoThixo Ophilayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 6/15 iphe. 29-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba amaNgqina kaYehova amkela nawaphi na amayeza enziwe ngegazi?

Impendulo esisiseko yethi amaNgqina kaYehova akalamkeli igazi. Asijiki kwinkolelo yokuba umthetho kaThixo ophathelele igazi awunakuhlaziywa ukuze uvumelane neembono eziguqukayo. Noko ke, kuphakama imibuzo emitsha kuba igazi ngoku linokwahlula-hlulwa libe ziincindi eziyintloko eziliyilayo kunye neenxalenye zezo ncindi. Xa esenza isigqibo sokuba uyazamkela na ezo ncindi, umKristu ufanele ajonge ngaphaya kweengenelo neengozi zempilo. Eyona nto amele ayixhalabele koko iBhayibhile ikutshoyo kunye nomphumo osenokubakho kulwalamano lwakhe noThixo uSomandla.

Ezona zinto zisisiseko zilula gqitha. Ukuze uyibone loo nto, qwalasela imvelaphi yaseBhayibhileni, yembali neyamayeza kulo mba.

UYehova uThixo waxelela ukhokho wethu uNowa ukuba igazi limele liphathwe njengento ekhethekileyo. (Genesis 9:3, 4) Kamva, imithetho kaThixo eyayisiya kumaSirayeli yayibonisa ubungcwele begazi: “Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli okanye umphambukeli . . . othi adle naluphi na uhlobo lwegazi, ndowuchasa ngokuqinisekileyo loo mphefumlo udle igazi.” Xa wayenokungawamkeli umthetho kaThixo, umSirayeli wayenokosulela abanye; ngenxa yoko uThixo wongezelela esithi: “Ndiwunqumle phakathi kwabantu bakowawo.” (Levitikus 17:10) Kamva, kwintlanganiso eyayiseYerusalem, abapostile namadoda amakhulu bamisela umyalelo wokuba simele ‘sikhwebuke kwigazi.’ Ukwenjenjalo kubaluleke ngokufanayo nokuzikhwebula ekuziphatheni okubi ngokwesini.—IZenzo 15:28, 29.

Kusenokuba kwakuthetha ntoni ‘ukuzikhwebula’ ngelo xesha? AmaKristu ayengalityi igazi, enoba lingamanzi okanye bububende; kananjalo ayengayityi inyama engophiswanga. Ezinye izinto ezazingavumelekanga kukutya okunegazi, njengesoseji enegazi. Ukutya igazi ngayo nayiphi na indlela kwezi kwakuya kuba kukwaphula umthetho kaThixo.—1 Samuweli 14:32, 33.

Inkoliso yabantu bamandulo isenokuba yayingakuchasanga ukutya igazi, njengoko sinokubona kwiincwadi zikaTertullian (zenkulungwane yesibini neyesithathu yeXesha Eliqhelekileyo). Xa wayephendula izityholo zobuxoki zokuba amaKristu ayelitya igazi, uTertullian wakhankanya izizwe ezithile ezazisenza izivumelwano ngokungcamla igazi. Kwakhona wathi “xa kusenziwa umboniso kwibala lemidlalo, [abanye] abanonxano olukhatshwa kukubawa baye balikhongozela liseshushu igazi labo banetyala . . . belisebenzisa njengeyeza lesifo sokuwa.”

Olo qheliselo (kwanokuba amaRoma athile ayelwenza ngezizathu zempilo) lwaluphosakele kumaKristu: “Asifaki nkqu nelezilwanyana igazi ekutyeni kwethu okuqhelekileyo,” wabhala uTertullian. AmaRoma ayesebenzisa ukutya okunegazi ukuze avavanye ingqibelelo yamaKristu okwenyaniso. UTertullian wongezelela wathi: “Nanku ke ngoku umbuzo endinibuza wona, yenzeka njani into yokuba, nithi niqinisekile [ukuba amaKristu] alichase ngandlela zonke igazi lezilwanyana, nicinge ukuba anyolukele igazi labantu?”

Namhlanje, bambalwa abantu abanokucinga ukuba imithetho kaThixo uSomandla ibandakanyekile xa ugqirha ecebisa ukuba kutofelwe igazi. Ngoxa ngokuqinisekileyo amaNgqina kaYehova efuna ukuqhubeka ephila, sizimisele ukuthobela umthetho kaYehova ngokuphathelele igazi. Ithetha ntoni loo nto kwezamayeza zale mihla?

Njengoko ukutofelwa kwegazi elipheleleyo kwakusiya kuqheleka emva kweMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova abona ukuba kwakungqubana nomthetho kaThixo—ibe sisakholelwa kuloo nto nangoku. Ukanti ezamayeza ziye zatshintsha njengoko ixesha lihamba. Namhlanje, ubukhulu becala akusatofelwa igazi elipheleleyo kodwa kutofelwa enye yeencindi eziyintloko eziyila igazi: (1) iiseli ezibomvu; (2) iiseli ezimhlophe; (3) iiplatelets (4) nesiyilelo-gazi (serum), inxalenye elulwelo. Kuxhomekeka kwimeko yomguli, oogqirha basenokuncomela ukuba afakwe iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets okanye isiyilelo-gazi. Ukutofelwa kwemichiza eyintloko eyila igazi kwenza ukuba umlinganiselo omnye wegazi ukwazi ukwabelwa abaguli abangakumbi. AmaNgqina kaYehova emi ngelithi ukwamkela igazi elipheleleyo okanye izinto ezine eziliyilayo eziyintloko kwaphula umthetho kaThixo. Okubalulekileyo kukuba ukugcina kwawo oku kuma okusekelwe eBhayibhileni kuye kwawakhusela kwiingozi ezininzi, kuquka izifo ezinjengehepatitis noGawulayo, ezinokungena ngegazi.

Noko ke, ekubeni igazi linokusetyenzwa nokugqitha kwezo zinto ziyintloko eziliyilayo, kuphakama imibuzo ngokuphathelele iinxalenye ezihluzwa kwizinto eziyintloko eziyila igazi. Zisetyenziswa njani ezo nxalenye, yaye umKristu ufanele aqwalasele ntoni xa esenza izigqibo ngokuphathelele zona?

Igazi lintsonkothile. Kwanesiyilelo-gazi—inxalenye yaso engama-90 engamanzi—sinentaphane yeencindi zamadlala, iityuwa, iienzymes, nezondlo ezinjengezimbiwa neswekile. Isiyilelo-gazi sikwaqulethe iiproteni ezinjengealbumin, izinto ezenza igazi linqume kunye nezibulala-buhlungu ezilwa izifo. Iingcali ziyazihluza iiproteni ezininzi zesiyilelo-gazi zize zizisebenzise. Ngokomzekelo, isinqumisi-gazi VIII siye satofelwa kubantu abanesifo sokopha bangayeki ngenxa yokunganqumi kwegazi. Okanye xa umntu echanabeke kwizifo ezithile, oogqirha basenokufaka isitofu segamma globulin, ehluzwe kwisiyilelo-gazi sabantu abangenakosuleleka. Nezinye iiproteni zesiyilelo-gazi ziyasetyenziswa kwezamayeza, kodwa ezi zikhankanywe ngasentla zibonisa indlela incindi eyila igazi (isiyilelo-gazi) enokwahlula-hlulwa ngayo ukuze kukhutshwe iinxalenye ezithile.a

Kanye njengokuba isiyilelo-gazi sinokuba ngumthombo weenxalenye ezahlukahlukeneyo, nezinye iincindi eziyila igazi (iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe neeplatelets) zinokwahlula-hlulwa kuze kukhutshwe kuzo iinxalenye ezininzi ezincinane. Ngokomzekelo, iiseli ezimhlophe zinokuvelisa ii-interferons neeinterleukins, ezisetyenziswa ukuze kunyangwe izifo ezosulela ngeentsholongwane nomhlaza. Iiplatelets zinokwahlula-hlulwa kuze kukhutshwe kuzo imichiza yokunyanga amanxeba. Kwaye kuvela namanye amayeza abandakanya (ubuncinane ekuqaleni) izinto ezihluzwe kwiincindi eziyila igazi. Olo nyango asikokutofelwa kwezo ncindi eziyila igazi; ludla ngokubandakanya iinxalenye ezincinane okanye izahlulo ezincinane zazo. Ngaba umKristu ufanele azamkele ezi nxalenye ezisetyenziswa kwezonyango? Asinakutsho. IBhayibhile ayinikeli zinkcukacha, ngoko umKristu ufanele azenzele isigqibo esixhaswa sisazela sakhe phambi kukaThixo.

Amanye asenokwala nantoni na ethatyathwe kwigazi (kwaneenxalenye ezifakelwa ukuze kukhuselwe umzimba kwizifo). Leyo yindlela awuqonda ngayo umyalelo kaThixo othi ‘zikhwebule kwigazi.’ Aqiqa ngelithi umthetho wakwaSirayeli wawusithi igazi lesidalwa lalimele ‘liphalazelwe emhlabeni.’ (Duteronomi 12:22-24) Inxulumene njani ke le nkalo nalo mba? Kaloku, ukuze kulungiswe igamma globulin, izinqumisi-gazi nezinye, kuye kufuneke ziqokelelwe zize zahlula-hlulwe. Ngenxa yoko, amanye amaKristu awawamkeli loo mayeza, kanye njengokuba engakwamkeli ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iincindi ezine eziyintloko eziliyilayo. Ukuma kwawo ngokunyaniseka okuxhaswa zizazela zawo kufanele kuhlonelwe.

Amanye amaKristu enza isigqibo esahlukileyo. Nawo akakuvumi ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets okanye isiyilelo-gazi. Ukanti asenokuvuma ukuba ugqirha awanyange ngenxalenye ethatyathwe kwiincindi eziyintloko eziyila igazi. Nalapha kusenokubakho ukwahlukana kwezimvo. Omnye umKristu usenokusamkela isitofu segamma globulin, kodwa usenokusamkela okanye angasamkeli isitofu sayo nantoni eyenziwe ngeeseli ezibomvu okanye ezimhlophe. Phofu ke, yintoni ebangela amanye amaKristu agqibe kwelokuba azamkele iinxalenye zegazi?

Inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” leMboniselo kaJuni 1, 1990, lathi iiproteni zesiyilelo-gazi (iinxalenye) ziyahamba zisuka kwigazi lebhinqa elikhulelweyo ziye kwinkqubo yegazi eyahlukileyo yemveku. Ngaloo ndlela umama udlulisela ii-immunoglobulins kumntwana wakhe, ukuze akwazi ukulwa izifo. Kwelinye icala, njengoko iiseli ezibomvu zemveku zifikelela esiphelweni sobomi bazo, inxalenye yazo ethwala ioksijini iyahlula-hlulwa. Inxalenye yazo iba yibilirubin, enqumla iplacenta iye kumama ize ikhutshwe kunye nezinto ezilahlwa ngumzimba wakhe. Amanye amaKristu asenokugqiba ngelithi ekubeni iinxalenye zegazi zinokudluliselwa komnye umntu ngale ndlela yemvelo, banokuyamkela inxalenye yegazi eyenziwe ngesiyilelo-gazi okanye ngeeseli.

Ngaba isibakala sokuba iimbono kunye nezigqibo ezixhaswa zizazela zisenokungafani sithetha ukuba lo mba uyinto nje engenamsebenzi? Akunjalo. Ngumbandela onzulu lo. Kodwa ke ikho indlela esisiseko yokuwenza lula. Le nkcazelo ingasentla ibonisa ukuba amaNgqina kaYehova akalamkeli igazi elipheleleyo nelahluliweyo laba ziincindi eziyintloko eziyila igazi. IBhayibhile ithi amaKristu ‘makazikhwebule kwizinto ezibingelelwe kwizithixo nasegazini nakuhenyuzo.’ (IZenzo 15:29) Ngaphezu koko, xa kufikwa kwiinxalenye zayo nayiphi na incindi eyintloko eyila igazi, emva kokuba eye wacingisisa ngenyameko nangomthandazo, umKristu ngamnye umele azenzele isigqibo esixhaswa sisazela sakhe.

Abantu abaninzi baya kukulungela ukwamkela naluphi na unyango olubonakala lusiza neengenelo ezikhawulezileyo, kwanonyango olwaziwayo ukuba lunokuba yingozi empilweni, njengolu lusebenzisa iimveliso zegazi. UmKristu onyanisekileyo uzabalazela ukuba nembono ephangaleleyo nelungeleleneyo engapheleliselwanga kwimiphumo enokubakho emzimbeni kuphela. AmaNgqina kaYehova ayayixabisa imigudu eyenziwayo yokunikela unyango olusemgangathweni, kwaye acingisisa nzulu ngeengozi nangeengenelo zalo naluphi na unyango. Noko ke, xa kufikwa kwiimveliso ezithatyathwe egazini, acingisisa nzulu ngoko uThixo akutshoyo nangolwalamano lwawo lobuqu noMniki-bomi wethu.—INdumiso 36:9.

Hayi indlela ekuyintsikelelo ngayo ukuba umKristu abe nentembelo efana neyomdumisi, owabhala esithi: “UYehova uThixo ulilanga nekhaka; unikela ubabalo nozuko. UYehova akayi kubandeza nantoni na elungileyo kwabo bahamba ngokungenamposiso. Owu Yehova . . . , unoyolo umntu okholosa ngawe”!—INdumiso 84:11, 12.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJuni 1, 1979, nekaOktobha 1, 1994. Iinkampani ezivelisa amayeza ziye zavelisa amayeza angenziwa ngegazi kodwa asenokusetyenziswa endaweni yeenxalenye zegazi ebezisetyenziswa ngaphambili.

[Ibhokisi ekwiphepha 30]

IMIBUZO EKUCETYISWA UKUBA UYIBUZE UGQIRHA

Ukuba uza kwenziwa utyando okanye uza kunyangwa ngeyeza elibandakanya igazi, buza oku:

Ngaba bonke abasebenzi balapha esibhedlele ababandakanyekileyo bayazi ukuba, njengomnye wamaNgqina kaYehova, ndiyalela ukuba ndingatofelwa gazi (enoba liphelele, okanye ziiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, okanye isiyilelo-gazi) phantsi kwazo naziphi na iimeko?

Ukuba kunokusetyenziswa iyeza elenziwe ngesiyilelo-gazi, iiseli ezibomvu okanye ezimhlophe, okanye ii-“platelets,” buza oku:

Ngaba eli yeza lenziwe ngenye yeencindi ezine eziyintloko eziyila igazi? Ukuba kunjalo, ngaba ungandichazela ukuba lenziwe ngantoni?

Lingakanani iyeza elenziwe ngegazi eliza kufakwa kum, kwaye liza kufakwa njani?

Ukuba isazela sam siyandivumela ukuba ndiyamkele le nxalenye, ziziphi iingozi endinokujamelana nazo empilweni?

Ukuba isazela sam asivumi ukuba ndisebenzise le nxalenye, yiyiphi enye indlela yonyango enokusetyenziswa?

Emva kokuba ndiye ndayicingisisa le nto, ndikwazise nini ngesigqibo sam?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share