Ngaba Ubomi Bakho Bunokuba Nentsingiselo Engakumbi?
IXABISO lokwenene lento ethile alisoloko liyiloo nto uyibonayo. Eyona mali iliphepha enexabiso eliphezulu ekhe yakho eUnited States yayiziidola ezingama-10 000. Sekunjalo, iphepha ebhalwe kulo lixabisa iisenti ezimbalwa kuphela.
Ngaba wakhe wazibuza enoba amaphetshana nje amancinane anexabiso eliphantsi anokuba nentsingiselo yokwenene ebomini bakho? Abantu abaninzi bacinga ukuba angenjenjalo. Izigidi zabantu zisebenza ubusuku nemini ukuze zizuze imali eninzi kangangoko zinako. Maxa wambi ukusukela imali kuthetha ukuba bancame impilo, abahlobo kwanentsapho yabo. Kunceda ntoni oko? Ngaba imali—okanye oko sikuthengayo ngayo—kunokuzisa ulwaneliseko lokwenene nolungenasiphelo?
Ngokutsho kwabaphengululi, okukhona sifuna ukwaneliseka okusekelwe kwizinto eziphathekayo, kokukhona kuya kuba nzima nangakumbi ukukufumana. Intatheli uAlfie Kohn yagqiba ngelithi “ukwaneliseka akuthengiswa. . . . Abantu ababubeka kuqala ebomini babo ubutyebi batyekele ekuxhalabeni kakhulu baze badandatheke baze bangabikho mpilweni.”—International Herald Tribune.
Nangona abaphengululi benokukuqonda ukuba ubomi obunentsingiselo buthetha okungakumbi kunemali, abantu abaninzi ababoni ngaso linye. Oku akumangalisi, ekubeni abo bahlala kumazwe aseNtshona bengxalwa ngezibhengezo ezingaphezu kwama-3 000 ngosuku. Enoba ezi zibhengeza iinqwelo-mafutha okanye iilekese, ingcamango yile: ‘Thenga le nto, yaye uya konwaba nangakumbi.’
Yintoni umphumo wokukhuthazwa okungapheliyo kokuxabiseka kwezinto eziphathekayo? Kaloku, ngokufuthi ixabiso lezinto zokomoya liyatyeshelwa! Ngokutsho kwengxelo ekwiphephancwadi iNewsweek, ubhishophu omkhulu waseCologne, eJamani, kutshanje uthe “akusathethwa ngoThixo kwibutho lethu.”
Mhlawumbi uye wanikela phantse ngawo onke amandla akho ukuze uphile. Mhlawumbi uvakalelwa kukuba unexesha nje elincinane lokwenza ezinye izinto. Noko ke, maxa wambi usenokuvakalelwa kukuba kumele kubekho okungakumbi ebomini kunokumana nje usehla usenyuka de impilo okanye ukwaluphala kuphelise loo mahla-ndinyuka.
Ngaba ukunikela ingqalelo engakumbi kwizinto zokomoya kunokukuzisela ulwaneliseko olongezelelekileyo? Yintoni enokubangela intsingiselo engakumbi kubomi bakho?