IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 10/1 iphe. 30-31
  • ‘Ibhokhwe Yasezintabeni Enomtsalane’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Ibhokhwe Yasezintabeni Enomtsalane’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 10/1 iphe. 30-31

‘Ibhokhwe Yasezintabeni Enomtsalane’

IGAMA elithi umtsalane asilogama inkoliso yethu ibiya kulisebenzisa ukuchaza ibhokhwe. Xa sicinga ngeebhokhwe besiya kucinga ngezilwanyana ezibalulekileyo ezitya yonke into zize zisinike inyama enencasa nobisi olunesondlo—kodwa besingayi kuzibiza ngokuba zinomtsalane.

Sekunjalo, iBhayibhile ichaza inkosikazi ‘njengexhamakazi elithandekayo nebhokhwe yasezintabeni enomtsalane.’ (IMizekeliso 5:18, 19) USolomon, umbhali wencwadi yeMizekeliso, wayethanda ukuziqwalasela ngomdla izilwanyana zasendle zakwaSirayeli, ngoko ngokungathandabuzekiyo wayenesizathu esivakalayo sokusebenzisa esi sikweko. (1 Kumkani 4:30-33) Mhlawumbi, njengoyise uDavide, wayedla ngokuziqwalasela iibhokhwe zasezintabeni ezazixhaphakile kummandla wase-En-gedi, kufuphi nonxweme loLwandle Olufileyo.

Imihlambi emincinane yeebhokhwe zasezintabeni eyayihlala kufuphi neNtlango yelakwaYuda ngokufuthi yayithanda ukuya kumthombo wase-En-gedi. Ekubeni ikuphela komthombo wamanzi onokuthenjwa kulo mmandla ubharhileyo, ukutyhubela iinkulungwane iEn-gedi ibiyindawo ezithanda ukusela kuyo iibhokhwe zasezintabeni. Eneneni, igama elithi En-gedi mhlawumbi lithetha “umthombo wamatakane,” nto leyo engqinwa kukusoloko kukho amatakane eebhokhwe kulo mmandla. UKumkani uDavide wazimela apha xa wayebaleka intshutshiso kaKumkani uSawule, nangona kwafuneka ahlale njengembacu “emaweni angenanto eebhokhwe zentaba.”—1 Samuweli 24:1, 2.

Xa use-En-gedi unokubukela imazi yempunzi, okanye ibhokhwe yasezintabeni, ithe chu kuhle isihla kuloo miwonyo ilandela inkunzi yebhokhwe zisiya emanzini. Usenokwandula ke uqalise ukuqonda ukufana okukhoyo phakathi kwemazi yempunzi nenkosikazi enyanisekileyo. Ukuzola nobuhle bakhe bubonisa iimpawu zakhe zobukhomokazi. Igama elithi ‘umtsalane’ kuyabonakala ukuba libhekisela kwimbonakalo yobuhle nomkhitha enawo ibhokhwe yasezintabeni.a

Imazi yempunzi imele yomelele yaye ibe nomkhitha. Njengoko uYehova waxelela uYobhi, ibhokhwe yasezintabeni izalela ezingxondorheni kwiindawo ezinamatye nezo kunzima ukufikelela kuzo apho ukutya kunqabileyo nalapho kukho ubushushu obugqithileyo. (Yobhi 39:1) Nangona kukho ezi ngxaki, inyamekela amatakane ayo ize iwafundise ukunyuka nokudloba phakathi kwamatye ngokukhawuleza njengoko nayo isenza. Impunzi iwakhusela ngenkalipho amatakane ayo ezintshabeni. Omnye umbukeli wabona ibhokhwe yasezintabeni isilwa nokhozi kangangesiqingatha seyure, ngoxa itakane lalibuthume phantsi kwayo ukuze likhuseleke.

Ngokufuthi amakhosikazi noomama abangamaKristu kufuneka bakhulise abantwana babo phantsi kweemeko ezinzima. Njengebhokhwe yasezintabeni, babonisa ukuzinikela nokungazingci xa benyamekela le mbopheleleko yabo bayinikwe nguThixo. Yaye ngenkalipho bazabalazela ukukhusela abantwana babo kwiingozi zokomoya. Ngoko, uSolomon wayengabonisi ukuwajongela phantsi amabhinqa ngesi sikweko, kunoko wayetsalel’ ingqalelo kumkhitha nobuhle bebhinqa—iimpawu zokomoya ezihlala zikhazimla naphantsi kwezona meko zinzima.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngokutsho kweThe New Brown-Driver-Briggs-Gesenius Hebrew and English Lexicon, kulo mongo igama lesiHebhere elithi chen, eliguqulelwe ngokuthi “umtsalane,” lithetha ‘imbonakalo yobuhle nomkhitha.’

[Imifanekiso ekwiphepha 30, 31]

Inkosikazi ekwangumama ongumKristu ibonisa iimpawu zayo ezintle zokomoya xa iphumeza iimbopheleleko zayo ezinikwe nguThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share