Ngaba Uyingqondi?
XA WAYEMISELA abagwebi kwaSirayeli, uMoses wazabalazela ukufumana “amadoda azizilumko naziingqondi nanamava.” (Duteronomi 1:13) Amava, awayefunyanwa ngabantu ekudala bephila, ayengeyiyo eyona nto iphambili eyayijongwa. Ezinye izinto ezazibalulekile yayibubulumko nokusebenzisa ingqondo.
Umntu oyingqondi ubonisa ukuba unengqiqo xa ethetha nangendlela aziphatha ngayo. Ngokutsho kweWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary, umntu oyingqondi “uyakwazi ukubonisa ubulumko ngokuthula.” Ewe, kukho ‘ixesha lokuthetha,’ yaye “kukho ixesha lokuthi cwaka,” ibe umntu oyingqondi uyawuqonda umahluko. (INtshumayeli 3:7) Ngokufuthi, sibakho isizathu sokuthi cwaka, kuba iBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.”—IMizekeliso 10:19.
AmaKristu akuphaphele ukusebenzisa ingqiqo kwiinkqubano za-wo nabanye. Umntu osoloko ethetha okanye onyanzelisa iimbono zakhe akasoloko engoyena mntu ubalulekileyo okanye oyena ufunwayo. Khumbula ukuba, uMoses “wayenamandla ngamazwi,” kodwa akazange akwazi ukukhokela uhlanga lwakwaSirayeli ngokuphumelelayo de wahlakulela umonde, ukululama nokuzeyisa. (IZenzo 7:22) Ngoko ke, abo banikwe igunya phezu kwabanye bamele ngokukhethekileyo bazabalazele ukuthozama yaye babe bhetyebhetye.—IMizekeliso 11:2.
ILizwi likaThixo lichaza abo baphathiswe nguYesu Kristu ‘yonke impahla yakhe’ ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Abathi ngokuzigwagwisa nangokudyuduzela bakhokelise iingcamango zabo kunezo zikaYehova; okanye barhuqe emva ngoxa ukhokelo lukaThixo lucacile kumbandela othile. Bayalazi ixesha lokuthetha nexesha lokuthi cwaka balindele ingcaciso engakumbi. Onke amaKristu enza kakuhle ukuba anganeli nje ukuxelisa ukholo lwalo kuphela kodwa azingqine eziingqondi, njengoko udidi lwekhoboka lusenza.—Hebhere 13:7.