IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 10/15 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Igazi—Libalulekile Ebomini
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 10/15 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngenxa yemiyalelo yeBhayibhile engendlela efanelekileyo yokusebenzisa igazi, amaNgqina kaYehova azijonga njani iindlela zonyango ezisebenzisa kwaigazi laloo mntu?

Kunokuba enze isigqibo esisekelwe kukhetho lwakhe lobuqu okanye olunconyelwa ngoogqirha, umKristu ngamnye umele akuqwalasele nzulu oko iBhayibhile ikutshoyo. Ngumcimbi ophakathi kwakhe noYehova.

UYehova, esiphila ngenxa yakhe, wayalela ukuba igazi lingatyiwa. (Genesis 9:3, 4) KuMthetho kaSirayeli wamandulo, uThixo wakubekela imiqathango ukusetyenziswa kwegazi kuba limela ubomi. Wayalela oku: “Umphefumlo wenyama [okanye ubomi] usegazini, yaye mna ndaninika lona esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu.” Kuthekani ke ukuba umntu uxhela isilwanyana ukuze asidle? UThixo wathi: “Umele aliphalaze igazi layo aze aligubungele ngomhlaba.”a (Levitikus 17:11, 13) UYehova wawuphindaphinda lo myalelo. (Duteronomi 12:16, 24; 15:23) ISoncino Chumash yamaYuda ithi: “Igazi alimele ligcinwe kodwa limele ligqalwe njengelingakufanelekelanga ukutyiwa lize liphalazwe emhlabeni.” Akakho umSirayeli owayemele alithabathe, aligcine aze alisebenzise igazi lesinye isidalwa, esibomi baso bubobukaThixo.

Imbopheleleko yokugcina uMthetho kaMoses yaphela kwakufa uMesiya. Ukanti, imbono kaThixo ngobungcwele begazi ayiguqukanga. Beqhutywa ngumoya oyingcwele kaThixo, abapostile balathisa amaKristu ukuba ‘akhwebuke egazini.’ Loo myalelo wawungamele uthatyathwe lula. Wawungumlinganiselo obaluleke ngokufanayo nokuzikhwebula ekuziphatheni okubi ngokwesini okanye kunqulo-zithixo. (IZenzo 15:28, 29; 21:25) Xa ukunikela ngegazi nokulitofela kwaba yinto eqhelekileyo ngenkulungwane yama-20, amaNgqina kaYehova aqonda ukuba olu qheliselo lwalungquzulana neLizwi likaThixo.b

Maxa wambi, ugqirha uye acele umguli ukuba agcinise igazi lakhe kwiiveki ezithile ngaphambi kokuba enziwe utyando (ipreoperative autologous blood donation, okanye iPAD) ukuze xa kuyimfuneko, akwazi ukumtofela ngegazi lakhe eligciniweyo. Noko ke, oko kuqokelela, ukugcina nokutofela igazi kungquzulana ngokungqalileyo noko kuthethwa kwiLevitikus nakwiDuteronomi. Igazi alimele ligcinwe; limele liphalazwe—ngokungathi kunjalo, libuyiselwe kuThixo. Kuyavunywa ukuba uMthetho kaMoses awusasebenzi ngoku. Noko ke, amaNgqina kaYehova ayayihlonela imigaqo kaThixo ebandakanyiweyo kuwo, ibe azimisele ‘ukuzikhwebula egazini.’ Ngenxa yoko, asinikeli ngegazi, kunjalo nje asiligcini ngenjongo yokulitofela igazi elifanele ‘liphalazwe.’ Olo qheliselo luyangquzulana nomthetho kaThixo.

Ezinye iindlela zonyango okanye zokuxilonga ezibandakanya igazi likabani azingquzulani ngendlela ecacileyo nemigaqo echazwe nguThixo. Ngokomzekelo, amaKristu amaninzi aye avuma ukuba igazi lawo litsalwe ukuze lihlolwe okanye lixilongwe, lize emva koko lichithwe. Zikho nezinye iindlela zonyango ezintsonkothileyo ezibandakanya igazi likabani ezisenokunconyelwa.

Ngokomzekelo, kwezinye iintlobo zotyando, igazi lisenokukhutshwa emzimbeni ngenkqubo ebizwa ngokuba yihemodilution. Igazi eliseleyo kumguli liyangxengwa. Kamva, igazi lakhe elihamba kwimibhobho engaphandle liyabuyiselwa kuye, nto leyo eyenza umkhamo wegazi lakhe ubuyele esiqhelweni. Ngendlela efanayo, igazi elopha enxebeni linokukhongozelwa lize lihluzwe ukuze iiseli ezibomvu zibuyiselwe kumguli lowo; oku kubizwa ngokuba yicell salvage (ukongiwa kweeseli). Kwenye inkqubo eyahlukileyo, igazi lisenokufakwa kumatshini othi, okwelo xeshana, wenze umsebenzi ngokuqhelekileyo owenziwa ngamalungu omzimba (ngokomzekelo, intliziyo, imiphunga okanye izintso). Emva koko igazi elisuka kulo matshini libuyela kumguli. Kwezinye iindlela zonyango, igazi liyakhutshwa liye kungena kwiseparator (icentrifuge) ukuze iinxalenye zalo ezonakalisayo okanye ezinesiphene zishenxiswe. Okanye injongo isenokuba kukuhluza enye yezinto eziyila igazi ize isetyenziswe kwenye indawo emzimbeni. Kukwakho neendlela zokuxilonga apho kutsalwa umlinganiselo othile wegazi ukuze uphawulwe okanye uxutywe neyeza, uze emva koko ubuyiselwe kumguli.

Iinkcukacha zisenokwahluka, yaye ngokuqinisekileyo ziseza kuqhubeka zivela iindlela ezintsha zokunyanga nezokuxilonga. Akuyombopheleleko yethu ukuphicotha indlela nganye size senze isigqibo ngayo. UmKristu umele azenzele isigqibo ngokwakhe ngendlela igazi lakhe eliza kuphathwa ngayo xa etyandwa, exilongwa okanye ephantsi konyango oluthile. Ufanele afumane izibakala kusengaphambili kugqirha okanye kwingcali ngokuphathelele oko kusenokwenziwa ebudeni bolo nyango. Emva koko umele enze isigqibo ngokuvisisana noko isazela sakhe simvumela kuko. (Bona ibhokisi.)

AmaKristu afanele akhumbule ukuzahlulela kwawo kuThixo kunye nembopheleleko ‘yokumthanda ngentliziyo iphela, ngomphefumlo uphela, ngamandla ephela, nangengqondo iphela.’ (Luka 10:27) Ngokwahlukileyo kwinkoliso yabo basehlabathini, amaNgqina kaYehova aluxabisa gqitha ulwalamano lwawo oluhle noThixo. UMniki-Bomi uyasibongoza sonke ukuba sikholose ngegazi elaphalazwayo likaYesu. Sifunda oku: “Ngaye [uYesu Kristu] siye sakhululwa ngentlawulelo ngalo igazi lakhe, saxolelwa izigqitho zethu.”—Efese 1:7.

[Imibhalo esemazantsi]

a UNjingalwazi uFrank H. Gorman ubhala athi: “Ubukhulu becala ukuphalaza igazi kuqondwa njengesenzo sentlonelo esibonakalisa ukuhlonela ubomi beso silwanyana kuze, ngaloo ndlela, kuhlonelwe uThixo, obudalileyo nosaqhubeka ebunyamekela obo bomi.”

b IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 1, 1951, yaphendula imibuzo esisiseko ephathelele lo mba, ibonisa isizathu sokuba ukutofela nokunikela ngegazi kuphosakele.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 31]

IMIBUZO OMELE UZIBUZE YONA

Ukuba igazi lam liza kukhutshwa emzimbeni wam lize linqamke kangangexesha elithile, ngaba isazela sam siya kundivumela ukuba ndigqale eli gazi njengenxalenye yam, ngaloo ndlela kungabi yimfuneko ukuba ‘liphalazwe emhlabeni’?

Ngaba isazela sam esiqeqeshwe yiBhayibhile siya kukhathazeka ukuba xa ndixilongwa okanye ndinyangwa igazi lam liye latsalwa, lalungiswa laza labuyiselwa emzimbeni wam?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share