IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 10/15 iphe. 32
  • “Umzekelo Womanyano”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Umzekelo Womanyano”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 10/15 iphe. 32

“Umzekelo Womanyano”

WAWUSITSHO umxholo wenqaku lomhleli elalipapashwe kwiphephandaba elithile laseIndaiatuba, eSão Paulo, eBrazil. Ngumzekelo kabani lowo? “AmaNgqina kaYehova, aceba ukwakha ‘iHolo yoBukumkani’ entsha, njengoko iitempile okanye iiholo zawo zibizwa njalo, amisela umzekelo wentsebenziswano omhle nobonakalayo ongamele kutyeshelwa,” watsho umbhali.

Umanyano lwamaNgqina kaYehova luyabonakala ngezihlandlo ezinje. Ngenxa yoko, eli nqaku lathi: “Kuyachukumisa ukubona amatshantliziyo angamadoda, angamabhinqa nakwishumi elivisayo esebenza ngaxhathalinye ukuze akhe indawo anokuhlanganisana aze anqule uThixo kuyo.”

AmaNgqina kaYehova amisela umzekelo omhle nangezinye iindlela. “Ukongezelela ekufundisiseni nasekuthandazeni, usukelo lwawo kukunceda amakhoboka otywala neziyobisi abuyele kwimeko yawo yangaphambili, nokubonisa abantu indlela yomanyano nothando,” lalek’ umsundulo latsho eli nqaku lomhleli. Akwenza njani oku? AmaNgqina ayazi ukuba ukufunda nokusebenzisa isiluleko seBhayibhile kuyamnceda umntu ahlukane nezenzo ezingendawo. Kungoko ezabalazela ukufundisa abanye oko akufunde eBhayibhileni. Eli nqaku lomhleli liqukumbela ngokuthi “ngokuqinisekileyo, umzekelo wawo umele ulandelwe ngokukhawuleza.”

Nabani na unokuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova, yaye akufunwa nkongozelo. Umenywa ngokufudumeleyo ukuba utyelele iHolo yoBukumkani ekufutshane nawe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share