IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 8/1 iphe. 32
  • Into Ehlala Ngakumbi Kunegolide Esulungekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Into Ehlala Ngakumbi Kunegolide Esulungekileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 8/1 iphe. 32

Into Ehlala Ngakumbi Kunegolide Esulungekileyo

IGOLIDE ifunwa kakhulu ngenxa yobuhle bayo nokuhlala kwayo ixesha elide. Iyanqweneleka kakhulu ngenxa yokuba ibonakala ihlala ikhazimla yaye ayimbatshi. Oku kungenxa yokuba igolide iyamelana namanzi, ioksijini, isalfure phantse nayo yonke into. Izinto ezininzi ezenziwe ngegolide ezafunyanwa kwiinqanawa ezazikayo nakwezinye iindawo, zisakhazimla emva kwamakhulu eminyaka.

Noko ke, okubangel’ umdla kukuba iBhayibhile ithi kukho into ehlalayo yaye ‘exabiso likhulu ngakumbi kunegolide etshabalalayo phezu kwako nje ukucikidwa kwayo ngomlilo.’ (1 Petros 1:7) Igolide ‘ecikidiweyo,’ okanye esulungekiswe ngomlilo okanye ngenye indlela, inokusulungeka ngama-99,9 ekhulwini. Sekunjalo, negolide esulungekisiweyo inokutshabalala, okanye inyibilike, xa ifakwe kwiaqua regia (royal water), umxube oneenxalenye ezintathu zehydrochloric acid nenxalenye enye yenitric acid. Ngaloo ndlela, iBhayibhile ichanile ngokwenzululwazi xa isithi ‘igolide iyatshabalala.’

Ngokwahlukileyo koko, ukholo lwamaKristu okwenyaniso ‘lugcina umphefumlo uphila.’ (Hebhere 10:39) Abantu banokumbulala umntu onokholo olomeleleyo, njengokuba benjenjalo ngoYesu Kristu. Kodwa abantu abanokholo lokwenyaniso bathenjiswa oku: “Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, mna ke ndokunika isithsaba sobomi.” (ISityhilelo 2:10) Abo bafa benokholo bahlala bekwinkumbulo kaThixo, yaye uya kubavusa. (Yohane 5:28, 29) Ayikho igolide enokukwenza oku. Ngokubhekisele koku, ngokwenene ukholo luxabiseke ngakumbi kunegolide. Noko ke, ukuze ukholo luxabiseke kangako, lufanele luvavanywe. Enyanisweni, ‘lukholo oluvavanyiweyo’ awathi uPetros lungaphezulu kunexabiso legolide. AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda ukuba ufundisise iBhayibhile ukuze ube nokholo oluqinileyo kuThixo wenyaniso, uYehova, nakuNyana wakhe uYesu Kristu, uze ululondoloze. Oku, ngokutsho kukaYesu, “kuthetha ubomi obungunaphakade.”—Yohane 17:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share