Londoloza Isazela Sakho
UKUCINGA nje ngokuhamba ngenqwelo-moya enekhompyutha ecwangciswe kakubi kuyothusa. Masithi ke mntu uthile utshintshe inkqubo yokwalathisa yenqwelo-moya okanye uye wafaka inkcazelo ephosakeleyo ngabom! Kaloku, ngokomfuziselo yiloo nto kanye umntu othile azama ukuyenza kwisazela sakho. Uzimisele ukonakalisa ngabom inkqubo yakho yemilinganiselo yokuziphatha. Injongo yakhe kukukuxabanisa noThixo!—Yobhi 2:2-5; Yohane 8:44.
Ngubani lo monakalisi ukhohlakeleyo? EBhayibhileni, ubizwa ngokuba ‘yinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (ISityhilelo 12:9) Indlela asebenza ngayo yabonakala e-Eden xa, esebenzisa ingqiqo yobuxoki, wacenga uEva ukuba atyeshele oko wayesazi ukuba kulungile aze avukele uThixo. (Genesis 3:1-6, 16-19) Ukususela ngoko, uSathana waba ngumphathi wabo bonke oothunywashe abavelisa inkohliso ukuze enze abantu babe ziintshaba noThixo. Oyena ungaxolelekiyo kwaba thunywashe lunqulo lobuxoki.—2 Korinte 11:14, 15.
Unqulo Lobuxoki Lonakalisa Isazela
Kwincwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, unqulo lobuxoki lubonwa njengehenyukazi lokomfuziselo elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. Iimfundiso zayo ziye zagqwetha imilinganiselo yokuziphatha yabantu abaninzi yaye ziye zabangela ukuba babathiye de babagonyamele abo baneenkolelo ezahlukileyo. Enyanisweni, ngokutsho kweSityhilelo, uThixo ulubeka ityala unqulo lobuxoki ngegazi “labo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.”—ISityhilelo 17:1-6; 18:3, 24.
UYesu walumkisa abafundi bakhe ngomlinganiselo unqulo lobuxoki oluya kuyigqwetha ngawo imilinganiselo yokuziphatha yabanye xa wathi: “Liyeza ilixa laxa wonk’ ubani onibulalayo eya kucinga ukuba unikele inkonzo engcwele kuThixo.” Hayi indlela abamfameke ngayo ngokokuziphatha abo banogonyamelo! UYesu wathi: ‘Abamazanga uBawo okanye mna.’ (Yohane 16:2, 3) Kungekudala emva kokuba uYesu ethethe loo mazwi, wabulawa ngomyalelo weenkokeli zonqulo, ezakwazi ukwenza ulwaphulo-mthetho zingenasazela. (Yohane 11:47-50) Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathi abalandeli bakhe bokwenyaniso bafaniswa ngothando abanalo phakathi kwabo. Kodwa uthando lwabo luphangalele, kuba lufikelela neentshaba zabo.—Mateyu 5:44-48; Yohane 13:35.
Enye indlela unqulo lobuxoki oluye lonakalisa izazela zabaninzi kukukhuthaza nayiphi indlela yokuziphatha ethandwayo. Ekuxela oku kusengaphambili, umpostile uPawulos wathi: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe.”—2 Timoti 4:3.
Kule mihla, iinkokeli zonqulo zonwaya iindlebe zabantu ngokuthi iintlobano zesini ngaphandle komtshato zisenokwamkeleka kuThixo. Ezinye zivumela izenzo zobufanasini. Enyanisweni, abanye abefundisi bangamafanasini. Inqaku elikwiphephandaba laseBritani iThe Times lathi “abefundisi abaziwayo ukuba ngamafanasini abalishumi elinesithathu” baye banyulwa ukuba babe kwiBhunga leCawa laseTshetshi. Xa iinkokeli zonqulo zityeshela imilinganiselo yokuziphatha esekelwe eBhayibhileni yaye iicawa zazo zingazikhathazi kangako ngaloo nto, amele ukuba abe nemilinganiselo enjani amarhamente azo? Akumangalisi ke ngoku ukuba izigidi zididekile.
Hayi indlela ekubhetele ngayo ukukhokelwa yimilinganiselo yokuziphatha efana nesibane seenyaniso zokomoya eBhayibhileni! (INdumiso 43:3; Yohane 17:17) Ngokomzekelo, iBhayibhile ifundisa ukuba abahenyuzi nabakrexezi “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Isixelela ukuba amadoda namabhinqa atshintsha “ukusebenza kwawo kwemvelo kwaba kokwahlukileyo kwimvelo” ‘asebenza oko kungamanyala’ emehlweni kaThixo. (Roma 1:26, 27, 32) Ezi nyaniso zemilinganiselo yokuziphatha aziveli kubantu abangafezekanga; ziyimilinganiselo kaThixo ephefumlelweyo, milinganiselo leyo angazange ayirhoxise. (Galati 1:8; 2 Timoti 3:16) Kodwa uSathana unenye indlela yokonakalisa isazela.
Yikhethe Indlela Ozonwabisa Ngayo
Ukunyanzela ubani ukuba enze into ephosakeleyo kwahlukile ekumenzeni afune ukwenza loo nto. Olu lusukelo ‘lomlawuli wehlabathi,’ uSathana. Ukuze afake iingcinga zakhe ezingaphucukanga ezingqondweni nakwiintliziyo zezidenge okanye abangalumkanga—ingakumbi abona basengozini, ulutsha—usebenzisa iindlela ezifana noncwadi oluthandabuzekayo, imifanekiso eshukumayo, umculo, imidlalo yekhompyutha namajelo abonisa amanyala kwi-Internet.—Yohane 14:30; Efese 2:2.
Ingxelo ekulindixesha iPediatrics yathi: “Abantu abaselula [eUnited States] babukela izenzo zobundlobongela ezimalunga nama-10 000 nyaka ngamnye, iinkqubo zabantwana izezona zinobundlobongela.” Le ngxelo ikwatyhile ukuba “nyaka ngamnye, abakwishumi elivisayo babuka iincwadi, izikweko neziqhulo zesini ezimalunga nama-15 000.” Kwanangexesha abantu abaninzi ababukela ngalo umabonwakude, ithi, “imifanekiso enesini phakathi ivela izihlandlo ezingaphezu kwezisi-8 ngeyure, ibe oko kuyiphindaphinda ngaphezu kwezihlandlo ezine imifanekiso yowe-1976.” Akumangalisi ukuba, olu hlolisiso lufumanise ukuba “intetho engamanyala yanda ngendlela eyothusayo.” Sekunjalo, iBhayibhile nohlolisiso lwezenzululwazi zilumkisa ukuba ukufunda izinto ezinjalo kubenza bonakale nangakumbi abantu. Ngoko ukuba ufuna ngokwenene ukukholisa uThixo uze ungenelwe, nikela ingqalelo kwiMizekeliso 4:23, ethi: “Londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—Isaya 48:17.
Inkoliso yomculo othandwayo iyasonakalisa isazela. Enye imvumi eneengoma eziye zaduma kakhulu kumazwe aliqela aseNtshona yenza “umgudu okhethekileyo wokuthi gqi nento ebingalindelekanga,” ilumkisa njalo ingxelo yephephandaba laseOstreliya iThe Sunday Mail. Eli nqaku lithi: “iingoma zayo zizukisa iziyobisi, umbulo nokudlwengulwa,” yaye “icula ngokubulala umfazi wayo ize iphose umzimba wakhe kwichibi.” Amanye amazwi eengoma zayo mabi kakhulu ukuba angaphindwa apha kwakhona. Sekunjalo, umculo wayo wayizuzisa imbasa esemagqabini. Ngaba ungathanda ukuhlwayela engqondweni nasentliziyweni yakho iingcinga ezonakele njengezi zikhankanywe ngasentla, nangona zenziwe zantle ngomculo? Siyathemba ukuba akunjalo, kuba abo benza ngendlela enjalo bangcolisa isazela yaye ekugqibeleni bazakhela ‘intliziyo engendawo,’ ebenza iintshaba zikaThixo.—Hebhere 3:12; Mateyu 12:33-35.
Ngoko lumka xa ukhetha indlela ozonwabisa ngayo. IBhayibhile isilumkisa isithi: “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.
Unxulumano Luyasichaphazela Isazela Sakho
Besengabantwana, uNeil noFranz babelunandipha unxulumano olwakhayo namaKristu anyanisekileyo.a Kodwa, ekuhambeni kwexesha, uNeil wathi, “Ndaqalisa ukunxulumana nabantu ababi.” Ezisola, uthi oko kwaphumela kulwaphulo-mthetho nokuvalelwa entolongweni. Ibali likaFranz nalo liyafana neli. Wathi: “Ndandicinga ukuba ndandinokumelana nokuba phakathi kwabantu abaselula behlabathi ngaphandle kokuba bandichaphazele. Kodwa njengoko eyabaseGalati 6:7 isithi, ‘UThixo akanakwenziwa intlekisa. Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.’ Ndafumanisa ngendlela ebuhlungu ukuba indlela yam yayiphosakele yaye uYehova wayechanile. Ndiza kuthothoza entolongweni ubomi bam bonke ngenxa yobubi endabenzayo.”
Abantu abafana noNeil noFranz ngokuqhelekileyo abenzi lwaphulo-mthetho ngokukhawuleza; ekuqaleni, bavakalelwa kukuba abanakukucinga nokukucinga oko. Oku kuphambuka kuhamba ngamanqanaba, ngokufuthi elokuqala lunxulumano olubi. (1 Korinte 15:33) Kusenokulandela ukusebenzisa kakubi iziyobisi notywala. Enyanisweni, isazela siye sachazwa ngendlela efanelekileyo “njengenxalenye yobuntu enokunyibilikiswa butywala.” Ukusuka apho, linyathelo nje elincinane ukwenza ulwaphulo-mthetho okanye ukuziphatha okubi.
Ngoko ke, kutheni uthabatha inyathelo lokuqala? Kunoko, nxulumana nabantu abazizilumko abamthanda ngokwenyaniso uThixo. Baya kukunceda womeleze isazela sakho ukuze sikukhokele kakuhle, sikusindisa kwiintlungu ezininzi. (IMizekeliso 13:20) Nangona besesentolongweni, ngoku uNeil noFranz bajonga isazela sabo njengesipho esivela kuThixo esifanele siqeqeshwe kakuhle yaye, ewe, sixatyiswe. Ngokubhekele phaya, bayazibhokoxa ukuze bakhe ulwalamano oluhle noThixo wabo, uYehova. Yiba nobulumko, uze ufunde kwiimpazamo zabo.—IMizekeliso 22:3.
Sikhusele Isazela Sakho
Sibonisa ukuba sifuna ukusikhusela isazela sethu xa sisakha uthando nokholo kuThixo, kunye nokumoyika ngendlela efanelekileyo. (IMizekeliso 8:13; 1 Yohane 5:3) IBhayibhile ibonisa ukuba isazela esiswele ezi mpembelelo ngokufuthi asinamilinganiselo yokuziphatha izinzileyo. Ngokomzekelo, INdumiso 14:1 ithetha ngabo bathi kwintliziyo yabo: “Akakho uYehova.” Ukungabi nalo kwabo ukholo kuyichaphazela njani ihambo yabo? Le ndinyana iyaqhubeka: “Benze ngokonakala, ziyacekiseka izenzo zabo.”
Abantu abangenathemba lokwenene kuThixo abanathemba liqinileyo ngekamva elibhetele. Ngenxa yoko, batyekele ukuphilela unamhlanje, besanelisa iminqweno yabo yokwenyama. Umgaqo wabo ngulo: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:32) Kwelinye icala, abo amehlo abo akumvuzo wobomi obungunaphakade abangeni mgibeni ngokubhenela kwiziyolo zehlabathi. Njengekhompyutha eyalathisa iinqwelo-moya, isazela sabo esiqeqeshiweyo sibagcina kwindlela efanelekileyo yokumthobela ngokunyanisekileyo uThixo.—Filipi 3:8.
Ukuze isazela sakho sihlale sinamandla yaye sithe ngqo, sifuna ukhokelo oluthe rhoqo oluvela kwiLizwi likaThixo. IBhayibhile isixelela ukuba ukhokelo olunjalo luyafumaneka xa isithi, ngokomfuziselo: “Neendlebe zakho ziya kuva ilizwi emva kwakho lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo,’ nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.” (Isaya 30:21) Ngoko zibekele ixesha lokufunda iBhayibhile imihla ngemihla. Oko kuya kukomeleza kuze kukukhuthaze xa uzama ukwenza okulungileyo okanye xa ukhathazekile okanye unexhala. Qiniseka ukuba uYehova uya kukukhokela ngokwendlela yokuziphatha nangokomoya ukuba ukholosa ngokupheleleyo ngaye. Ewe, xelisa umdumisi, owabhala: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.”—INdumiso 16:8; 55:22.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama aye aguqulwa.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Unqulo lobuxoki, oluchazwa eBhayibhileni ‘njengeBhabhiloni Enkulu,’ lubekek’ ityala ngokwenza buthuntu isazela sabaninzi
[Inkcazelo]
Priest blessing troops: U.S. Army photo
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
Ukubukela ubundlobongela nokuziphatha okubi kuya kusonakalisa isazela sakho
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukhokelo oluthe rhoqo oluvela kwiLizwi likaThixo luya kulondoloza isazela sakho