IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 2/15 iphe. 32
  • Kuxabiseke Kangakanani Ukuba Nesazela Esicocekileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuxabiseke Kangakanani Ukuba Nesazela Esicocekileyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 2/15 iphe. 32

Kuxabiseke Kangakanani Ukuba Nesazela Esicocekileyo?

“URHULUMENTE Uyalelwe Ukuba Amkele Ama-R$20,000.” Lo mxholo ungaqhelekanga uye wavela kutshanje kwiphephandaba laseBrazil iCorreio do Povo. Eli nqaku labalisa ibali likaLuiz Alvo de Araújo, unoposi wasekuhlaleni, owathengisela urhulumente isiqwenga somhlaba. Emva kokuthengisa lo mhlaba, uLuiz wothuka kukufumanisa ukuba uye wahlawulwa ama-R$20,000 (phantse ama-R79 000) ngaphezu kwexabiso ekwakuvunyelwene ngalo!

Akuzange kube lula ukubuyisa le mali ingaphezulu. Emva kokutyelela amasebe karhulumente izihlandlo eziliqela kungekho nto icacayo, uLuiz wacetyiswa ukuba aqashe igqwetha aze azinzise le ngxaki enkundleni. “Kuyabonakala ukuba kukho mntu uthile owenza impazamo, yaye ngenxa yemithetho karhulumente, kwakungekho mntu uyaziyo indlela yokucombulula le ngxaki,” yatsho ijaji eyathi urhulumente uza kuyamkela le mali aze ahlawule iindleko zomthetho. “Ndiyaqala ke ukubona kuxoxwa ityala elinje.”

ULuiz, ngomnye wamaNgqina kaYehova, uthi: “Isazela sam esiqeqeshwe ngeBhayibhile sasingandivumeli ukuba ndigcine into engeyoyam. Ndandimele ndizame ukuyibuyisa.”

Abaninzi banokusifumanisa singaqhelekanga isimo sengqondo esinjalo okanye bengasiqondi. Kodwa iLizwi likaThixo libonisa ukuba amaKristu okwenyaniso akuxabisa kakhulu ukuhlala enesazela esicocekileyo kwindlela aqhubana ngayo nabasemagunyeni. (Roma 13:5) AmaNgqina kaYehova azimisele ukuhlala ‘enyanisekile yaye eziphethe ngokunyaniseka kwizinto zonke.’—Hebhere 13:18.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share