Kuphephe Ukuba Nekratshi
UMNTU onekratshi uzibona ephakamile, engumntu ophezulu kunabo bonke abanye abantu. Ngenxa yoko, umntu onjalo ngokufuthi ufuna intlonelo nengqalelo engaphezu kwaleyo emfaneleyo yaye uphatha abanye ngokungenantlonelo nangendelelo.
Ikratshi sisichasi sokuthobeka. Igama lesiGrike nelesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ikratshi” nelithi “ukuzikhukhumalisa” anentsingiselo esisiseko ethetha ukuzenza ubonakale “uphakamile,” “ungobalaseleyo,” “ungobalulekileyo.”
Ubume Bentliziyo
Ikratshi luphawu olubi yaye asinto nje isuka engqondweni. UYesu Kristu walikhankanya ndawonye nokubulala, ubusela, ukunyelisa nezinye izenzo zobubi waza wathi izinto ezinjalo ziphuma “ngaphakathi, entliziyweni yabantu.” (Marko 7:21, 22) Unina kaYesu wasemhlabeni uMariya wathi ngoYehova: “Ubachithachithe ngokubanzi abanekratshi kwiingcinga zeentliziyo zabo.” (Luka 1:51) UDavide wabongoza uYehova, esithi: “Intliziyo yam ayibanga nekratshi.”—INdumiso 131:1.
Kwanomntu obekhonza uThixo ngentliziyo ethobekileyo unokuba nekratshi emva kokuzuza ubutyebi okanye igunya okanye ngenxa yokuba emhle, ephumelela, enobulumko okanye ngenxa yokuba enconywa ngabanye. UKumkani u-Uziya wakwaYuda wayenjalo. Walawula kakuhle waza wasikelelwa nguYehova kangangeminyaka emininzi.—2 Kronike 26:3-5.
Kodwa ingxelo yeBhayibhile ithi: “Noko ke, wathi kamsinya nje akomelela, intliziyo yakhe yaba nekratshi ukusa kwinqanaba lokonakala, kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.” (2 Kronike 26:16) U-Uziya waziphakamisa waza wenza imisebenzi eyayisenziwa ngababingeleli, lungelo elo uThixo wayengabanikanga lona ngabom ookumkani, ngenjongo yokwahlula ubukumkani kububingeleli.
Ngaxa lithile uKumkani uHezekiya owayelungile, kangangethutyana elifutshane, waba nentliziyo enekratshi yaye kuyabonakala ukuba ikratshi lakhe labachaphazela abantu awayebalawula. Wayebekwe kwisihlalo solawulo ngenxa yentsikelelo kaYehova, kodwa akazange ayiqonde into yokuba lonke uzuko lwalufanele luye kuThixo. Umbhali wale ngxelo uthi ngaye: “Kodwa uncedo awayelenzelwe uHezekiya akazange alubuyekeze, kuba intliziyo yakhe yaba nekratshi yaye kwabakho ukucaphuka nxamnye naye nanxamnye noYuda neYerusalem.”
Okuvuyisayo kukuba, wasilungisa esi simo sengqondo siyingozi. Le ngxelo ihlabela mgama isithi: “Noko ke, uHezekiya wazithoba kwikratshi lentliziyo yakhe, yena nabemi baseYerusalem, yaye ukucaphuka kukaYehova akubafikelanga ngemihla kaHezekiya.”—2 Kronike 32:25, 26.
UThixo Uyabachasa Abanekratshi
Abantu abanekratshi abacekiswa ngabantu abanyanisekileyo nje kuphela kodwa, okona koyikeka kakhulu kukuba, noYehova uThixo uyabachasa. (Yakobi 4:6) Ukuba nekratshi bubudenge nesono, yaye uYehova unxamnye nabantu abanekratshi ukuze abathobe.—IMizekeliso 14:3; 2 Samuweli 22:28; Yobhi 40:11.
Xa umntu engayeki ukuba nekratshi ngokuqinisekileyo uya kutshabalala. Uhlanga lwamandulo lwakwaMowabhi, olwaluziphakamisa nxamnye noThixo nabantu bakhe, lwatshatyalaliswa. (Isaya 16:6; 25:10, 11) Kwanobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli abuzange businde xa baba nekratshi nentliziyo esileyo.—Isaya 9:8-12.
Ukuphepha Ukuba Nekratshi
Ngoko ke, umntu ufanele alumkele ukuba nekratshi entliziyweni yakhe. Ufanele alumke ngakumbi xa eye wafikelela usukelo oluthile okanye xa enikwe isigxina okanye imbopheleleko engakumbi. Ufanele akhumbule ukuba “ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.”—IMizekeliso 16:18.
Ukuba uyalivumela ikratshi likhule, linokumlawula ukusa kwinqanaba lokuba uYehova amgqale njengabo abanikela kwimo yengqondo engakholekileyo, nabafanelwe kukufa. (Roma 1:28, 30, 32) Eso silumkiso sifaneleke ngakumbi ‘kule mihla yokugqibela,’ apho, njengokuba umpostile othile walumkisayo, ikratshi liya kuba phakathi kwemiqondiso ebonisa ukuba siphila kumaxesha amanqam.—2 Timoti 3:1, 2.
Ukongezelela, umntu onqwenela ukuzuza inkoliseko kaThixo ufanele akuphephe ukukhohlisa, nto leyo edla ngokubangela ikratshi kwabanye. Omnye umzekeliso uthi: “Indoda eyomeleleyo ekhohlisa iqabane layo yaneka umnatha emanyathelweni ayo.”—IMizekeliso 29:5.
Lowo ukhohlisa omnye akonakalisi iqabane lakhe nje kuphela kodwa uphulukana nenkoliseko kaThixo. (IMizekeliso 26:28) Umpostile uPawulos wayekulumkele ukukhohlisa abanye nokuba nekratshi. (1 Tesalonika 2:5, 6) Nathi sifanele sihlale sikulumkele ukuba nolu phawu lungathandekiyo.