IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 3/15 iphe. 32
  • Esona Siganeko Sibalulekileyo Embalini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Esona Siganeko Sibalulekileyo Embalini
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 3/15 iphe. 32

Esona Siganeko Sibalulekileyo Embalini

YAYIKUKUFA kukaYesu Kristu. Kutheni kwakubaluleke kangaka? Ngenxa yezizathu ezininzi.

Ukuthembeka kukaYesu de kuse ekufeni kwangqina ukuba umntu unokuyigcina ingqibelelo yakhe kuThixo.

Ukufa kukaKristu kwavula ithuba lokuba abanye babe ngabalawuli kunye naye ezulwini. Kwavula nethuba lokuba abanye abantu abangakumbi banandiphe ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi.

Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wasebenzisa isonka esingenagwele newayini ebomvu njengemifuziselo yedini lakhe lothando. Yaye wathi kubafundi bakhe: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngaba uya kusikhumbula esi siganeko sibalulekileyo?

AmaNgqina kaYehova akumema ngokufudumeleyo ukuba ube kunye nawo xa ebhiyozela iSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Kulo nyaka esi sikhumbuzo siya kuba ngoLwesine, ngoMatshi 28, emva kokutshona kwelanga. Unokuya kwiHolo yoBukumkani ekufuphi nekhaya lakho. Nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze wazi ixesha elichanileyo nendawo esiya kuqhutyelwa kuyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share