Ngaba Ukholo Lufanele Lusekelwe Kwizizathu Ezibambekayo?
“Baninzi kakhulu abantu abathi ‘bayakholwa’ abangamalungu onqulo oluthile kuba nje befuna ukungaqiqi,” ubhala esitsho umfundisi ongumcebisi kwisikolo sabefundisi eUnited States. Wongezelela ngelithi: “Bafuna nje ukwamkela yonke into ‘ngokholo.’”
OKU kuthetha ukuba inkoliso yabantu ethi iyakholwa ayicingi kangako ngezizathu zokuba ikholelwe koko ikukholelwayo okanye enoba oko ikukholelwayo kusekelwe kwizizathu ezibambekayo kusini na. Akumangalisi ke ngoko ukuba abaninzi besiba madolw’ anzima ukuthetha ngonqulo.
Ngelishwa, nako ukusebenzisa imifanekiso yonqulo nokucengceleza imithandazo akukhuthazi ukuba umntu acinge. Olu qheliselo, kwakunye nezakhiwo ezihlab’ umxhelo, iifestile ezinkulu ezineeglasi ezizotyiweyo, nomculo ochukumisayo, ngandlel’ ithile koko kubonwa zizigidi zabantu kunqulo. Nangona ezinye iicawa zisithi ukholo lwazo lusekelwe eBhayibhileni, isigidimi sazo esithi ‘kholelwa kuYesu yaye uza kusindiswa’ asikhuthazi ukufundisisa iBhayibhile ngokunzulu. Abanye babhenela ekushumayeleni ivangeli yokuphucula intlalo okanye yezobupolitika. Uba yintoni umphumo wako konke oku?
Ngokuphathelele imeko ekuMntla Merika, omnye umbhali wonqulo wathi: “UbuKristu . . . bubonakala bungabalulekanga, [yaye] abalandeli babo abafundiswa kangako ngokholo.” Umphandi ngezimvo zabantu wada wachaza iUnited States “njengelizwe elingayaziyo iBhayibhile.” Enyanisweni, oku kunjalo nalapho kuxhaphake oko kufane kuthiwe bubuKristu. Iinkonzo ezininzi ezingezozabuKristu ngokufanayo azikhuthazi ukuba nezizathu ezibambekayo yaye kunoko zigxininisa kwiingoma, imithandazo yesithethe neendlela ezahlukahlukeneyo zokucamngca eziquka ukukhafula, kunokucinga ngendlela enengqiqo neyakhayo.
Sekunjalo, kubomi babo bemihla ngemihla, kwa-aba bantu bangacingi kangako ngokuchana nokuba ziyinyaniso kangakanani na iinkolelo zonqulo lwabo ngokufuthi bayicingisisa ngenyameko eminye imibandela. Ngaba ubungayi kumthela nqa umntu owenza uphando olukhulu ukuze nje athenge inqwelo-mafutha—eyakuthi ngenye imini iphelele kwimfumba yezinto ezilahliweyo—xa esithi ngonqulo lwakhe: ‘Ukuba lwalubafanele abazali bam, lundifanele nam’?
Ukuba ngokwenene sinomdla wokumkholisa uThixo, ngaba asifanele siqwalasele ngokunzulu ukuchana koko sikukholelwayo ngaye? Umpostile uPawulos wathetha ngabantu abathile bonqulo bomhla wakhe ‘ababenenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.’ (Roma 10:2) Abo banjalo banokuthelekiswa nomntu opeyintayo oqashiweyo nozibhokoxayo ekupeyinteni indlu kodwa ongasebenzisi imibala efunekayo kuba engayiphulaphulanga imiyalelo yomninimzi. Loo mntu upeyintayo unokwaneliseka ngumsebenzi wakhe, kodwa ngaba uya kwamkeleka kumninimzi?
Yintoni uThixo ayamkelayo ngokuphathelele unqulo lokwenyaniso? IBhayibhile iyaphendula: “Oku kuhle yaye kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu, uThixo, othanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:3, 4) Bambi banokuvakalelwa kukuba akunakwenzeka ukufumana ulwazi olunjalo phakathi kweenkonzo ezininzi kangaka namhlanje. Kodwa khawucinge—ukuba kukuthanda kukaThixo ukuba abantu babe nolwazi oluchanileyo ngenyaniso, ngaba ebeya kubadlel’ indlala ngokuyifihla kubo? Akunjalo, ngokutsho kweBhayibhile, kuba ithi: “Ukuba uthe wamfuna [uThixo], uya kumfumana.”—1 Kronike 28:9.
UThixo uzazisa njani kwabo bamfuna ngokunyanisekileyo? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula lo mbuzo.