IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 8/1 iphe. 8
  • Ilizwi LikaThixo Linamandla’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ilizwi LikaThixo Linamandla’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Inyaniso YeBhayibhile ‘Iyasebenza’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • “ILizwi LikaThixo . . . Linamandla”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • “UYehova . . . Unamandla Kakhulu”
    Sondela KuYehova
  • ILizwi LikaThixo Linamandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 8/1 iphe. 8

Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa

Ilizwi LikaThixo Linamandla’

KWISIQITHI esitshisayo seCaribbean eJamaica, inkoliso yabantu iqhelene neBhayibhile. Enyanisweni, iKing James Version inokufunyanwa phantse kuyo yonke imizi, yaye abanye abantu baye babona ukuba “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” (Hebhere 4:12) La mandla anokuguqula abantu, njengoko kuboniswa ngala mava alandelayo.

Indoda egama linguCleveland yayisandul’ ukubuyela ekhaya ivela emsebenzini xa yatyelelwa ngomnye wamaNgqina kaYehova. Emva kokuthetha naye ngeengongoma ezithile eZibhalweni, eli Ngqina lamshiyela incwadi yokufundisisa iBhayibhile ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. UCleveland wayengaqondi ukuba iLizwi likaThixo lalinokubuphembelela kangako ubomi bakhe.

UCleveland wayeqhele ukuthandaza kathathu ngosuku, ecela ukuba uThixo amncede afumane indlela efanelekileyo yokumnqula. UCleveland wayeqinisekile ukuba abazali bakhe babenganquli ngendlela efanelekileyo, kodwa emva kokuba ehlole ezinye iinkonzo, wadana. Nangona wayevile ngamaNgqina kaYehova, wayengaqinisekanga enoba ayelunqulo lokwenyaniso kusini na. Nangona wayethandabuza, uCleveland wasamkela isifundo seBhayibhile kwiNgqina elalimtyelele. Kwakutheni? Kuba wayefuna ukuwangqina amaNgqina engamaxoki!

Kungekudala uCleveland wafunda ukuba ulwalamano lokuziphatha okubi awayenalo namabhinqa amabini awahlukahlukeneyo kwakungamkholisi uThixo. (1 Korinte 6:9, 10) Emva kwezifundo ezibini kuphela, waba nesibindi sokuphelisa ulwalamano lwakhe naloo mabhinqa. Kwakhona waqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani. Kodwa oku kwabangela olunye uvavanyo.

UCleveland wayexakeke gqitha kwiqela lebhola ekhatywayo lasekuhlaleni, yaye imidlalo yayiphazamisana nokuya kwakhe kwiintlanganiso. Wayeza kwenza ntoni? Nangaphezu kokunyanzelwa ngabanye abadlali, umqeqeshi nabahlobo bakhe, uCleveland wagqiba kwelokuba arhoxe kwiqela lebhola ekhatywayo. Ewe, iLizwi likaThixo laliqalisa ukuba namandla, limphembelela ukuba enze okulungileyo!

Amandla eLizwi likaThixo aqalisa ukubonakala xa uCleveland waqalisa ukushumayela ngolwazi lwakhe lweBhayibhile kwabanye. (IZenzo 1:8) Ngenxa yoko, ababini kwabo wayedlala nabo baqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Emva kokuba uCleveland ekufanelekele ukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo, waba novuyo olukhulu entsimini, esebenzisa iLizwi likaThixo ukuze ancede abanye.

Ekubeni amandla eLizwi likaThixo ayeqhubeka emphembelela, ekugqibeleni uCleveland wafuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova ngokubhaptizwa emanzini yaye ngoku ukwinkonzo yexesha elizeleyo yaye usisicaka solungiselelo ebandleni.

EJamaica nasehlabathini lonke, eneneni, abantu abangamawaka baye bafunda ukuba iLizwi likaThixo “liphilile, linamandla.”

[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 8]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

JAMAICA

[Inkcazelo]

Map and globe: Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share