IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 5/1 iphe. 7
  • Inyaniso YeBhayibhile ‘Iyasebenza’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inyaniso YeBhayibhile ‘Iyasebenza’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunikela Ubungqina Kuvelisa Isiqhamo Ekhaya Nasesikolweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amandla Aguqulayo ELizwi LikaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • “ILizwi LikaThixo . . . Linamandla”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 5/1 iphe. 7

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Inyaniso YeBhayibhile ‘Iyasebenza’

ELI hlabathi lichitha ixesha nemali eninzi lizama ukuthintela izenzo zabantu ababi. Kuwiswa imithetho enxamnye nolwaphulo-mthetho olunjengokusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ubusela nokubulala; kodwa le mithetho ayibalungisi aba bantu babi. Kwelinye icala, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, linamandla okuguqula, ibe abantu abasebenzisa imithetho nemigaqo yayo baba ngabantu abathe tye, abanyanisekileyo nabanobulali.—Roma 12:2.

◻ Ngokomzekelo, amaNgqina amabini eOstreliya abuyela kubafana abaliqela abangasebenziyo. Njengoko ayengena kwindlu eyayinabafana, bangena kwigumbi elimnyama elalizaliswe ngumsi. Etafileni kwakukho izinto zentsangu nemifanekiso emikhulu yomculo werock eyayijikeleze iindonga. Kwelinye icala legumbi kwakukho izixhobo zombane ezikhulu zokwandisa isandi sekatala. Yayiligumbi apho iqela lomculo werock laliziqeqesha khona. Akwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile nabafana abathathu kwabo babelapho ababesalamana. Kwiminyaka embalwa ngaphambili unina wayefundisise iBhayibhile namaNgqina, yaye encedwa yincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade Kwiparadisi Esemhlabeni, la makhwenkwe wayewafundise ngedinga likaThixo leparadisi yexesha elizayo. Yandula ke intsapho yafuduka, ibe eso sifundo sayekwa. Ngoku, bakuba beluvuselele uthando lwabo ngenyaniso, ngokukhawuleza bathelelwa ngabahlobo babo ababini kweso sifundo.

Kwiinyanga ezintathu, omnye wabo wayenikela ubungqina, ibe kangangenyanga kamva wathelelwa ngabanye ababini. Bayeka kwiqela lomculo, ibe kwiinyanga ezine, bonke aba bathathu babenesabelo kumsebenzi wokushumayela. Ngeli xesha, unina, umninawa wabo nodade wabo omkhulu otshatileyo baqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Kungekudala emva koko omnye umhlobo wabo wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Olunjani uvuyo ekwaba lulo ukubona abantu abahlanu kubo bebhaptizwa ngamininye kwindibano yesiphaluka! Abanye ababini basebenzela ukubhaptizwa, ngoxa unina nentombi beqhubeka besenza uhambelo phambili oluhle. Kuyinyaniso ukuba, iLizwi likaThixo liyasebenza.

◻ Enye indoda eArgentina yayinomsébenzi owayelivila enamaqhinga yaye emtyala imali eninzi. Ngaminazana ithile lo msébenzi wathi shwaka. Kwaza ke, kwiminyaka ethile kamva, le ndoda yadibana nalo msébenzi wayo wangaphambili esitratweni kufutshane nekhaya layo. Lo msebenzi wayehambile wambulisa, esithi: “Bendisiya endlwini yakho ukuze ndihlawule imali endikutyala yona. Nantsi imali yakho. Ndibamba ngazibini, ibe khawundixolele ngokuba ndingayibuyisanga ngokukhawuleza.” Imangalisiwe, le ndoda yambuza isizathu sokuba enjenjalo. Waphendula: “Ngoku ndifundisisa iBhayibhile, ibe ndingomnye wamaNgqina kaYehova. IBhayibhile ithi asimele sibe natyala lanto mntwini ngaphandle kothando. Kungoko ndikubuyisela okukokwakho.” Le ndoda yabuza: “Inamandla anjani iBhayibhile ukuba ibe ingakwazi ukwenza inguqulelo enjalo emntwini?” Kwaqaliswa nayo isifundo seBhayibhile, ibe nayo ngoku ifunda inyaniso, konke oku kwenzeka ngenxa yenguqulelo enkulu eyenziwa yinyaniso yeBhayibhile kumsébenzi wayo wangaphambili.

Abantu abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo eArgentina bayayamkela inyaniso yeBhayibhile eguqulayo ibe benza inguqulelo kwikhondo labo lobomi, njengokuba amava alandelayo ebonisa.

◻ INgqina libalisa lithi, “Ngamhla uthile xa sankqonkqoza kwindlu ethile ngoxa sasikwinkonzo yasentsimini, seva isikhalo esasiphuma kuloo ndlu. Xa kwathiwa masingene, kwaphuma indoda—eyayivutha ngumsindo. Sayitshaya isaqhuma sicacisa injongo yokutyelela kwethu, kodwa yasisongela ngelithi yayiza kusikhuphela ngaphandle komzi wayo. Saqhubeka sithetha nayo ngokuthobekileyo nangokuzolileyo. Kancinane kancinane yazola. Sikuphawula oku, sayicacisela ngakumbi injongo kaYehova emangalisayo ngoluntu. Ichukunyiswe koku, le ndoda yasothusa ngokuthi: ‘UThixo unithumele apha.’ Yandula ke yasimemela ngaphakathi endlwini. ‘Umfazi’ nabantwana bayo babeziqhusheke ekoneni, belila. Yandula ke indoda yavuma isithi: ‘Xa beningena apha bendiza kuzibulala mna nentsapho yam. Ndiphelelwe lithemba! Ndiphelelwe ngumsebenzi, ibe ngoku baza kusigxotha kweli khaya lethu, ibe ndinamatyala amaninzi endimele ndiwahlawule.’”

La mava aba nesiphelo esimnandi. Udade wafumanela loo ndoda umsebenzi, ibe yona yafumana enye indlu. Yona ‘nomfazi’ wayo baqalisa ukufundisisa iBhayibhile baza batshata emva kokuba babehlelisene kangangeminyaka eli-15.

Njengoko la mava ebonisa, inyaniso yeBhayibhile ‘iyasebenza,’ ibe inokwenza oko nakubani na onentliziyo ethobekileyo oya kufundisisa iBhayibhile aze ayisebenzise.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]

‘Ilizwi likaThixo liphilile liyasebenza.’—HEBHERE 4:12

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share