Imigudu Ekhuthaza Ukuziphatha Okuhle
Ngasekupheleni kowama-2001, abo babephulaphule iRadio Mozambique basiva esi saziso:
“Umongameli wale Riphabliki watyelela izakhiwo zesebe lamaNgqina kaYehova eMaputo. Wakhuthaza eli bandla lonqulo ukuba libe ngathi liyaqinisa kwimigudu yalo yokukhuthaza ukuziphatha okuhle entsatsheni nenkqubo yalo yokufundisa abantu abadala abangakwazi ukufunda nokubhala. Abantu abamalunga nama-10 000 sele bezuzile kule nkqubo. Ngokutsho kukaMongameli Chissano, iinkqubo ezinjengezi zifanele zinconywe, njengokuba zinceda abantu ekucombululeni ingxaki yemfundo abantu beli lizwe abasajamelene nayo.”
Esi saziso sahlabela mgama ngamazwi arekhodiweyo kamongameli athi: “Kuyakhuthaza kakhulu kuthi ukubona abantu abaninzi benomdla ekufundeni ukulesa nokubhala. Kusibonisa ukuba abemi nje abaqhelekileyo baza kusinceda sikwazi ukuhlangabezana nale ngxaki yokungakwazi ukulesa nokubhala. Ngoko ke, ndikhuthaza amaNgqina kaYehova ukuba angathi ayaqinisa kule nkqubo yawo yokufundisa ukulesa nokubhala, nangaluphi na ulwimi. Eyona nto ibalulekileyo kukuba abantu bakwazi ukulesa nokubhala nokuba abantu baqhagamshelane ngokulula yaye babe nenxaxheba engakumbi kwimfundo kwixesha elizayo.”
EMozambiki amaNgqina kaYehova aneeklasi zokufundisa ukulesa nokubhala kwiindawo ezingama-850 kulo lonke elo lizwe ukuze abantu bakwazi ukuzifundela iLizwi likaThixo. Ukongezelela, aqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-50 000 veki nganye. Konke oku kuyinxalenye yocwangciso oluqhutywa ehlabathini lonke lokufunda iBhayibhile ngoku oluqhutywa kumazwe angama-235. (Mateyu 24:14) Nawe unako ukuzuza kolu cwangciso. Nceda uzive ukhululekile ukuqhagamshelana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni.