IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 2/1 iphe. 32
  • Nakuba Ukunyaniseka—Kubalulekile, Kodwa Ngaba Kwanele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nakuba Ukunyaniseka—Kubalulekile, Kodwa Ngaba Kwanele?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 2/1 iphe. 32

Nakuba Ukunyaniseka—Kubalulekile, Kodwa Ngaba Kwanele?

NGABA ngokwenene ukunyaniseka kubalulekile kubomi bethu bemihla ngemihla? Esinye isichazi-magama sichaza “ukunyaniseka” ngokuthi “ukungankwalambisi okanye ukungahanahanisi; ukuthembeka; ukuthi tye.” Kucacile ukuba, olu phawu lubalulekile ukuze sibe nolwalamano oluhle nabanye. Umpostile uPawulos waluleka esithi: “Bathobeleni ezintweni zonke abo baziinkosi zenu ngokwenyama, kungekhona nje xa nibonwa, njengabakholisi babantu, kodwa ngokunyaniseka kwentliziyo, ngokoyika uYehova.” (Kolose 3:22) Ngubani obengayi kukuxabisa ukusetyenzelwa ngumntu onyaniseke ngaloo ndlela? Namhlanje, abantu abanyanisekileyo basenokuba namathuba angakumbi okufumana umsebenzi nokungaphulukani nawo.

Noko ke, eyona nto eyenza ukunyaniseka kube yinto ebalulekileyo yindlela okuluchaphazela ngayo ulwalamano lwethu noThixo. AmaSirayeli amandulo ayesikelelwa nguThixo xa ayeyigcina ngenyameko imithetho nemisitho. Xa wayethetha ngokucoceka kwebandla, uPawulos wabongoza amaKristu esithi: “Masigcine umthendeleko, kungekhona ngegwele elidala, nangegwele lobubi nobungendawo, kodwa ngamaqebengwana angenagwele okunyaniseka nenyaniso.” (1 Korinte 5:8) Ukuze unqulo lwethu lwamkeleke kuThixo, ukunyaniseka akuyonto nje efunekayo kodwa kubalulekile. Sekunjalo, phawula ukuba ukunyaniseka kukodwa akwanele. Ubani umele anyaniseke kwinto eyinyaniso.

Abakhi beTitanic nabo babekhwele kuyo kusenokwenzeka ukuba ngokunyaniseka babekholelwa ukuba le nqanawa yayingenakuzika. Noko ke, kuhambo lwayo lokuqala, ngowe-1912, yabetheka kwintaba yomkhenkce yaye abantu abali-1 517 baphulukana nobomi babo. Kusenokwenzeka ukuba amaYuda athile enkulungwane yokuqala ayekholelwa ngokunyaniseka kwindlela yawo yokunqula uThixo, kodwa inzondelelo yawo ‘yayingasekelwanga kulwazi oluchanileyo.’ (Roma 10:2) Ukuze samkeleke kuThixo, oko sikukholelwa ngokunyaniseka kumele kusekelwe kwinkcazelo echanileyo. AmaNgqina kaYehova asekuhlaleni aya kukuvuyela ukukunceda ukuba ubone oko kubandakanyekileyo ekukhonzeni uThixo ngokunyaniseka nangenyaniso.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share