IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 8/15 iphe. 32
  • Indlela UThixo Abajonga Ngayo Abafileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela UThixo Abajonga Ngayo Abafileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 8/15 iphe. 32

Indlela UThixo Abajonga Ngayo Abafileyo

UKUFELWA ngumntu omthandayo kunxunguphalisa ngokwenene. Ayinakuthelekiswa nanto indlela oziva ungento yanto ngayo, ulilolo yaye ulahlekelwe. Ukufelwa ngumntu omthandayo kunokwenza ubani azive engenamandla, kungakhathaliseki ukuba usisityebi, unegunya okanye unempembelelo kangakanani na, ngoko ke akukho mntu emhlabeni onokuvusa umntu ofileyo.

Noko ke, uMdali wethu uyijonga ngeny’ indlela le meko. Ekubeni wenza umntu wokuqala ngothuli lomhlaba, unako ukuphinda amdale umntu ofileyo. Ngenxa yoku, uThixo unokubajonga abantu abafileyo njengabaphilileyo. Ngokuphathelele abakhonzi abathembekileyo bamandulo abafayo, uYesu wathi: “Bonke bayaphila [kuThixo].”—Luka 20:38.

Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wanikwa igunya lokuvusa abafileyo. (Yohane 5:21) Ngenxa yoko, abo bafe bethembekile, ubajonga ngendlela uYise abajonga ngayo. Ngokomzekelo, xa umhlobo wakhe uLazaro wafayo, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndiyahamba . . . ukuze ndimvuse ebuthongweni.” (Yohane 11:11) Abantu babemjonga uLazaro njengofileyo, kodwa kuYehova nakuYesu, uLazaro wayelele.

Phantsi kolawulo lukaYesu loBukumkani, kuya kubakho “uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Ekugqibeleni, abo bavusiweyo baya kufundiswa ngoThixo baze babe nethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni.—Yohane 5:28, 29.

Ewe, ukufelwa ngumntu omthandayo kunokubangela unxunguphalo nentlungu engathethekiyo kangangeminyaka emininzi. Sekunjalo, ukujonga abafileyo ngendlela uThixo abajonga ngayo kunokusithuthuzela gqitha kuze kusenze sibe nethemba.—2 Korinte 1:3, 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share