Ebengumntu Onobubele
UMILTON G. HENSCHEL, obesele enethuba elilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, uye waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoMgqibelo, ngoMatshi 22, 2003. Ebeneminyaka engama-82 ubudala.
UMilton Henschel waba lilungu lekomkhulu lamaNgqina kaYehova eselula waza wakhonza ngokuthembeka kangangeminyaka engaphezu kwama-60. Ebesaziwa ngokuba nengqiqo nangokuba nomdla onyanisekileyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ngowe-1939 waba ngunobhala kaN. H. Knorr, owayengumveleli wesebe lokushicilela lamaNgqina kaYehova eBrooklyn. Xa uMzalwan’ uKnorr waqalisa ukukhokela amaNgqina emhlabeni wonke ngowe-1942, uMzalwan’ uHenschel waqhubeka esisandla sakhe. UMzalwan’ uHenschel watshata noLucille Bennett ngowe-1956, yaye bebexhasana ngamaxesha ovuyo nangamaxesha obunzima.
UMzalwan’ uHenschel wasebenza ngokusondeleyo noMzalwan’ uKnorr de kwasekufeni kukaMzalwan’ uKnorr ngowe-1977. Maxa wambi uMzalwan’ uKnorr wayeba kunye noMzalwan’ uHenschel xa wayetyelela amazwe angaphezu kwe-150, ekhuthaza amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke, ngokukodwa abavangeli basemazweni nabo bakwiiofisi zamasebe. Ngamanye amaxesha loo matyelelo ayeqoba yaye eyingozi. Ngowe-1963 xa wayeye kwindibano eLiberia uMzalwan’ uHenschel watshutshiswa ngenxa yokuba engazange avume ukuba nenxaxheba kwimibhiyozo yesizwe.a UMzalwan’ uHenschel akazange atyhafe, waphinda waya eLiberia kwiinyanga nje ezimbalwa kamva ukuze adibane nomongameli welo lizwe, efunela amaNgqina kaYehova inkululeko yonqulo engakumbi.
Xa esingatha iingxaki ezinzima uMzalwan’ uHenschel wayesaziwa ngokuba bhetyebhetye nokuba nengqiqo. Abo wayesebenza nabo babekuxabisa ngokwenene ukulungelelana, ukuthozama noburharha bakhe. Ngenxa yokuba wayenesiphiwo sokukhumbula wayehlala ebonwabisa abavangeli basemazweni kuba wayesoloko ewakhumbula amagama abo, ekwazi nokuthetha amagama ambalwa ngolwimi lwasekuhlaleni, wayethanda ukudlala ngamagama—yonke loo nto eyenza encumile.
UMika 6:8 usikhumbuza ukuba uYehova uThixo ufuna ‘sithande ububele.’ UMilton Henschel uya kukhunjulwa ngokumisela umzekelo omhle kuloo nkalo. Nangona ebeneembopheleleko ezininzi ebengeneka, ezolile, yaye enobubele. Ebekuthanda ukuthi, “Ukuba uyathandabuza, khumbula ukuba, ukuba nobubele yeyona nto intle.” Ngoxa sibuhlungu ngenxa yokulahlekelwa ngulo mzalwana uthandekayo, siyavuya kuba eye wanyamezela ngokuthembeka de kwasesiphelweni, yaye uqinisekile ngokufumana umvuzo, ‘osisithsaba sobomi.’—ISityhilelo 2:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Incwadi Yonyaka yamaNgqina kaYehova yowe-1977, iphepha 171-7.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UM. G. Henschel ekunye noN. H. Knorr
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ekunye nowakwakhe, uLucille