Imibuzo Evela Kubafundi
AmaKristu afanele akujonge njani ukusetyenziswa kwamatye anqabileyo angqamana nenyanga yokuzalwa kukabani (birthstones)?
Kwezinye iindawo, iibirthstones zinxulunyaniswa nenyanga yokuzalwa kukabani. Enoba umKristu uya kunxiba umsesane onelitye elithile elinqabileyo, lowo ngumbandela wokuzikhethela. (Galati 6:5) Xa ubani esenza eso sigqibo, kukho izinto ezithile ezibalulekileyo afanele aziqwalasele.
IEncyclopaedia Britannica ithi ibirthstone “lilitye elinqabileyo elinxulunyaniswa nomhla ubani azalwa ngawo, ngokuqhelekileyo elinxitywa ukuze limphathele amathamsanqa okanye impilo entle lowo ulinxibileyo.” Le ncwadi yongezelela ngokuthi: “Izazi ngeenkwenkwezi kudala zicinga ukuba amatye anqabileyo athile anamandla angaphezu kwawemvelo.”
Abantu abaninzi, ingakumbi kumaxesha amandulo, babekholelwa ukuba ilitye elinjalo limzisela amathamsanqa lowo ulinxibileyo. Ngaba umKristu wokwenyaniso uyakukholelwa oko? Akunjalo, kuba uyaqonda ukuba uYehova uyabagweba abo bamshiyileyo baza bakholosa ‘ngothixo weThamsanqa.’—Isaya 65:11.
KumaXesha Aphakathi, abaxeli-thamsanqa babekhetha ilitye elithile elinqabileyo elingqamana nenyanga nganye yonyaka. Babekhuthaza abantu ukuba banxibe ilitye lenyanga abazalwa ngayo, ukuze likhusele lowo ulinxibileyo engozini. Kodwa ngokweZibhalo akufanelekanga ngomKristu ukuba alandele ulwalathiso lwabo baxeli-thamsanqa kuba iBhayibhile iyabagweba abantu abanjalo.—Duteronomi 18:9-12.
Kwakhona akufanelekanga ngamaKristu ukuba awugqale umsesane ubalulekile kuba unelitye elithile elingqamana nenyanga ubani azalwe ngayo. AmaNgqina kaYehova akawenzi amatheko osuku lokuzalwa. Oku kungenxa yokuba kumatheko anjalo kugxininiswa kakhulu emntwini yaye ekuphela kwengxelo ekhoyo eBhayibhileni yeentsuku zokuzalwa yeyabalawuli ababengamkhonzi uThixo.—Genesis 40:20; Mateyu 14:6-10.
Abanye abantu bacinga ukuba ukunxiba umsesane othile onjalo kunempembelelo entle kubuntu baloo mntu. Noko ke, amaKristu okwenyaniso akakukholelwa oko, kuba ayaqonda ukuba ubani unxiba “ubuntu obutsha” ngenxa yempembelelo yomoya oyingcwele kaThixo nangokusebenzisa imigaqo yeZibhalo.—Efese 4:22-24.
Eyona nto ibalulekileyo yinjongo yokwenjenjalo. Xa egqiba ngokunxiba umsesane onelitye elinjalo, umKristu usenokuzibuza, ‘Ngaba ndifuna ukunxiba lo msesane kuphela ngenxa yokuba ndilithanda eli litye, nangona kusithiwa lingqamana nenyanga endazalwa ngayo? Okanye ngandlel’ ithile ndiye ndaphenjelelwa ziinkolelo abantu abathile abaye bazinxulumanisa namatye anjalo?’
UmKristu ufanele azigocagoce ukuze afumanise injongo yakhe yokwenjenjalo. IZibhalo zithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) Xa esenza isigqibo ngokuphathelele amatye anqabileyo angqamana nenyanga ubani azalwa ngayo, umKristu ngamnye ufanele acingisise ngenjongo yakhe nendlela oko akwenzayo okunokumchaphazela ngayo yena nabanye.—Roma 14:13.