IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 6/8 iphe. 11
  • Ngaba AmaKristu Afanele Angcakaze?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba AmaKristu Afanele Angcakaze?
  • Vukani!—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukungcakaza?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Ukungcakaza Kufanelekile KumaKristu?
    Vukani!—1994
  • Wuphephe Umgibe Wokungcakaza
    Vukani!—2002
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokungcakaza?
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 6/8 iphe. 11

Ngaba AmaKristu Afanele Angcakaze?

NGABA umKristu ufanele angcakaze ukuze azame ukufumana into simahla? Akunjalo, kuba iLizwi likaThixo limkhuthaza ukuba asebenze ukuze azixhase yena nentsapho yakhe: “Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla. . . . Besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.”​—⁠2 Tesalonika 3:​10, 12.

Isazi ngentlalo yoluntu sayibiza ilottery ngokuthi ‘yindlela athi amahlwempu amaninzi enze abantu abambalwa babe zizityebi,’ yaye oku kuyinyaniso ngokungcakaza ngokubanzi. Ngaba umKristu angathanda ukuzityebisa ngokumba eqolo kubantu abangathathi ntweni? AmaKristu afanele ‘athande abamelwane bawo njengoko ezithanda.’ (Marko 12:​31) Kodwa ukungcakaza kufaka umoya wokuzingca kunothando, ukungakhathali kunovelwano.

Ukungcakaza ngokufuthi kushukunyiswa kukukhanuka​—⁠ukubawa⁠—​umoya ongengowabuKristu. KwabaseRoma 7:⁠7, uPawulos wathi: “Uze ungakhanuki.” Igama elithi ‘ukukhanuka’ lithetha “ukunyolukela, ukunqwenela.” Ngaba oko akuwuchazi umnqweno ongekho ngqiqweni womngcakazi wokuzuza imali yommelwane wakhe? Umnqweno onjalo awuvumelani nosukelo lwamaKristu lokwabelana nokupha.

IBhayibhile ithi: “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi abathe abathile, ngokuzolulela kuko . . . bazibhodloza [“bazingxwelerha,” NW] ngobuhlungu obuninzi.” (1 Timoti 6:​10) Oku kuyichaza kakuhle imeko yekhoboka lokungcakaza, elikhotyokiswe ngumkhwa olingxwelerha kabuhlungu, ngokuphindaphindiweyo.

UYesu wathi abantu banokuqondwa “ngeziqhamo zabo.” (Mateyu 7:​20) Ngaphandle kokuxhwaleka kwamakhoboka okungcakaza neentsapho zawo, kudala ukungcakaza kunxulunyaniswa nokunganyaniseki kunye nolwaphulo-mthetho. IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Uninzi lwamabala okubekwa wona ukungcakaza lubangelwa kukunganyaniseki kwabaququzeleli bako.” Ulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo luye lwanxityelelaniswa nezenzo zokungcakaza ezisemthethweni nezingekho mthethweni. Ngaba umKristu angathanda ukusixhasa esi senzo, kwanangokungangqalanga?

Njengokuba kucacisiwe kwinqaku lesibini lolu ngcelele, ngokufuthi ukungcakaza kubandakanya ukulandela iinkolo njengoko kufunwa amanani ethamsanqa, iintsuku zethamsanqa okanye ukuba nethamsanqa lokuphumelela ngokulandelelanayo. Kangangeenkulungwane abangcakazi baye bajikelezana nothixokazi uNomathamsanqa benomdla wokuthandwa nguye. Wayebizwa ngokuba nguFortuna ngamaRoma, yaye ekugqibeleni isixeko saseRoma saba neetempile ezingama-26 ezazakhelwe ukuzukisa yena.

Umprofeti uIsaya wabhekisela kuthixo ofanayo, obizwa ngokuba ngugadh, owayenqulwa ngamaSirayeli awexukileyo. Wabhala wathi: “Ke nina nimshiyileyo uYehova, . . . nimlungiselelayo uThamsanqa [ngesiHebhere, gadh] isithebe.” (Isaya 65:​11) Ngosuku lokugqibela lonyaka, kwakulisiko ukulungiselela uthixo onguThamsanqa isithebe esizaliswe ziintlobo ngeentlobo zokutya. Ngale ndlela abo bantu bamandulo babenethemba lokuqinisekisa ukuba izinto ziya kubahambela kakuhle kunyaka olandelayo.

UThixo akazange akholiswe ngabo ngobuyatha babekholosa ngogadh, okanye ngoNomathamsanqa, ukuze bacombulule iingxaki zabo. Ukuthembela ngethamsanqa kwakufana nokumshiya uThixo oyinyaniso, uYehova. Kunokuzinikela kwiThamsanqa eliguquguqukayo, amaKristu, afanele akholose ngoThixo oyinyaniso, uYehova, Lowo usithembisa ngobutyebi obungenakuthelekiswa nanto, Lowo ungenakuze asidanise.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share