IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 10/15 iphe. 25-28
  • Ukunyaniseka Nokuma Ngokuqinileyo—Kwixesha Elidluleyo Nangoku

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunyaniseka Nokuma Ngokuqinileyo—Kwixesha Elidluleyo Nangoku
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imixholwana
  • Iimbewu Zokuqala Zenyaniso YeBhayibhile
  • Ukuvavanywa Kokholo
  • Ukunyaniseka Nokuma Ngokuqinileyo
  • Ukutshutshiswa Kwabaselula
  • Kwenzeka Ntoni Emva Koko?
  • UYehova Waqhubeka Ekunye Nawo
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 10/15 iphe. 25-28

Ukunyaniseka Nokuma Ngokuqinileyo—Kwixesha Elidluleyo Nangoku

Kumazantsi ePoland, kufuphi nomda wayo neSlovakia neCzech Republic, kukho idolophana ebizwa ngokuba yiWisła. Nangona kusenokuba akuzange ukhe uve ngeWisła, inembali amaKristu okwenyaniso aya kuyifumanisa ibangel’ umdla. Yimbali ebonisa ingqibelelo nenzondelelo yabanquli bakaYehova. Njani?

IWISŁA ikummandla omhle oneentaba, apho iintaba zibonakala kakuhle. Imifula emibini idibana noMlambo iVistula, ophinyela kwiintaba neentlambo ezinamahlathi. Abantu balapha abanobubele nemozulu engaqhelekanga yenza iWisła ibe yeyona ndawo edumileyo eyenza abantu bazive behlaziyekile, nendawo yokuchitha iiholide zehlobo nezobusika.

Kuyabonakala ukuba abantu baqala ukuhlala kule ndawo ngeminyaka yee-1590. Kwakhiwa umzi-mveliso wokwenza amaplanga, indawo elithafa yaba nabemi, abafuya iigusha neenkomo baza balima. Kodwa aba bantu bangamahlwempu babandakanyeka kwiinguqulelo ezininzi zonqulo. Lo mmandla waphenjelelwa ngokunzulu luhlaziyo lonqulo olwaqalwa nguMartin Luther, ubuLuthere baba “lunqulo olumiselwe nguRhulumente ngowe-1545,” ngokutsho komphengululi uAndrzej Otczyk. Sekunjalo, IMfazwe Yeminyaka Engamashumi Amathathu noHlaziyo lwamaKatolika olwalandelayo, lwayiguqula ngokuphawulekayo le meko. Lo kaOtczyk uhlabela mgama esithi: “Ngowe-1654 zonke izakhiwo zeecawa zahluthwa kumaProtestanti, akazange avunyelwe ukuba ahlanganisane, yaye iiBhayibhile nezinye iincwadi zonqulo zathinjwa.” Sekunjalo, inkoliso yabantu balapho yaqhubeka ingamaLuthere.

Iimbewu Zokuqala Zenyaniso YeBhayibhile

Okuvuyisayo kukuba, kwakuza kubakho uhlaziyo lonqulo olubaluleke ngakumbi. Ngowe-1928 iimbewu zokuqala zenyaniso yeBhayibhile zatyalwa ngaBafundi beBhayibhile ababini, njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa njalo ngoko. Kwiminyaka elishumi eyalandelayo, uJan Gomola wafika eWisła ephethe igramafoni, eyayidlala iintetho ezirekhodiweyo zeZibhalo. Wandula ke waya kwintlambo ekufuphi apho wafumana umntu owamphulaphula ngenyameko—uAndrzej Raszka, ummi wommandla oneentaba omfutshane nonesiqu owayenomdla. Ngokukhawuleza uRaszka wakhupha iBhayibhile yakhe ukuze angqinisise oko kwakuthethwa kwiintetho zegramafoni. Wandula ke wathi: “Mzalwana wam, ekugqibeleni ndide ndayifumana inyaniso! Bendifuna iimpendulo ukususela ngoxa ndandisemfazweni ebudeni beMfazwe Yehlabathi I!”

Enemincili, uRaszka wasa uGomola kubahlobo bakhe uJerzy noAndrzej Pilch, abasamkela ngolangazelelo isigidimi soBukumkani. UAndrzej Tyrna, owafunda inyaniso yeBhayibhile eFransi, wanceda la madoda ukuba abe nolwazi olunzulu ngesigidimi sikaThixo. Kungekudala abhaptizwa. Ukunceda iqela elincinane laBafundi beBhayibhile eWisła, abazalwana abavela kwiidolophu ezikufuphi batyelela apho ebudeni beminyaka yee-1930. Oku kwaba nomphumo omhle gqitha.

Kwabakho abantu abatsha abaninzi abanomdla. Iintsapho zamaLuthere zazisoloko zifunda iBhayibhile emakhayeni azo. Ngoko xa zabona iZibhalo ezeyisayo ngokuphathelele imfundiso yesihogo noBathathu Emnye, uninzi lwazo zakwazi ukwahlula inyaniso kubuxoki. Iintsapho ezininzi zakhetha ukuzishiya iimfundiso zonqulo ezibubuxoki. Ngenxa yoko, ibandla eliseWisła lakhula, yaye ngowe-1939 laba namalungu anokuba li-140. Okumangalisayo kukuba, inkoliso yabantu abakhulileyo ababekwelo bandla yayingabhaptizwanga. UHelena, ongomnye wamaNgqina okuqala uthi: “Oku kwakungathethi kuthi aba bavakalisi bangabhaptizwanga babengakwazi ukummela uYehova.” Wongezelela esithi: “Kuvavanyo lokholo abajamelana nalo kungekudala, babonakalisa ingqibelelo.”

Kuthekani ngabantwana? Babona ukuba abazali babo bayifumene inyaniso. UFranciszek Branc uthi: “Xa utata waqonda ukuba uyifumene inyaniso, waqalisa ukuyibethelela kum nakumkhuluwa wam. Mna ndandineminyaka esibhozo ubudala yena enelishumi. Utata wayedla ngokusibuza imibuzo elula enjengale: ‘Ngubani uThixo, yaye ngubani igama lakhe? Yintoni eniyaziyo ngoYesu Kristu?’ Kwakufuneka sizibhale phantsi iimpendulo zethu size sizixhase ngeendinyana zeBhayibhile.” Elinye iNgqina lithi: “Ngenxa yokuba abazali bam ngokuzithandela bamkela isigidimi soBukumkani baza bayishiya iCawa yamaLuthere ngowe-1940, ndanditshutshiswa yaye ndibethwa esikolweni. Ndiyababulela abazali bam ngokubethelela kum imigaqo yeBhayibhile. Oko kwandinceda gqitha ukuze ndihlangabezane ngokuphumelelayo naloo maxesha anzima.”

Ukuvavanywa Kokholo

Xa kwaqhambuka IMfazwe Yehlabathi II aza amaNazi awuthimba lo mmandla, azimisela ukuwatshayela amaNgqina kaYehova. Ekuqaleni abantu abakhulileyo—ingakumbi amadoda—kwathiwa mabatyobele uxwebhu olwaluchaza ukuba bangamaJamani ukuze bafumane amalungelo athile. AmaNgqina akazange avume ukuxhasa amaNazi. Abazalwana abaninzi nabantu abanomdla abakubudala bokuya emkhosini bajamelana nengxaki: Babenokuya emkhosini, okanye bangathabathi cala kwezobupolitika kodwa bohlwaywe ngokuqatha. UAndrzej Szalbot, owabanjwa ngamaGestapo ngowe-1943, uthi: “Ukungavumi ukuya emkhosini kwakuthetha ukuthunyelwa kwinkampu yoxinaniso, ngokuqhelekileyo eAuschwitz. Ndandingekabhaptizwa, kodwa ndandisazi isiqinisekiso esanikelwa nguYesu, kuMateyu 10:28, 29. Ndandisazi ukuba, ukuba ndiyafa ngenxa yokuba ndinokholo kuYehova, uya kundivusa.”

Ebutsheni bowe-1942, amaNazi avalela abazalwana abali-17 baseWisła. Ebudeni beenyanga ezintathu, abali-15 bafela eAuschwitz. Oku kwawachaphazela njani amaNgqina awayesele eWisła? Kunokuba alahle ukholo lwawo, oku kwawakhuthaza ukuba abambelele kuYehova ngokungalalanisiyo! Ebudeni beenyanga ezintandathu ezilandelayo, inani labavakalisi baseWisła laphindaphindeka. Kungekudala kwaphindwa kwavalelwa abangakumbi. Bebonke, abazalwana abangama-83, abantu abanomdla nabantwana bajamelana nomkhosi kaHitler otshabalalisayo. Abangama-53 kubo bathunyelwa kwiinkampu zoxinaniso (ngokuyintloko eAuschwitz) okanye kwiinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo emigodini nakwindawo ekumbiwa kuzo amatye ePoland, eJamani, naseBohemia.

Ukunyaniseka Nokuma Ngokuqinileyo

EAuschwitz, amaNazi azama ukuwalukuhla amaNgqina ngokuwathembisa ngokuwakhulula ngokukhawuleza. Umlindi oligosa lamaNazi wathi komnye umzalwana: “Ukuba nje ungatyobela iphepha elichaza ukuba uyayeka ukuba ngomnye waBafundi beBhayibhile, siya kukukhulula, yaye ungagoduka.” Oko wakuxelelwa izihlandlo ezininzi, sekunjalo lo mzalwana akazange alalanise aze angathembeki kuYehova. Ngenxa yoko, wabethwa, wagculelwa waza wasetyenziswa nzima eAuschwitz naseMittelbau-Dora, eJamani. Kanye ngaphambi kokuba bakhululwe yiMikhosi Emanyeneyo, lo mzalwana wasinda ekufeni ebudeni bokuhlaselwa kwenkampu awayevalelwe kuyo.

UPaweł Szalbot, iNgqina elisandul’ ukufa, lalikhumbula oku: “Ebudeni bokuncinwa amaGestapo ayendibuza izihlandlo ezininzi isizathu sokuba ndingazange ndiye emkhosini wamaJamani nokukhahlela uHitler.” Emva kokuchaza ukungathabathi nxaxheba kwakhe kwezobupolitika njengomKristu ngokusekelwe eBhayibhileni, wafumana isigwebo sokusebenza kumzi-mveliso wezixhobo. “Ngokungathandabuzekiyo, andizange ndiwamkele lo msebenzi ngenxa yesazela sam, ngenxa yoko andithumela ukuba ndiye kusebenza emgodini.” Sekunjalo, wahlala ethembekile.

Abo babengekho entolongweni—abafazi nabantwana—bathumelela ukutya abo babeseAuschwitz. Omnye umzalwana owayeselula ngelo xesha uthi: “Ehlotyeni sasisikha amaqunube ehlathini size sitshintshise ngawo ukuze sifumane ingqolowa. Oodade babebhaka izonka baze bazifake emafutheni. Sasisandula ke siphathele amanye amakholwa asentolongweni ezo zonka ngezixa ezincinane.”

AmaNgqina akhulileyo angama-53 aseWisła asiwa kwiinkampu zoxinaniso ukuze enze umsebenzi onzima. Angama-38 kuwo afa.

Ukutshutshiswa Kwabaselula

Abantwana bamaNgqina kaYehova nabo bajamelana nengcinezelo yamaNazi. Abanye bathunyelwa kunye noonina kwiinkampu zokwexeshana eBohemia. Abanye bathatyathwa kubazali babo baza basiwa kwinkampu yabantwana edume kakubi eLodz.

Abathathu kubo babalisa besithi: “Kuhambo lwethu lokuqala lokuya eLodz, amaJamani athabatha abalishumi kuthi, abaneminyaka esusela kwemihlanu ukusa kwesithoba. Sasikhuthazana ngokuthandaza nangokuthetha ngemixholo yeBhayibhile. Kwakungelula.” Ngowe-1945 bonke abo bantwana bagoduka. Babephilile kodwa babebhityile yaye bonzakele ngokweemvakalelo. Sekunjalo, ayikho into eyayinokubenza baphule ingqibelelo yabo.

Kwenzeka Ntoni Emva Koko?

Njengoko IMfazwe Yehlabathi II yayisondela esiphelweni, amaNgqina aseWisła ayesomelele elukholweni yaye elungele ukuqalisa kwakhona umsebenzi wawo wokushumayela ngenzondelelo nangokuzimisela. Abazalwana abaninzi batyelela abantu abahlala kumgama onokuba ziikhilomitha ezingama-40 ukusuka eWisła, beshumayela yaye besasaza iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni. UJan Krzok uthi: “Kungekudala kwabakho amabandla amathathu akhutheleyo kwidolophu yethu.” Noko ke, inkululeko yonqulo ayizange ihlale ixesha elide.

Urhulumente wamaKomanisi, owathabathel’ indawo amaNazi, ngowe-1950 wawuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova ePoland. Ngenxa yoko abazalwana basekuhlaleni kwakufuneka babe nobulumko kubulungiseleli babo. Maxa wambi babetyelela abantu emakhayeni abo benze ngathi baze kuthenga imfuyo okanye ingqolowa. Iintlanganiso zamaKristu zazidla ngokuqhutywa ebusuku, ngokwamaqela amancinane. Sekunjalo, amapolisa ababamba abakhonzi bakaYehova abaninzi, bebatyhola ngokuba ziintlola—isityholo esingenabungqina. Amanye amagosa esoyikisa uPaweł Pilch athi: “UHitler akazange ayaphule ingqibelelo yakho, kodwa thina siza kuyaphula.” Sekunjalo, wahlala enyanisekile kuYehova, nangona wayevalelwe iminyaka emihlanu entolongweni. Xa amaNgqina aselula aliqela engazange avume ukutyobela uxwebhu lwezobupolitika lobusoshiyali, agxothwa esikolweni nasemisebenzini.

UYehova Waqhubeka Ekunye Nawo

Ngowe-1989 kwabakho inguqulelo kwezobupolitika, yaye amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni ePoland. Abakhonzi bakaYehova abomeleleyo baseWisła bawenza ngokukhawuleza gqitha umsebenzi wabo, njengoko oko kubonakala kwinani loovulindlela okanye abalungiseleli bexesha elizeleyo. Abazalwana noodade abali-100 bakulo mmandla baye baba ngoovulindlela. Ngenxa yoko, akumangalisi ukuba le dolophu ibizwa ngokuba nguMzi-mveliso Woovulindlela.

IBhayibhile ithetha ngendlela uThixo awabaxhasa ngayo abakhonzi bakhe kwixa elidluleyo isithi: “Ukuba ibingekuko ukuba uYehova ebenathi ekuvukelweni kwethu ngabantu, ngoko ngebesiginye siphila.” (INdumiso 124:2, 3) Kulo mhla wethu, phezu kwako nje ukwanda kwenkcaso nokuziphatha okubi kwabantu abaninzi, abakhonzi bakaYehova eWisła bazabalazela ukugcina ingqibelelo yabo yaye basikelelwa gqitha. Izizukulwana zamaNgqina kuloo mmandla zinokukungqina ukuba yinyaniso kwamazwi ompostile uPawulos athi: “Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi?”—Roma 8:31.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

UEmilia Krzok wathunyelwa kwinkampu yokwexeshana eBohemia nabantwana bakhe uHelena, uEmilia noJan

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Xa wayengazange avume ukuya emkhosini, uPaweł Szalbot wathunyelwa ukuba aye kusebenza emgodini

[Umfanekiso okwiphepha 27]

Xa abazalwana babethunyelwa eAuschwitz baza bafela khona, umsebenzi waqhubeka ukhula eWisła

[Umfanekiso okwiphepha 28]

UPaweł Pilch noJan Polok basiwa kwinkampu yolutsha eLodz

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]

Berries and flowers: © R.M. Kosinscy/www.kosinscy.pl

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share