Ngaba Unokuba Nomfanekiso-ngqondweni Woko Ukufundayo?
UKUZE ube nomfanekiso-ngqondweni weziganeko, uya kukufumanisa kuluncedo ukuqhelana neendawo ofunda ngazo. Ngokomzekelo, cinga ngohambo lompostile uPawulos lobuvangeli basemazweni oluchazwe kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo. Kuhambo lwakhe lokuqala, waqala kwa-Antiyokwe, apho abalandeli bakaYesu baqala khona ukubizwa ngokuba ngamaKristu. Ukusuka apho waya kwiindawo ezinjengeSalami, kwa-Antiyokwe yasePisidiya, eIkoniyo, eListra naseDerbhe. Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni wendawo ezikuzo?
Mhlawumbi akunawo, ngaphandle kokuba unemaphu. Kwincwadana enemifanekiso enamaphepha angama-36 ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle,’ kukho imaphu enjalo. Omnye umfundi waseMontana, eUnited States, ebulela wathi: “Ndiyakwazi ukubona uhambo lukaPawulos ndize ndizame ukuba nomfanekiso-ngqondweni wezinto zokuhamba awayezisebenzisa nomsebenzi awayewenza yena namanye amaKristu enkulungwane yokuqala ukusasaza iindaba ezilungileyo. Ndiyabulela gqitha ngale ncwadana intle endenza ndibe nomfanekiso-ngqondweni ngezinto.”
Imaphu yohambo lukaPawulos yenye yeemaphu ezininzi ezikule ncwadana inemifanekiso eya kunceda umfundi abe nomfanekiso-ngqondweni woko kuchazwe eBhayibhileni. Unokuzicelela umbhalo wale ncwadana inemifanekiso ethi, ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’ ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi kwidilesi ebonisiweyo okanye kwidilesi efanelekileyo ekwiphepha 2 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.