IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 3/1 iphe. 3-4
  • Ukulwa Ngamazwi—Kutheni Kusenzakalisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukulwa Ngamazwi—Kutheni Kusenzakalisa?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe
    Vukani!—1996
  • Ngaba UThixo Uyazixhasa Iimfazwe?
    Vukani!—2002
  • ‘Funa Uxolo Uluphuthume’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • ‘Sukela Izinto Ezisingisa Eluxolweni’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 3/1 iphe. 3-4

Ukulwa Ngamazwi—Kutheni Kusenzakalisa?

“Zibangelwa yintoni na iimfazwe neengxabano phakathi kwenu?”—YAKOBI 4:1.

UMBHALI weBhayibhile uYakobi wayengabuzi lo mbuzo kumajoni omkhosi wamaRoma, awayesilwa iimfazwe; yaye wayengabhekiseli kumlo wabanqolobi iiSicarii zamaYuda, okanye Amadoda Ezinkempe enkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo. UYakobi wayethetha ngeengxabano eziba phakathi kwabantu abambalwa njengababini. Ngoba? Kuba njengeemfazwe, ukuxabana nabanye abantu kunokwenzakalisa. Makhe sihlolisise ezi ngxelo zeBhayibhile.

Oonyana bakasolusapho uYakobi babemthiyile umntakwabo uYosefu kangangokuba bamthengisa ebukhobokeni. (Genesis 37:4-28) Kamva, uKumkani wakwaSirayeli uSawule wazama ukubulala uDavide. Ngoba? Kuba wayemmonela uDavide. (1 Samuweli 18:7-11; 23:14, 15) Kwinkulungwane yokuqala, amabhinqa amabini angamaKristu, uWodiya noSintike, baluphelisa uxolo lwebandla lonke ngenxa yengxabano ababenayo.—Filipi 4:2.

Kamva, amadoda ayezilungisa izinto ngezigalo, esebenzisa amakrele okanye imipu. Omnye wala madoda wayebulawa okanye enzakaliswe kanobom. Namhlanje, abo badla ngokuxabana ixesha elide badla ngokusebenzisa amazwi abukhali nahlabayo. Nangona kungekho gazi liphalalayo, ukuhlaselana ngamazwi kunokukhubekisa kuze kubangele omnye umntu angabi negama elihle. Abantu abamsulwa badla ngokubandezeleka “kwiimfazwe” ezinjalo zamazwi.

Cinga ngoko kwenzeka kwiminyaka ngaphambilana xa umfundisi womTshetshi watyhola omnye umfundisi ngokusebenzisa kakubi imali yecawa. Ingxabano yabo yaziwa nguwonke wonke, yaye ibandla ababengabefundisi kulo laqhekeka. Amanye amarhamente akazange avume ukuya ecaweni xa inkonzo iqhutywa ngomnye ababemchasa. Le ngxabano yayimbi kakhulu kangangokuba la marhamente ayengathethisani xa esecaweni. Xa lo mfundisi utyhola omnye watyholwa ngokuziphatha kakubi ngokwesini, le ngxabano yaba mbi nangakumbi.

UBhishophu Omkhulu waseCanterbury wabacenga aba befundisi, ebiza ingxabano yabo ngokuthi “ngumhlaza” yaye “ilihlazo elinyelisa igama leNkosi Yethu.” Ngowe-1997 omnye waba befundisi wavuma ukuyeka ukuba ngumfundisi. Omnye waqhubeka engumfundisi de wafika kwiminyaka yokuba athabathe umhlala-phantsi. Noko ke, waqhubeka engumfundisi de kwangumzuzu wokugqibela, ethabatha umhlala-phantsi eneminyaka engama-70 ubudala, ngoAgasti 7, 2001. IThe Church of England Newspaper yakhankanya ukuba usuku athabatha ngalo umhlala-phantsi yayilusuku lomsitho “weNgcwele” uVictricius. Yayingubani “iNgcwele” uVictricius? Ngubhishophu wenkulungwane yesine ekuthiwa watywatyushwa ngenxa yokungavumi ukulwa emfazweni. Ithetha ngokwahluka kwezimo zengqondo zaba bantu bobabini eli iphephandaba lathi: “Lo mfundisi uthabatha umhlala-phantsi wayekulungele ukulwa nomnye umfundisi ngoxa omnye umfundisi wayengafuni ukuya emfazweni.”

Aba befundisi ngebabekuphephile ukukhubekisana nokukhubekisa abanye ukuba babesebenzise isiluleko esikumaRoma 12:17, 18 esithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”

Kuthekani ngawe? Ukuba umntu othile uyakukhubekisa, ngaba ingqumbo ikubangela ukuba uhlasele ngamazwi? Okanye ngaba uyawaphepha amazwi ahlabayo uze uzame ukugcina uxolo? Xa ukhubekise omnye umntu, ngaba uyamphepha loo mntu uze ube nethemba lokuba ukuhamba kwexesha nokulibala kwaloo mntu kuya kuyiphelisa le ngxaki? Okanye ngaba uyakhawuleza ukucela uxolo? Enoba ucela uxolo okanye uxolela omnye umntu, ukuzama ukudala uxolo kunokukwenza wonwabe nangakumbi. Isiluleko seBhayibhile singasinceda ukuze sikwazi ukucombulula neengxabano ekudala zikho, njengoko inqaku elilandelayo libonisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share