Intsimi ‘Imhlophe Ukuba Ivunwe’
Kwincam esemantla oMzantsi Merika kulapho ufumana khona uSingasiqithi iGuajira. Le ndawo iphakathi kwamantla eKholombiya nomntla-ntshona weVenezuela. Ngenxa yengqatsini yelanga nokunqongophala kwemvula apho sekude kwafuna ukuba sentlango, namaqondo obushushu afikelela kuma-43 ngokukaCelcius. Nakuba imozulu ingentle, abantu balapho bahlala bexakekile kukulima. Ngenxa yolwandlekazi olupholileyo kukho impepho nomoya obetha kamnandi osuka kumntla-mpuma nto leyo eyenza kube mnandi kubantu abatyelele apho njengoko bebukele ubuhle obuthi ndijonge namanxweme angayiwayo.
ELI ke lilizwe lamaIndiya ekuthiwa ngamaWayuu. Amalunga nama-305 000 amaWayuu akhoyo, ibe ali-135 000 kuwo ahlala eKholombiya. Olu hlanga lwaluhlala apha kwakude kudala ngaphambi kokuba ilizwe lalo libe lithanga leSpeyin.
AmaWayuu aphila ngokulima nokufuya. Enye into ayenzayo kukuloba nokurhwebelana namazwe angabamelwane. Amabhinqa ahamba phambili kumsebenzi wokuluka izinto ezinemibala eqaqambileyo nezithandwa ngabakhenkethi.
La maIndiya aziwa ngokunyaniseka nokuba ziindlezane. Noko ke, nawo aphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ubuhlwempu yeyona ngxaki iphambili, eza nezinye iingxaki njengokungafundi, ukungondleki kwabantwana, ukunqongophala kwamaziko empilo nobunjubaqa kwezinye iindawo.
Kangangamashumi eminyaka iicawa zeNgqobhoko bezithumela abavangeli basemazweni baye kuhlala namaWayuu. Ngenxa yoko, izikolo ezininzi kuquka ezokuqeqesha ootishala ziphantsi kwecawa. AmaWayuu amaninzi alandela ezo ndlela kuthiwa zezobuKristu, njengokunqula imifanekiso nokubhaptizwa kweentsana, kodwa akahlukananga neenkolelo namasiko awo.
AmaWayuu ngabantu abamoyikayo uThixo ibe ayamkela lula inyaniso yeBhayibhile efundiswa ngamaNgqina kaYehova. Ekuqaleni kweye-1980, ayesixhenxe kuphela amaWayuu angamaNgqina eGuajira, ibe amathathu kuwo ayehlala eRíohacha idolophu elikomkhulu. Ukongezelela kula maNgqina omthonyama, kwakukho abavakalisi abangama-20 ababeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngeSpanish.
Isigidimi Ngolwimi Lwawo Lweenkobe
Ukongezelela kulwimi lawo lomthonyama isiWayuunaiki, amaWayuu amaninzi ahlala eRíohacha azama ukuthetha neSpanish esingephi. Ekuqaleni, kwakungekho mpumelelo kangako ekushumayeleni kwawo isigidimi soBukumkani. Abantu balapha babebaphepha abantu basemzini yaye besithi ngama-arijuna. Xa amaNgqina eshumayela emizini yawo, amaWayuu ayethetha nawo ngolwimi lwawo kungekhona iSpanish. AmaNgqina ayedlulela kumzi olandelayo.
Noko ke, ngasekupheleni kowe-1994 iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yathumela iqela loovulindlela abakhethekileyo, ababeza kuhlala apho befundisa iBhayibhile ixesha elizeleyo kwiBandla laseRíohacha. Aba vulindlela bacela elinye iNgqina lalapho ukuba libafundise isiWayuunaiki. Emva kokufunda iintshumayelo ezilula ngolu lwimi, baqalisa ukushumayela ibe zange kube kudala baqala ukuphulaphula abantu balapho. Nakuba aba vulindlela babepitiliza isiWayuunaiki, abaninimzi bavuyiswa koku batsho baphulaphula, yaye maxa wambi babede bancokole ixesha elidana ngeso Spanish sabo saphukileyo!
‘Imhlophe Ukuba Ivunwe’
Umpostile uPawulos wafanisa umsebenzi wamaKristu wokwenza abafundi nokulinywa kwentsimi, mzekelo lowo oqondwa kakuhle ngamaWayuu kuba angabalimi. (1 Korinte 3:5-9) Singatsho ke ukuba, intsimi yamaWayuu ‘imhlophe ukuze ivunwe.’—Yohane 4:35.
UNeil, i-Indiya elingumWayuu ohlala eManaure, waba nesifo somnqonqo. Egxeka uThixo, wadandatheka de wafuna ukuzibulala. INgqina elalishumayela kwindlu ngendlu ngoxa lalihambela izinto zomsebenzi kwiidolophu ezahlukeneyo lathetha naye ngoBukumkani bukaYehova. UNeil wayeseneminyaka eli-14 kuphela ubudala. Libona umdla anawo, eli Ngqina laqalisa ukufunda iBhayibhile naye. UNeil wavuya akuva ngothando lukaYehova, watsho waqonda ukuba asingoThixo owabangela ukubandezeleka kwakhe. Wachukumiseka gqitha akuva ngesithembiso sikaThixo somhlaba oyiparadesi, ekungayi kubakho bantu bagulayo kuwo.—Isaya 33:24; Mateyu 6:9, 10.
Ngelo xesha, intsapho kaNeil yayixabene nenye intsapho. Zizama ukuzikhusela, izalamane zakhe zasebenzisa amayeza okuziqinisa. UNeil uthi: “Ekuqaleni, ndandisoyika ukuxelela abantu bakuthi ngokholo lwam olutsha, ngakumbi abo baziinkonde, kuba bahlonelwa gqitha.” Abazali bakhe bacaphuka kukuva ukuba akayi kwenza izinto ezingqubana neBhayibhile. Wafudukela eRíohacha waza wanxulumana nebandla lalapho de wabhaptizwa. Ngowe-1993 waba sisicaka solungiselelo, emva kweminyaka emithathu waba nguvulindlela othe ngxi. Ngowe-1997 waba ngumdala webandla. Ngowama-2000, waba nguvulindlela okhethekileyo.
Omnye umzekelo ngokaTeresa, umWayuu owaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina. UDaniel indoda awayehlalisana nayo, yamgculela imbetha nabantwana babo abathathu. Nakuba kamva yavumayo ukufunda iBhayibhile noTeresa, yayidla ngokuya kuzitshiza ngotywala nabahlobo bayo, maxa wambi yenjenjalo iintsuku ezine okanye ezintlanu. Ngenxa yoko intsapho yayisala ingenayo nesenti. UTeresa waqhubeka efunda esiya nakwiintlanganiso zamaKristu. Oku kwamnceda uDaniel wabona ukubaluleka kokufunda iBhayibhile. Kusenjalo omnye umntwana wabo watshiswa ngamanzi abilayo wafa. Ekuloo ntlungu yokufelwa, uTeresa kwafuneka axhathise ingcinezelo yabahlobo nabamelwane befuna kwenziwe amasiko okungcwaba angqubanayo neZibhalo.
Ngelo xesha lobunzima, esi sibini safumana ukhuthazo nentuthuzelo kumabandla akufutshane. Emva komngcwabo, saqhubeka sithuthuzelwa libandla lasekuhlaleni elithetha isiWayuu. Esakubona indlela athandana ngayo amaKristu, uDaniel wenza inkqubela ngokomoya. Wayeka ukusela nokuphatha kakubi uTeresa. UDaniel noTeresa batshata, waza waqalisa ukuzibhokoxa esondla intsapho yakhe. Benza inkqubela ngokomoya yaye babhaptizwa ngowama-2003. Bobabini baqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ngenxa yobungqina obuhle obanikelwa nguTeresa kubantu bakowabo, ngoku bayawaphulaphula amaNgqina xa eshumayela. Omnye wabatshana bakaDaniel ngumvakalisi ongabhaptizwanga, abanye abathathu bafunda iBhayibhile ibe bayaya kwiintlanganiso zebandla. Indodakazi kaTeresa, eyafelwa ngunyana wayo kwingozi yemoto, inomdla wokufunda iBhayibhile kuquka nentsapho yayo.
Ukutya Kokomoya NgesiWayuunaiki
Ngowe-1998 kwashicilelwa incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!a ngolwimi lwesiWayuunaiki. Yaba luncedo gqitha ekuvuseni umdla kwintsimi yesiWayuu nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Ngowama-2003 kwenziwa amalungiselelo okuba kubekho iqela labazalwana abaza kuguqulela iincwadi zamaNgqina kaYehova ngolu lwimi. Ngenxa yokuzinikela kweli qela labaguquleli abahlala eRíohacha, kuye kwaguqulelwa iincwadana ezinemifanekiso ezingakumbi, nto leyo inegalelo ekukhuleni ngokomoya kwabafundi abathetha isiWayuunaiki.
Ukususela ngowama-2001, iintetho ezithile kucwangciso lwendibano yesithili beziguqulelwa kwisiWayuunaiki. Izifundo zeBhayibhile ziyakhuthazeka ngokomoya xa zisiva ucwangciso ngolwimi lwazo. Zikhangele phambili kumhla eziya kubona ngawo imidlalo yeBhayibhile isenziwa ngesiWayuunaiki.
Intsimi Enolwando
Malunga neekhilomitha ezili-100 ukusuka eRíohacha ukusa emntla-mpuma kukho idolophu ekuthiwa yiUribia. IBandla iUribia Wayuu linabavakalisi boBukumkani abali-16, abaninzi kubo bazabalazela ukushumayela kumaIndiya ahlala emaphandleni. Ethetha ngeli phulo lokunikela ubungqina, omnye wabadala beli bandla uthi: “Satyelela kwifama eneqela lezindlu ezinophahla olufutshane neefestile ezincinane. Ngaphambi kwendlu nganye kukho uphahla lwamaplanga olufulelwe ngengca. Intsapho neendwendwe zihlala kule veranda xa kutshisa ilanga. Savuya kukubona abaninzi benomdla, saza senza amalungiselelo okubuyela kubo ukuze siqalise izifundo zeBhayibhile. Ekubuyeni kwethu, safumanisa ukuba abaninzi abafundanga. Basixelela ngesikolo esingasasetyenziswayo ngenxa yokungabikho kwemali. Umphathi waso wavuma ukuba sisisebenzise ukuze sifundise abantu ukufunda nokubhala ngenjongo yokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Bathandathu abantu balapho abaye bancedwa bakwazi ukufunda nokubhala ibe benza inkqubela kwisifundo sabo seBhayibhile. Siye sachukumiseka gqitha ngumdla abanawo aba bantu, ngoko siceba ukuqhuba iintlanganiso apho.”
Aliqela amaNgqina ezinye iindawo aye afunda isiWayuunaiki, ibe aluncedo gqitha. Kulo Singasiqithi iGuajira sele kukho amabandla asibhozo namaqela amabini athetha olu lwimi.
Akuthandabuzeki ukuba uYehova uyayisikelela le migudu. Yinyaniso ukuba, kusekuninzi okumelwe kwenziwe ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kumaWayuu. Kulindeleke imiphumo emihle njengoko abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya besiba ngabafundi bakaKristu. Ngamana uYehova angathumela abalungiseleli abangakumbi baye kusebenza kule ntsimi, ‘imhlophe ukuze ivunwe.’—Mateyu 9:37, 38.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Iimaphu ezikwiphepha 16]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
VENEZUELA
COLOMBIA
LA GUAJIRA
Manaure
Ríohacha
Uribia
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
Wayuu camp below: Victor Englebert