Umnqweno Ka-Adryana
UADRYANA, intombazana eneminyaka emithandathu ubudala, yaseTusla, eOklahoma, eUnited States yayinomnqweno othile. Wayenomnqweno ofanayo nalowo womdumisi uDavide owathi: “Inye into endiyicelileyo kuYehova—ndiya kufuna yona, ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, ndibone ukuthandeka kukaYehova ndize ndikhangele ngoxabiso etempileni yakhe.”—INdumiso 27:4.
Xa uAdryana wayeneenyanga ezintandathu ubudala, kwafunyaniswa ukuba unesifo ekuthiwa yineuroblastoma, ithumba eliphazamisana nemithambo-luvo. Ngenxa yesi sifo yafa fi imilenze yakhe. Oogqirha bamtyanda kaninzi besebenzisa nechemotherapy unyango lomhlaza.
Uyise, nongelilo iNgqina likaYehova, waqhagamshelana nombutho othile ecela ukuba intombi yakhe ityelele ipaki ethile edumileyo. Ngaphambi kokuba uvume lo mbutho, wadlan’ indlebe noAdryana. Wawubulela ngesisa sawo kodwa wachaza ukuba yena unqwenela ukutyelela eBheteli, ikomkhulu lamaNgqina kaYehova eliseNew York. Wathi akuva ngesicelo sikayise, wathandaza kuYehova emxelela ukuba ufuna ukuya eBheteli. Nakuba amalungu alo mbutho ekuqaleni ayevakalelwa kukuba iBheteli asiyondawo ifanele abantwana, avumelana nesicelo sika-Adryana akuba noyise evumile.
Ephelekwa ngunina, udade wabo nomhlobo wakhe, uAdryana waya eNew York etyelela eBheteli isihlandlo sokuqala. UAdryana wathi: “UYehova uwuphendule umthandazo wam, ibe bendisazi ukuba uza kuwuphendula. Ndiyibonile indlela ekwenziwa ngayo iincwadi, amaphephancwadi neeBhayibhile. Yeyona ndawo ibhetele kunokuya epakini.”
UAdryana ‘wakubona ukuthandeka kukaYehova’ waza wakhangela ngoxabiso kwizinto ezenziwa kwelo ziko ngabantu bakaYehova namhlanje. Nawe wamkelekile ukuba utyelele eBheteli. Ukongezelela kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eliseNew York, zikho nezinye iiofisi zamasebe kwamanye amazwe.